INGCACISO EMFUTSHANE: | DLS/0015/2007 |
IYA: | KUBALAWULI BEE-EMDC, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINQUNUNU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE |
| IINTLAWULO NGEKHOMPYUTHA ZEEMALI ZOLWABIWO-MALI YEZIKOLO NGOKWEMIMISELO NEMIGANGATHO - 2007/2008 |
1. |
Sele zenziwe iintlawulo ngekhompyutha zeemali zolwabiwo-mali yezikolo ngenkqubo ye-basic accounting system (BAS) liCandelo loLawulo lweBhajethi ukususela kunyaka-mali ka-2006/07. Nakuba kunjalo ezi ntlawulo, njengangoku zenziwa liCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo zize emva koko zingeniswe kwiCandelo loLawulo lweBhajethi ukwenzela ukuba kube nokwenziwa uhlenga-hlengiso apha naphaya ngoNovemba 2007 ngokusebenzisa ibhajethi ehlenga-hlengisiweyo kwi-BAS.
|
2. |
Zonke izikolo ezinqwenela ukufaka izicelo zeentlawulo ngekhompyutha, mazingenise izicelo zazo kwicandelo leeBhajethi zeZikolo (6th Floor, Room 625) ungekadluli umhla we-15 Oktobha 2007. Izicelo ezo mazihambe kunye nale fom WCED 032 eyenziwe izilungiso, nemayibonise izilungiso ezo.
|
3. |
Ukuba zithi izikolo, ngenxa yeentlawulo ezenziweyo, zabele iincwadi zezifundo (textbooks) imali engaphantsi kwe-60% yetotali iyonke yesabelo sazo, makuboniswe ke ngoko kule fom WCED 032 ukuba umfundi ngamnye unencwadi yesifundo kwinkalo nganye yesifundo.
|
4. |
Le fom WCED 032 mayisayinwe yinqununu, ngusihlalo webhunga lolawulo lesikolo nangumphathi wesekethe.
|
ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:06
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|