INGCACISO EMFUTSHANE: | DLR/0004/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO |
| AMALUNGELO EMIBUTHO YABASEBENZI BENKONZO KARHULUMENTE KWINDAWO YOMSEBENZI |
1. |
ISebe liye laqaphela ukuba kusekho ukungaqondi kakuhle kwiintloko zamaziko emfundo ngokumalunga namalungelo emibutho yabasebenzi apha kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.
|
2. |
Injongo yale Ngcaciso iMfutshane kukubethelela amalungelo amalungu eemanyano zabasebenzi, abameli babasebenzi (shop stewards) nabo basezikhundleni (office bearers), njengoko kumiselwe sisigqibo samalungelo emibutho (organisational rights agreement).
|
3. |
Ikhefu lokuya kwimicimbi yeemanyano (union activities)
Abameli babasebenzi nabo abasezikhundleni banelungelo leentsuku zomsebenzi ezili-10 zekhefu elilodwa ngonyaka lokuya kwimicimbi yeemanyano. Ukuvunywa kwekhefu elilolu hlobo kuxhomekeke kwintloko yeziko, ngokususela kwisaziso esifunyenwe ubuncinane kwiiyure ezingama-48 phambi komhla ikhefu elicelelwa wona.
|
4. |
Unxibelelwano
Iintloko zamaziko maziqinisekise ukuba lonke unxibelelelwano oluphathelele kwimicimbi yeemanyano zabameli babasebenzi nabo basezikhundleni kumaziko azo, luyagqithiswa ngokukhawuleza kubantu abachaphazelekayo.
|
5. |
Nantsi imibutho yeemanyano zabasebenzi benkonzo karhulumente eyaziwayo liSebe:
DENOSA
NEHAWU
NUPSAW
PAWUSA
PSA
HOSPERSA
|
7. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu.
|
ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:16
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|