1. Ugqithile umhla wokugqibela wokungeniswa kweerikhwizishini zonyaka-mali oseleyo ka-2006/2007 (30 Novemba 2006), njengoko wawukhutshiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0026/2006 ye-21 Novemba 2006, kwaye akukho zirikhwizishini zizezinye ziya kwamkelwa.
2. Nceda uqaphele la malungiselelo alandelayo:
(a) Iimpahla neenkonzo eziza kuthengwa ngenkqubo yeziniki-maxabiso (tender process)

Imfuneko emiselweyo (standard requirement) kukuba iirikhwizishini ezikhokelela kwiziniki-maxabiso mazingeniswe ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi komhla wokufuneka kweempahla neenkonzo. Iirikhwizishini ezingeniswe ngenxa yale ngcaciso imfutshane ingentla apha sele zisemva kwexesha, kwaye akukho thuba laneleyo ukulungiselela zonke iinkqubo eziza kulandelwa. Nangona kunjalo, siya kulandela zonke iinkqubo eziqhelekileyo ezifunwa yi-Accounting Officers System. Ukuba ifumanekile imvume yokuba kumenywe iziniki-maxabiso, uya kuchazelwa malunga noku ngokufanelekileyo. Ishedyuli ebonakalisa ukuba leliphi na igosa kuLawulo loQhagamshelwano lwaBathengi naBathengisi (Supply Chain Management), eliya kusingatha irikhwizishini yakho, ifakiwè kwaye usengabeka iliso kwinkqubela-phambili yale shedyuli ngokuqhagamshelana nelo gosa lichaziweyo. Kukho iimeko ezingumngcipheko ezihamba kunye nokungenisa kwakho isicelo kwaye kufuneka uqaphele ukuba, ukuba iimpahla neenkonzo aziziswanga ngexesha ukwenzela intlawulo yalo nyaka-mali, iya kuba luxanduva lwakho ukuba wenze amalungiselelo neGosa lezeMali eliyiNtloko (Chief Financial Officer), ngoMphathi wakho weProgram, ukuba enze imali ibekho ukuze kuhlawulwe ezo mpahla kunyaka-mali ka-2007/2008.

(b) Iirikhwizishini zefanitshala nezixhobo zokusebenza

Zonke iimpahla eziyifanitshala nezixhobo zokusebenza ezibiza ixabiso elingaphezu kwe-R5 000 zihlelwa njengee-asethi eziphambili kwaye kufuneka zichazwe kwi-Annual Financial Statement, zize zifakwe kwirejista yee-asethi.

Ukuba akukhange wenze isicelo sokuthenga iimpahla zefanitshala ezifumaneka lula kubathengisi okanye izixhobo zokusebenza ezifumaneka lula, nceda uqaphele ukuba ifanitshala ixhomekeke kwinkqubo yokwenziwa efektri (manufacturing process) kwaye ngeli xesha lonyaka, iifektri zivalile. Isicelo siya kupapashwa ukulungiselela abathengisi ku-Sourelink. Umngcipheko kukuba ifanitshala ingangenziwa kwaye ingaziswa kwangexesha. Ukuba iimpahla azinako ukuziswa nge-31 Januwari 2007, ii-odolo ezifakwe kubathengisi ziya kurhoxiswa kwaye kuya kufuneka ukuba ungenise irikhwizishini entsha ukwenzela unyaka-mali ka-2007/2008.

