IMibuzo: IA Opperman
IFoni: 021 467 2765
IFeksi: 021 467 2996
ISalanthiso: 4/2/3/8
20070621-0052

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

DLS/0014/2007


IYA:   

KUBO BONKE ABASEBENZI BAKWANDLUNKULU


 

UKUSETYENZISWA KWE-JTRACK SYSTEM (JTS) YESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI


1. I-JTrack System (JTS) ingena endaweni ye-Online electronic file tracking system neyaqala ukusetyenziswa ngoMatshi 2007. Le nkqubo ikhankanywe mva yahlaziywa ukwenzela ukuba kulandelelwe ukuhamba kweefayili ngokuchaneke nangaphezulu.
2. Nangona kukho iifasilithi ezintsha enazo ngoku i-ofisi, yenzeka ngokulula kakhulu into yokulahleka kweefayili okanye yokuba zingabi nakulandeleleka ngokukhawuleza.
3. Kwaqaliswa uphando lokujonga izizathu zezi ngxaki zikhankanywe apha ngasentla kunye nokujonga kwakhona ukuba imeko yeefayili njengoko injalo ngokwenene kwiindawo zokusebenzela ezithile (certain work stations) iyangqinelana na noko kubonakala kwi-JTS. Oku kulandelayo ziziphumo zolo phando:
3.1 Iifasilithi ze-Inbox neze-Outbox zamagosa amaninzi zizele kakhulu.
3.2 Amagosa akatsho (do not acknowledge) ukuba azifumene iifayili ezithunyelwe kuwo.
3.3 Kuyenzeka qho ukuba iifayili ezithunyelwa kwamanye amagosa, zingaphawulwa ngokuthi zibhalwe kwi-JTS ukuba zithunyelwe kuloo magosa.
4. Ukuze kulungiswe iimpazamo kusetyenziso lwe-JTS, ayacelwa onke amagosa ukuba enze ezi zinto zilandelayo:
4.1 Yitsho (acknowledge) kwi-JTS ukuba uyifumene ifayili nganye ethunyelwe nge-Inbox ngoko nangoko yakuba ifikile ifayili.
4.2 Qinisekisa ukuba akukho fayili kwi-JTS ebhalwe igama lomnye umntu, ngaphandle kokuba loo fayily isendleleni eya kuloo mntu.
4.3 Ukuba uqaphela ukuba i-Outbox yakho isoloko izele, kuxele oku kumntu ojongene ne-Jtrack kwirejistri yakho.
4.4 Bhala iimfuno zoqeqesho zecandelo lakho uze uzidlulisele kumntu ojongene ne-Jtrack kwirejistri yakho.
4.5 Qinisekisa ukuba ngaba iifayili ezibonakala ku-"On your desk" kwi-JTS ziyangqinelana na nezo zikwindawo yokusebenzela yakho (your workstation).
5. Ukuqinisekisa ukuba ngaba le miyalelo ilapha ngentla iyenziwa, kuza kuhlolwa iindawo zokusebenzela ngo-Agasti 2007. Kuya kucingwa ngokuthatha amanyathelo oluleko ngakumagosa angayihoyanga le miyalelo ikhankanywe apha ngasentla.
6. Ukuzama ukukhuthaza ngakumbi i-JTS, uyacelwa ukuba uzalise ikhweshine eqhotyoshelweyo ube sele uyithumela kulo Mrs M Fick, General Registry, Room 6-22 Grand Central Towers.
7. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane ingabhekiswa kwaba:
Mnu IA Opperman, ifoni 021 467 2765
Nks M Fick,      ifoni 021 467 2758
Nks C Currie,    ifoni 021 467 5757
8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:15


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
J-track questionnaire  (ubukhulu: 12 KB)