INGCACISO EMFUTSHANE: | DPM/0002/2007 |
IYA: | KWI-OFISI YOMPHATHISWA WEPHONDO, KWI-OFISI YENTSUMPA-JIKELELE, KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC NAKUMASEKELA BALAWULI |
| UKUNGENISWA KWEERIKHWIZISHINI ZEEMPAHLA NEENKONZO EZIFUNYENWE NGENKQUBO ESESIKWENI YETHENDA |
1. |
UMhlathi 2 (a) weNgcaciso eMfutshane yeCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0001/2007 ye-19 Januwari 2007 (Logistical Services Minute 0001/2007 of 19 January 2007) uthi ukuba iirikhwizishini ezikhokelela ekuthengweni kweempahla okanye kweenkonzo ngenkqubo esesikweni yethenda kufuneka zingeniswe ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi komhla iimpahla kunye/okanye iinkonzo ezifunwa ngawo. Ngonyaka-mali ka-2006/07, abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) zange bahambe ngqo ngokwesi sikhokelo. UMphicothi ziNcwadi-Jikelele (Auditor-General) ukuqaphele oku waza waphawula ngako wathi kubonisa ukucwangciswa kakubi kwezinto ngabaphathi abajongene nestokhwe. Kuye kwakho, ke ngoko, imfuneko yokuba iCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo (Directorate: Procurement Management) likhe liphinde liqwalasele kwakhona iinkqubo neeshedyuli zalo.
|
2. |
Ukususela kumhla wokukhutshwa kwale ngcaciso imfutshane, kufuneka abaphathi abajongene nestokhwe bangenise izizathu ezibhaliweyo zokuthethelela ukungxamiseka kweerikhwizishini ezikhokelela kwiithenda (zokuthengwa kweempahla neenkonzo ezixabiso lazo liqikelelwa ngaphezu kwe-R100 000) ezingangeniswanga kwiCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi komhla lowo iimpahla/iinkonzo ezifuneka ngawo. Kwixesha elizayo, akukho rikhwizishini ifika kade iya kwamkelwa ngaphandle kwezizathu ezibhaliweyo zokuyithethelela okulolu hlobo.
|
3. |
Niyakhunjuzwa kwakhona ukuba akukho kuthengwa kweenkonzo neempahla kunokuqhubeka phakathi kwe-15 Disemba ne-15 Januwari ngawo nawuphi na unyaka. Njengoko kumiselwe yi-Ofisi kaNondyebo (Treasury), zonke iithenda kufuneka ngokwesiqhelo zipapashwe ithuba leentsuku eziyi-28 kwaye iinkqubo ezithile ezimiselweyo mazenziwe phambi kokuba kuqukunjelwe imvumelwano. Ngako oko ke, akukho xesha lininzi laneleyo phambi kokuba uphele unyaka lokupapasha iithenda, kuqukunjelwe imvumelwano kuze kunikwe ababoneleli-nkonzo ixesha elaneleyo lokuzisa iimpahla/lokwenza iinkonzo phambi kokuba kwenziwe intlawulo phambi kokuphela koMatshi 2008. Ngoko ke, ukuba izicelo zakho zethenda azifumanekanga phambi kowe-15 Novemba 2007, azisayi kwamkelwa ngenjongo yokuqwalaselwa ngaphandle kokuba iimpahla/iinkonzo zifunelwa unyaka-mali ka-2008/09.
|
4. |
Ngaphezulu, zonke iirikhwizishini zeempahla/zeenkonzo ekufuneka zithengiwe ngokuthi ziqale zipapashwe kwi-Electronic Procurement System (Sourcelink), nezifunelwa lo nyaka-mali umiyo, kufuneka nazo zingeniswe ungadlulanga owe-15 Novemba 2007. Njengesiqhelo, ezi rikhwizishini mazingeniswe ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 phambi kokuba iimpahla/iinkonzo zifuneke, njengoko zininzi iinkqubo emazilandelwe ezinxulumene nemigangatho yokwenziwa kweenkonzo ebhalwe kwisiCwangciso sokuPhuculwa koKwenziwa KweeNkonzo (Service Delivery Improvement Plan). Ukuba kukho nayiphi na irikhwizishini engeniswe ngexesha elingaphaya kweentsuku eziyi-30 kwaye zibe zifuneka ngokukhawuleza iimpahla/iinkonzo, uMlawuli ochaphazelekayo makangenise izizathu ezibhaliweyo zokuxhasa ukungxamiseka kwazo, aze phakathi kwezinye izinto, abonise oku kulandelayo:
- Kutheni iimpahla/iinkonzo zingafakwanga kwisicwangciso secandelo seminyaka emi-3 sokuthengwa kweempahla/kweenkonzo
- Kubonakele nini okokuqala ukuba iimpahla/iinkonzo ziza kufuneka kwaye ivunywe nini irikhwizishini
- Ziphumo zini nezinto ezingayi kulunga ukuba iimpahla/iinkonzo azithengwanga
- Ngawaphi amanye amanyathelo athathiweyo ukukhawulelana nesidingo okanye imfuno yeempahla/yeenkonzo
- Ukungabekwa tyala (indemnification) kwabeCandelo loQhagamshelwano naBathengisi (Supply Chain) ukuba iimpahla/iinkonzo azithengwanga kwangethuba okanye ukuba intlawulo ayinakuphunyezwa phambi kokuphela konyaka-mali.
|
5. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
6. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.
|
ISAYINWE: NGU-WL CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:30
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|