INGCACISO EMFUTSHANE: | DOS/0001/2007 |
IYA: | KUBALAWULI, KUBAPHATHI BESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BESEKETHE, KUMASEKELA BALAWULI ABAKWII-OFISI ZEZITHILI, KWIINQUNUNU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO |
| UKUTHENGWA KWEZINTO ZOKUNCEDISA UKUFUNDA NOKUFUNDISA |
1. |
ISetyhula 49/2006 yowe-6 Oktobha 2006 imisela ukuba izikolo kufuneka zichithe i-60% yezabelo zazo zemimiselo nemigangatho ekuthengeni iincwadi zezifundo (textbooks).
|
2. |
Zonke izikolo ziyakhunjuzwa ukuba umfundi ngamnye kufuneka abe nencwadi yesifundo kuso ngasinye isifundo okanye inkalo yesifundo nganye.
|
3. |
Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kufumana izabelo zazo zemimiselo nemigangatho (norms and standards) zolwabiwo-mali lonyaka-mali 2007/08 ngeentlawulo ezimbini, i-60% ngo-Apreli ne-40% ngoNovemba. Zakuba zifumene intlawulo yokuqala ngo-Apreli 2007, kwakumele ukuba zathenga izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM) ukwenzela ukuba zibe ziyafumaneka ekupheleni kukaSeptemba 2007.
|
4. |
Ngokweebhajethi zezikolo (WCED 032), izixa-mali zizonke ezabelwe iincwadi zezifundo nokuthengwa kwezinto ezithengwa kwindawo leyo esikuyo isikolo (local purchases) zazo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 kumele zibe yi-R63,64 yezigidi ne-R32,18 yezigidi ngokulandelelanayo. Kuphicotho-zincwadi kufunyaniswe ukuba, ukuza kuthi ga kumhla we-12 Novemba 2007, kuphela yi-R48,94 yezigidi eyachithwa kwiincwadi zezifundo ne-R26,09 yezigidi eyachithwa kwizinto ezithengwa kwindawo leyo esikuyo isikolo.
|
5. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka linike ingxelo qho kwiSebe leMfundo likazwelonke malunga nokusetyenziswa kwesixa-mali sisonke esibhajethelwe i-LTSM. Ngako oko ke, kunyanzelekileyo ukuba izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zichithe izixa-mali ezibhajethelwe i-LTSM, ngokungqinelana nefom WCED 032, ungadlulanga owe-30 Novemba 2007. Ezi zikolo zingaqinisekisa imali esaseleyo ezingekazisebenzisi (credit balances) yokuthenga iincwadi zezifundo nezinto ezithengwa kwindawo leyo esikuyo isikolo kwi-ofisi yeerikhwizishini eKuils River. Iirikhwizishini (WCED 034 no-026) mazingeniswe kwi-ofisi yeerikhwizishini eKuils River ungadlulanga umhla we-30 Novemba 2007.
|
6. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga nalo mba ungasentla.
|
ISAYINWE: NGU-A. LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:05
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|