IMibuzo: A Ngxoza
IFoni: 021 467 2212
IFeksi: 021 467 2996
ISalanthiso: 13/12/41/1
20061005-0062

Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE:  

DLS/0012/2007


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBAPHATHI BESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BESEKETHE, KUMASEKELA BALAWULI AKWII-EMDC, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO


 

INKXASO-MALI YEZIKOLO NGOKWEMIMISELO NEMIGANGATHO YOLWABIWO-MALI: ISIKHUMBUZO SOKUBA IZIKOLO ZINGQINISISE II-INVOYISI XA ZINGENISWAYO


1. ISebe lifumanise ukuba kusekho iinqununu zezikolo ezithi, nangona kwakwenziwe izicelo kwezi Setyhula zemiMiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali 0056/2005 ye-3 Oktobha 2005 nale 0049/2006 ye-6 Oktobha 2006, zingakuhoyi ukungqinisisa ii-invoyisi zakuba zingeniswa kwi-ofisi yee-odolo. Izikolo zaziceliwe ukuba zithenge izitampu, ukuba azikabinaso esilolu hlobo. Zonke izikolo kufuneka, zakufumana le ngcaciso imfutshane, ziqinisekise ukuba zinaso istampu esifundeka njengoko kucacisiwe kwisiHlomelo esiqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane ukwenzela ukuba zingqinelane neemfuno ezimiselweyo zoMyalelo kaNondyebo 8.1.5. (Treasury Instruction 8.1.5.)
2. Ii-invoyisi ezingqinisisiweyo, zaza zafakwa zozibini izitampu, esi sikhankanywe apha ngasentla nestampu sesikolo, mazithunyelwe, namaphetshana okuziswa kweempahla, kwi-ofisi yee-odolo zingadlulanga iintsuku ezi-5 zokufika kwempahla ukuze kube nokwenziwa intlawulo. Akukho zi-invoyisi ziya kuqhutyelwa phambili kuhlawulwe (processed) xa zingangqinisiswanga ngale ndlela.
3. Amacandelo akwaNdlunkulu nakwii-EMDC nawo makangqinelane nale mfuno emiselweyo.
4. Iyakuthakazelelwa intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:30


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
Isihlomelo  (ubukhulu: 29 KB)