1. Imibutho yooTitshala neyaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente yazise ukuba ayizanga nasisombululo de kwafikelelwa kwangqingetye (deadlock) kwiingxoxo zayo norhulumente zothetha-thethwano ngonyuselo lwemivuzo kwaye ivakalise ukuba kukho imbambano ngokusesikweni (declared an official dispute). Omabini la maqela aneentsuku ezingama-30 zokuba afikelele kwisisombululo sale mbambano. Ukuba akukho mvumelwano kufikelelwa kuyo ngokuthi kulamlwe ze kupheliswe ukungavumelani, imibutho inelungelo lokuququzelelela ukuba amalungu ayo angenele ugwayimbo lukazwelonke.

2. Ukwenzela ukulungiselela nokulawula ugwayimbo olungakho nokuthintela nakuphi na ukungaqondi okungakho, kuya kulindeleka ukuba bonke abantu abadlala indima benze imisebenzi ngemisebenzi.
2.1 Inyathelo 1
2.1.1 Bayacelwa abalawuli ukuba banike iCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini le ngcaciso ilandelayo ingadlulanga intsimbi ye-10:00 ngosuku lokuqhubeka kogwayimbo:
  • Ngawaphi amacandelo/zeziphi iindawo ezichatshazelwe kakhulu lugwayimbo
  • Inani lezikolo/lamacandelo achatshazelwe lugwayimbo
  • Inani eliqikelelwayo lootitshala/labasebenzi benkonzo karhulumente abangekhoyo emsebenzini
  • Ingaba kukho nakuphi na ukuphazamiseka komsebenzi okanye kokufundisa ezikolweni
  • Inani leenqununu zezikolo/labaphathi babasebenzi (line managers) elithatha inxaxheba kugwayimbo
  • Ingaba ezi nqununu/aba baphathi bazixelele iisuphavayiza zabo ngenjongo yabo yokuthatha inxaxheba kugwayimbo
  • Zeziphi izicwangciso zokuqulela okungehla (contingency plans) ezenziweyo ezikolweni/kumacandelo angathi aphazamiseke kakhulu lugwayimbo
2.1.2 ICandelo lezoBudlelwane eMisebenzini liya kuyisebenzisa le ngcaciso ekuqwalaseleni inxaxheba eyenziwe lugwayimbo lize linike ingcebiso kuBaphathiswa ngaBaphathiswa nakwiiNtloko zamaSebe ngokumalunga nogwayimbo olo.
2.1.3 Le ngcaciso mayithunyelwe licandelo okanye yi-EMDC kuMnu CR Esau, kule nombolo yefeksi 021 425 8612, okanye ithunyelwe kuye nge-imeyili apha: cesau@pgwc.gov.za
2.2 Inyathelo 2
2.2.1 Imigaqo kwiSiqendu esingeNyathelo loGwayimbo esikwiSikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni ngoGwayimbo lwaBasebenzi masilandelwe ngokuthe ngqo, ngakumbi ukugcinwa kweerekhodi zabo nabaphi na abaqeshwa abathatha inxaxheba kugwayimbo. Izihlomelo ezichaphazelekayo mazizaliswe licandelo/liziko ngalinye. Makukhangelwe ngakumbi iinkcukacha ezifuna imihla, amaxesha namagama abo bathatha inxaxheba kugwayimbo okanye abangakhange basebenze ngolo suku okanye ngexesha elithile lolo suku.
2.2.2 Luya kubasemagxeni abaphathi/eentloko zamaziko emfundo uxanduva lokuzalisa iifom. Kwiimeko apho nayo inqununu/naye umphathi athatha inxaxheba kugwayimbo, lisekela-nqununu/lisekela-mphathi eliya kuthwala uxanduva lokuzalisa iifom ezichaphazelekayo. Ukuba isekela-nqununu/isekela-mphathi nalo liya kuthatha inxaxheba kugwayimbo, oku kuya kuba semagxeni omphathi wesekethe/omlawuli.
2.2.3 Kuya kufuneka abalawuli baphendule (will be held accountable) ngoxanduva abaluthwesiweyo lokulungiselela yonke inkqubo kumacandelo abo nakwii-EMDC zabo.
2.2.4 Umlawuli ochaphazelekayo makaqinisekise ukuba zonke iifom ezizaliswe iinkcukacha ngokupheleleyo zisiwa kwiCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini ukuze ziqwalaselwe nguMnu CR Esau, 17th Floor, Golden Acre Building, zingadlulanga iintsuku ezi-5 ukususela kumhla olwenzeke ngawo ugwayimbo. Kubaluleke gqitha ukuba le ngcombolo ihlelwe ize ingeniswe licandelo okanye yi-EMDC. Ngako oko ke ayacelwa amagosa namaziko ukuba angayisi ngqo kwaNdlunkulu ingcombolo. Luxanduva oluzinze emagxeni abalawuli ngokupheleleyo ukuqinisekisa ukuba yonke ingcombolo yechanekileyo yaye kunikwe zonke iinkcukacha phambi kokuba idluliselwe kwiCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini.
2.2.5 Iya kuba ngumsebenzi weCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini ukuyidibanisa yonke ingcombolo yaye liya kulunika uncedo nanini na apho oku kunokwenzeka.
2.3 Inyathelo 3
2.3.1 Zonke ii-EMDC nezikolo maziqinisekise ukuba akukho mfundi ungasuphavayizwayo kuso nasiphi na isikolo. Zonke izikolo mazenze amalungiselelo okusuphavayizwa kwabafundi kwangaphambili ukuba sesiqaphele ukuba ootitshala baza kungenela ugwayimbo.
2.3.2 Iinqununu maziqaphele ukuba akukho sikolo masivalwe kungekho saziso kunye/okanye mvume evela kwi-EMDC echaphazelekayo edlule kuqala kumphathi wesekethe.

