INGCACISO EMFUTSHANE: | DPM/0004/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, NAKUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC) |
| UKUTHUNYELWA KWEPOSI ESUKA KWANDLUNKULU |
1. |
Njengoko nisazi, iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zithunyelwa zikwifomathi ye-imeyili, kodwa izikolo ezingenazo izibonelelo ze-imeyili zibonelelwa ngekopi eziprintiweyo ezingamaphepha (hard copies). Ukuba iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zinefayili eziqhotyoshelwe kuzo ezingenakho ukuthunyelwa nge-imeyili, kuya kwenziwa ukuba iikopi eziprintiweyo ezingamaphepha (hard copies) zifumaneke.
|
2. |
Ukuphendula kwimeko yokwanda kweendleko zokuhanjiswa kweposi esuka kwaNdlunkulu, eli candelo lakhuphela bonke abalawuli abaziintloko nabalawuli nge-17 Novemba 1998 isaziso malunga nokulandela amanyathelo okonga iindleko nasasebenzayo nangoku.
|
2.1 |
Iposi eqhelekileyo iya kuthunyelwa liCandelo lakwaRejistri ngoLwesine kuphela.
|
2.2 |
Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane ezingamaphepha eziprintiweyo ziya uthunyelwa ezikolweni qho kuLwesine wesithathu ngaphandle kokuba kukho ubungqina obuvela kumlawuli wecandelo bokuba isetyhula leyo okanye ingcaciso emfutshane inomhla omisiweyo kwaye kufuneka iposwe ngokukhawuleza. Ukuba ngaba isetyhula okanye ingcaciso emfutshane kufuneka ithunyelwe phambi komhla wokuposwa oqhelekileyo, icandelo elichaphazelekayo liya kuthwala uxanduva lokuhlawula iindleko zokuposa.
|
3. |
Imihla yokuthunyelwa kwezi setyhula okanye ngcaciso zimfutshane ngo-2008 yile ilandelayo:
10 Januwari 2008 | 31 Januwari 2008 | 21 Februwari 2008 | 13 Matshi 2008 |
03 Apreli 2008 | 24 Apreli 2008 | 15 Meyi 2008 | 05 Juni 2008 |
26 Juni 2008 | 17 Julayi 2008 | 07 Agasti 2008 | 28 Agasti 2008 |
18 Septemba 2008 | 09 Oktobha 2008 | 30 Oktobha 2008 | 20 Novemba 2008 |
|
4. |
Nayiphi na imibuzo malunga nokukule ngcaciso emfutshane mayibhekiswe komnye waba balandelayo:
Nks Martie Fick
Ifoni: 021 467 2758
I-Imeyili: mfick@pgwc.gov.za
Nks Charmaine Currie
Ifoni: 021 467 2757
I-Imeyili: ccurrie@pgwc.gov.za
|
5. |
Iya kuthakazelelwa into yokuba wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
6. |
Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.
|
ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:22
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|