INGCACISO EMFUTSHANE: | DPE/0002/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO, KOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO NABAMABHUNGA AMAZIKO EMFUNDO |
| UKUKHUTSHWA KOLUHLU LWEZITHUBA 2/2007: IZITHUBA ZOOTITSHALA ABASEZIKOLWENI |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuzalisa izithuba zootitshala ezingenamntu ngokusisigxina njengoko oku kuya kuba negalelo elikhulu ekuqinisekiseni ngozinzo kwinkonzo yokufundisa.
|
2. |
Kuye ke ngoko kwafikelelwa esigqibeni sokuba kutshintshwe umhla apho amaziko anganako ukufikelela kuluhlu lwezithuba kwikhompyutha olukwiziko lewebhu ukuba ube yi-27 Juni 2007. Oku kuya kwenza izikolo zibe nako ukufaka kwikhompyutha izithuba ezitsha ezibangelwe kukuqeshwa kootitshala ngenxa yezithuba zezaziso ezazipapashwe kuLuhlu lweZithuba 1/2007.
|
3. |
Umhla wokuvala omtsha ubangele ukuba kuhlaziywe yonke imihla eyayinikwe kule Ngcaciso eMfutshane DPE Minute 0006/2006-yomhla we-4 Disemba 2006. Le thebhile ilandelayo inika imihla ehlaziyiweyo echaphazelekayo yopapasho lwezithuba ezingenabantu esele zabelwe imali kuLuhlu lweZithuba 2/2007 oluzayo.
OKWENZIWAYO | UMHLA |
I-WCED iza kuvulela amaziko emfundo uluhlu lwezithuba zengqesho kwikhompyutha ngalo mhla | 27 Juni 2007 |
Umhla wokuvala weenqununu ukuba zifake izithuba zengqesho kwiziko lewebhu kwikhompyutha | 20 Julayi 2007 |
Abaphathi beesekethe mabangqine batshekishe izaziso zezithuba | 27 Julayi 2007 |
I-WCED iza kupapasha ize ikhuphe uluhlu lwezithuba zengqesho ngalo mhla | 3 Agasti 2007 |
Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo | 24 Agasti 2007 |
I-WCED ithumela izicelo ezikolweni ngalo mhla | 19 Septemba 2007 |
Umhla wokungeniswa kwamagama abatyunjiweyo kwi-WCED ngamaBhunga oLawulo eZikolo/ngamaBhunga amaZiko eMfundo | 25 Oktobha 2007 |
I-WCED ivuma abatyunjiweyo ngalo mhla | 30 Novemba 2007 |
Umhla wokuqeshwa | 1 Januwari 2008 |
|
4. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:26
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|