3. IZINTO EZIBALULEKILEYO
3.1 Nakuba iintlobo ngeentlobo zogwayimbo zithathwa ngokuba zezifakwe kuluhlu okanye zezikhuselweyo, ngokoMthetho wezoBudlelwane eMisebenzini kuya kuhlala kusebenza lo mgaqo “Wangasebenzi wangahlawulwa” (No work no pay).
3.2 Isibonelelo esibizwa ngokuba “kukukhululwa ukwenzela ukuya kwiintlanganiso zemibutho” (“time off for union activities”) masingaze naphantsi kweziphi na iimeko sisetyenziswe nguye nabani na ukulungiselela injongo yokuthatha inxaxheba nakuluphi na uhlobo logwayimbo.
3.3 Abasebenzi abagwayimbileyo banokuthi ngabom okanye bengenzi ngabom, bahlwayele amampunge abhidisayo ngokuthi banike ingcaciso engachanekanga kubaphathi/kwiintloko zamaziko. Imibuzo ngokumalunga nenkqubo okanye ngayo nayiphi na eminye imibandela ephathelele kugwayimbo mayibhekiswe ngqo kubaphathi beesekethe okanye kwiCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini. Mabangaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko abaphathi/iintloko zamaziko zamkele ingcebiso eziyinikwa ngamagosa emibutho yabasebenzi ngokumalunga nalo mbandela.
3.4 Kunyanzelekile ukuba yonke ingcaciso ethunyelwayo iqale ingqinisiswe yaye iqinisekisiswe (verified and certified) ngumphathi/yintloko yeziko echaphazelekayo. Akukho ngcaciso mayithunyelwe kwiCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini ingaqalanga ingqinisiswe nguloo mphathi/yiloo ntloko yeziko ichaphazelekayo.

4. IMIBUZO

Ukuba luye lwaqhubeka ugwayimbo, la magosa alandelayo eCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini aya kuba semsebenzini ukwenzela ukunika ingcebiso kunye/okanye uncedo ngeli thuba lichaphazelekayo.

5. Ukongeza koku, uyacelwa ukuba uqwalasele ezi Ngcaciso ziMfutshane zeCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini 01/2004 no- 02/2004. Iikopi zazo zombini zingafunyanwa kweli ziko lewebhu: http://wced.wcape.gov.za/labour/circulars/minutes_index.html
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abaphathi neentloko zamaziko emfundo ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:02

Relevant annexures  (ubukhulu: 17 KB)