1. Oku kubhekiselele kule Setyhula WCED Circular 0012/2007 ye-23 Matshi 2007.
2. Okusidanisileyo kukufumana ukuba abe ngaphantsi kwe-30% amaxwebhu eSPMDS amalunga nabasebenzi beNkonzo kaRhulumente beSebe leMfundo leNtshona Koloni omjikelo ka-2005/2006 afikayo ngethuba elalibekiwe.
3. Oku kubangele ukuba kuvele umbuzo wokuba ngaba le pesenti esezantsi yamaxwebhu afikayo ibonisa ukusetyenziswa ngokuzimisela kwale nkqubo apha ngaphakathi kwiWCED okanye akunjalo. Ukuba olu luphawu lokuba le nkqubo ayisetyenziswa ngokuzimisela, kuya kufuneka, bonke abaphathi babasebenzi, kwakunye neentloko zamaziko emfundo, bachazele abasebenzi abaphantsi kwabo nesebe eli ukuba kutheni na iSPDMS ingasetyenziswanga nje kwaye kungani na zingangeniswanga iingxelo malunga nabasebenzi (kungakhathaliseki nokuba ngaba intsebenzo yabo "ingaphezu kweyamkelekileyo" okanye akunjalo nokuba ngaba bafanelekile ukufumana ibhonasi yentsebenzo okanye akunjalo).
4. Ukuze kugqitywe iinkqubo ezinxulumene nomjikelo weSPMDS 2005/2006, makungeniswe onke amaxwebhu azaliswe ngokupheleleyo, iikopi zawo ezingabhalwanga nto sele nizinikiwe (IziHlomelo A - D no-I, kwakunye nesiHlomelo E kwiimeko apho angekangeniswa nangoku), abo bonke abasebenzi beNkonzo kaRhulumente apha: Head Education: Western Cape Education Department, for attention: The SPMDS officer, Directorate: Personnel Management (Public Service Staff), Room 10-11, Private Bag X9114, Cape Town, 8000, ungadlulanga umhla we-31 Agasti 2007.
5. Ukongeza, abo batyunjelwe iibhonasi zentsebenzo mababe ngabawela ngaphakathi kwekhevu yolwabiwo eqhelekileyo engu-20% (normal distribution curve) ngeziko lemfundo ngalinye/ngecandelo labasebenzi ngalinye. Ukungeniswa kwesiHlomelo I (Appendix I) esikhankanywe kumhlathi ongaphambili, kuyimfuneko ngamandla kakhulu njengoko izizathu ezixhasa intsebenzo yabasebenzi ngeli thuba lalo mjikelo wentsebenzo kufuneka zibhalwe kuloo fom. Akukho zingxelo zingeniswe mva ziya kuthathelwa ingqalelo ngenjongo yokufumana iibhonasi zentsebenzo kwaye kwakhona uxanduva luya kubekwa emagxeni abaphathi babasebenzi yaye baya kumelwa kukuphendula ngokungangeniswa kweengxelo nangenxa yezikhalazo ezinokubangelwa koku.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:07