INGCACISO EMFUTSHANE: | DQA/0010/2007 |
IYA: | KUBALAWULI BEE-EMDC, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUMASEKELA BALAWULI (KWEZOLAWULO), KOOSIHLALO BEEKOMITI ZOQEQESHO NAKWIINQUNUNU ZAMAZIKO EMFUNDO |
| I-IQMS: INKQUBO YOKUMODAREYITHWA KWAMANQAKU SIKOLWENI |
1. |
NgokweKhalenda ye-IQMS yooTitshala ka-2007 (IQMS Calendar for Educators for 2007), uvavanyo oluquphayo (summative evaluation) olwaluqale ngo-Agasti 2007, lufanele ukugqitywa nge-31 Oktobha 2007.
|
2. |
Inqununu yeziko ngalinye eliphantsi kolawulo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni inoxanduva lokuqinisekisa ukuba amanqaku ovavanyo oluquphayo (summative scores) abo bonke ootitshala abahlawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni abakwelo ziko angeniswa kumququzeleli we-IQMS kwi-EMDC echaphazelekayo ungadlulanga owe-14 Novemba 2007, njengoko kubonisiwe kwiKhalenda ye-IQMS yooTitshala ka-2007. Oku kukwanjalo nakwii-CEO zeekholeji ze-FET.
|
3. |
Inqununu inoxanduva lokumodareyitha amanqaku ovavanyo oluquphayo ootitshala abakwisikolo eso.
|
4. |
Ukumodareyitha kwangaphakathi kwimeko ye-IQMS yinkqubo yokungqinisisa ubunyaniso bamanqaku anikiweyo ngokungqinelana nemigangatho yentsebenzo, iinkqubo nemigaqo njengoko zimiselwe kwezi Mvumelwano 8 ka-2003 kunye no-4 no-5 zika-2005 ngokulandelelanayo neMibutho yaBasebenzi yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (ELRC Collective Agreements 8 of 2003 and 4 and 5 of 2005 respectively).
|
5. |
Injongo yezi nkqubo mayibe kukuqinisekisa ukuba iinkqubo nemigaqo ebhalwe kwiiMvumelwano ze-Mibutho yaBasebenzi yeBhunga kuMfundo ziyathotyelwa ngokupheleleyo.
|
6. |
Inkqubo yokumodareyitha mayingaphinda-phindi iinkqubo zovavanyo, koko kumele ingqinisise ukuba iinkqubo ezo ziyayanelisa imigaqo yokujonga izinto ngeliso nangengqondo ephangaleleyo (objectivity), yokuthembakala kwenkqubo (reliability), yokunyaniseka kwenkqubo (validity) neyokwenzela izinto ekuhleni (transparency).
|
7. |
Ezi zinto zilandelayo kufuneka zenziwe xa kuqhutywa inkqubo yokumodareyitha:
- Phicotha onke amaxwebhu katitshala ngamnye
- Tshekisha amanqaku anikwe umgangatho ngamnye wentsebenzo ngokuthelekisa nentsebenzo leyo
- Tshekisha ukuba kukho na ukungqinelana phakathi kwamanqaku alowo nalowo titshala kunye neenkalo zophuhliso
- Qinisekisa ukuba ii-PGP zalowo nalowo titshala zinazo iinkalo eziqatshelelwe kuba ziphuhliswe
- Tshekisha ukuba ngaba ubungqina obubhaliweyo bunikiwe na ukuxhasa amanqaku, apho kuyimfuneko
- Tshekisha amanqaku katitshala ukuba abufanele na obo bungqina bukhoyo
- Phicotha iingxelo ezingophuhliso lwezakhono/uqeqesho oluye lwaqhubeka
- Qwalasela inqanaba lokupasa kwabafundi kwaye i-DSG mayibonise ngokwenene iimeko ezinxaxhileyo/ukungangqinelani kwezinto/nokuthungelana okubuthathaka kwezinto
|
8. |
Ezi zinto zilandelayo ziluxanduva lwenqununu:
- Beka ixesha elisikelwe inkqubo yokumodareyitha
- Bamba intlanganiso namalungu e-SMT nawe-SDT nixoxe ngeenkqubo zokumodareyitha
- Qinisekisa ukuba amanqaku abo bonke ootitshala amodareyithiwe kwaye angqinelana nentsebenzo
- Tshekisha ukuba ngaba kuye kwakho usetyenziso olufanayo lweekhrayitheriya ukufikelela kumanqaku lawo
- Xoxa ngesiphumo senkqubo yokumodareyitha ne-SMT kunye ne-SDT
|
9. |
Umphathi wesekethe uya kufumana amanqaku kumququzeleli we-IQMS aze amodareyithe amanqaku ezikolo kwisekethe iphela.
|
ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:01
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|