(c) Izixhobo zekhompyutha

Izixhobo zekhompyutha, kungajongwanga ixabiso lazo, mazichazwe kwi-Annual Financial Statement kwaye mazingeniswe kwirejista yee-asethi. Kuyimfuneko ukuba zonke ezi mpahla zimakishwe (marked) zize zifakwe iibhakhowudi. Ukubalwa kwesitokhwe nenkqubo yokumakishwa kwazo sele igqityiwe kwaye iirikhwizishini ezingeniswe ngoku zibeka umthwalo owongezelelweyo kweli Candelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo. Iziko i-Centre for e-Innovation (Ce-I) linike inkcazelo yokuba ukufakwa kweekhompyutha ezintsha kucwangciselwe uJanuwari 2007. Umngcipheko kukuba izixhobo zingangaziswa ngexesha kwaye oko kuya kuchaphazela ukufunyanwa kwee-asethi, nto ke leyo eyi-disclosure note kwi-Annual Financial Statement. Siya ku-odola izixhobo zekhompyutha kubathengisi ekuvunyelwene nabo (contracted suppliers). Nangona kunjalo, kunyanzelekile ukuba wena wenze amalungiselelo afanelekileyo no-Ce-I, ukulungiselela ukufakelwa kweekhompyutha ngokufanelekileyo kwanokunika ingxelo malunga ngokuhanjiswa kwezixhobo zekhompyutha, njengoko kuyimfuneko ngokweSetyhula 0028/2005 yomhla wama - 23 Meyi 2005.

(d) Iirikhwizishini zezinto zokubhala (stationery) nezinye iimpahla/iinkonzo

Xa bekufunwe izinto ezinexabiso elingekho ngaphezu kwama-R500 kwaza kwaqhotyoshelwa ikowuteshini kwirikhwizishini, ipetikheshi iya kucelwa kwiCandelo Leenkonzo ZoCwangciso-Mali. Nangona kunjalo, kufuneka uqaphele ukuba iflowuthi yepethikheshi (petty cash flow) kwiiNkonzo ZoCwangciso-Mali, iqingqiwe yaba sisixa esiyi-R3 000 ngenyanga kwaye kuya kuqinisekiswa ukuba zeziphi na iirikhwizishini ekungagqitywa ngazo (disposed of) ngale ndlela. Isicelo siya kupapashwa ukulungiselela abathengisi ku-Sourcelink ukuze iimpahla neenkonzo zi-odolwe. Nceda qaphela ukuba akukho zibhengezo ziya kufakwa phakathi kwe-15 Disemba ne-15 Januwari, njengoko amashishini evalile. Kwangale ndlela inye, akunakulindela ukuziswa kweempahla phakathi kwale mihla. Ngoko ke, ukuba iimpahla aziziswanga de ifike i-31 Januwari, kuya kufuneka ukuba zirhoxiswe ii-odolo, njengoko kukho uxinzelelo lokuba iCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo ligqibe ngazo zonke iintlawulo zeempahla neenkonzo esele zi-odolwe, ukuba ziziswe kwikota yokugqibela kunyaka-mali, ngeli lixa kufuneka kulungiselelwe umjikelo wokuphicothwa kweencwadi (audit cycle), izihlomelo nee-disclosure notes, ukulungiselela i-Annual Financial Statement. Ukuba iirikhwizishini zirhoxisiwe, luxanduva lwakho ukuba wena ungenise isicelo esitsha ukuba usazifuna iimpahla okanye iinkonzo.

Apho beku-odolwe izinto zokubhala ezifumaneka kwi-Government Printer, kukho umngcipheko wokuba zingangaziswa kwangexesha ukuze zihlawulwe kwakulo nyaka-mali. I-Government Printer inexesha elingaphambili leenyanga ezintathu (3) ukulungiselela ukuziswa kwezinto zokubhala apha ngaphakathi kwi-RSA. Izinto zokubhala ziya ku-odolwa, kodwa kufuneka ukuba wenze amalungiselelo kunye ne-Chief Financial Officer ngoMphathi weProgram wakho, ukuba yenze imali ibekho ukuze kuhlawulwe iimpahla neenkonzo kunyaka-mali ku-2007/08, ukuba aziziswanga kwangexesha ukuze zihlawulwe ku-2006/07.

3. Onke amasebe ngoku asebenza ngokweemfuneko ezingqongqo zokuphicothwa kwezimali, nezifuna iCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo ukuba lilungelelanise iinkqubo zalo kunye namaxesha amisiweyo ukuze likwazi ukuhlangabezana neemfuneko zokuba onke amaxwebhu amiswe ngendlela kwaye achaneke, ukulungiselela umjikelo wokuphicothwa kweencwadi ka-2006/07.
4. Nceda wazise ngale ngcaciso imfutshane kubo bonke abachaphazelekayo.
5. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:09