1. ICandelo lezoBudlelane emSebenzini lixhalatyiswe kukuqaphela ukuba, ngokweenkcukacha-manani zakutshanje zamatyala aripotiweyo, amaxesha asikiweyo ngokunxulumene nokusonjululwa kwezikhalazo akalandelwa ngqo. Kuye kwafuneka ke ngoko ukuba kuphindwe kucaciswe umgaqo-nkqubo weSebe leMfundo ngalo mbandela, nokuyalela iintloko zamaziko ukuba zenze lo mgaqo-nkqubo waziwe ngabo bonke abaqeshwa abasingatha izikhalazo.
2. ISahluko H seMigaqo yoLawulo lwaBasebenzi njengoko sikuMthetho weNgqesho yooTitshala (uMthetho 76 ka-1998), (Personnel Administrative Measures (PAM), as contained in the Employment of Educators Act, (Act 76 of 1998)), sibonelela ngokufakwa kwezikhalazo ngootitshala abanganelisekanga. Kucelwa ufunde kwakhona le Setyhula 0230 ka-2003 ngezikhalazo ezifakwe ngabaqeshwa benkonzo karhulumente.
3. Ngokwezi zibonelelo, umqeshwa angasifaka isikhalazo anaso kwisuphavayiza yakhe nekufuneka yona ithetha-thethane nomenzi-sikhalazo zingadlulanga iintsuku ezintathu zomsebenzi. Kufuneka emva koko isuphavayiza ixelele umenzi-sikhalazo isiphumo sawo nawaphi na amanyathelo okanye sophando olube ngumvuka wentlanganiso ebebenayo zingadlulanga iintsuku ezintlanu zomsebenzi emva kokuba ibibanjiwe loo ntlanganiso.
4. Lo gama iCandelo lezoBudlelane emSebenzini lisazi ukuba kudla ngokuba nzima ukugcina la maxesha asikiweyo, makucaciswe ukuba kubaluleke gqitha ukuba izikhalazo zisingathwe ngokukhawuleza emva kokuba zamkelwe. Ngaphezulu kubaluleke gqitha ukuba kwenziwe iinzame zokwenene zokuzama ngandlela zonke ukusombulula eso sikhalazo.
5. Ukusilela ukusombulula izikhalazo ezilolu hlobo ngamaxesha asikiweyo (prescribed time frames), okanye ukungenzi nzame zokusombulula isikhalazo, kungakhokelela ekubeni iSebe leMfundo leNtshona Koloni linyanzeleke ukuba lihlawule iindleko zeengxoxo zamatyala okulamla (arbitration proceedings) xa kufumaniseke ukuba isikhalazo besinokusonjululwa phambi kokuba sibe yimbambano (dispute).
6. Ngako oko ke ziyacelwa zonke iintloko neesuphavayiza ukuba zilandele ngqo amaxesha amiselweyo kwaye zizame ukusombulula izikhalazo kangangoko zinako.
7. Okubhalwe kule ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke abasebenzi nekufuneka bayisayine ukuvuma ukuba bayakwazi okulapha kuyo. Irekhodi yoko kuvuma kwabo mayigcinwe efayilini esikolweni ukulungiselela ukuba isetyenziswe kwixesha elizayo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:01