1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba uvavanyo lokwandlalela ngoFebruwari noMatshi 2008 kubo bonke abafundi beBakala 4 kwizikolo zaseprayimari eziyi-522, kwizikolo zesigaba esiphakathi nakwizikolo ezidityanisiweyo ezikumaNqanaba eNtlupheko kuZwelonke 1, 2, no-3 (National Quintiles 1, 2 and 3). Olu vavanyo luya kwenziwa kwilizwe liphela kusetyenziswa izixhobo zovavanyo ezikumgangatho ofanayo (standardised test instruments) ezikhutshwe liSebe leMfundo likazwelonke.
2. Injongo yolu vavanyo lokwandlalela kukuthatha umlinganiselo, njengangoku, wenqanaba loLwazi lokuFunda nokuBhala nowoLwazi lokuBala kwizikolo ezityunjiweyo ukwenzela ukuba kube nokujongisiswa inxaxheba yongenelelo ngoncedo lweSebe iWCED kwixesha elizayo kwezi zikolo. Le yinkalo ebaluleke gqitha kwiProgram yoPhuculo loMgangatho, uPhuhliso neNkxaso (Quality Improvement, Development, Support and Upliftment Programme (QIDS UP)) enjongo ikukunika inkxaso nokuphucula umgangatho wemfundo kwezi zikolo.
3. Ekuqaleni uvavanyo lokwandlalela bekufanele ukuba lwenziwe kubafundi beBakala 3 ekupheleni kwalo nyaka ka 2007 wezifundo. Kodwa ke, kwathi kuba uVavanyo lweMfundo (Systemic Evaluation) lweBakala 3 luqhubeke ngoSeptemba kulo nyaka, kwagqitywa ekubeni kulungiselelwe olu vavanyo lokwandlalela kwasekuqaleni ku-2008. Imihla yovavanyo ngqo lwesikolo ngasinye iya kukhutshwa ekuqaleni konyaka ozayo.
4. Abafundi baya kuvavanywa ngokweziphumo zokufunda zeBakala 3 nangokwemigangatho yovavanyo yoLwazi lokuFunda nokuBhala neyoLwazi lokuBala. Ngako oko ke bayacelwa ootitshala beBakala 4 ukuba bakhe barivayize iziphumo zokufunda zoLwazi lokuFunda nokuBhala kunye nemigangatho yovavanyo nabafundi beBakala 4 ukuze iziphumo zovavanyo zinike umfanekiso ofanelekileyo wendlela abaqhuba ngayo abafundi.
5. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabazali.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:27