INGCACISO EMFUTSHANE: | DIT/0006/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KWIINTLOKO ZAMACANDELWANA, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAQESHWA BE-SLES, KWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO |
| UKUVALWA OKWETHUTYANA NOKUFUDUKA KWELAYIBRARI YAKWA-EDULIS |
1. |
U-EDULIS (WCED Education Library and Information Services) ufudukela kwi-1st Floor, Middestad Mall, Cnr Charl Malan ne-Church Street, e-Bellvile.
|
2. |
Ilayibrari yakwa-EDULIS iya kuba IVALIWE ukusukela ngoMvulo, we-9 Julayi 2007, ukulungiselela ukufuduka ize IVULWE KWAKHONA kwindawo yayo entsha nge-1 Oktobha 2007.
|
3. |
Le miqathango yethutyana ilandelayo iya kuqaliswa ukuqinisekisa ukuba akukho kuphazamiseka kutheni kokwenziwa kwenkonzo ngeli xesha:
Akukho zinto zokufunda okanye mboleko yancwadi zininzi (block loans) iya kwenziwa elayibrari ase-15 Kruskal Avenue emva kwe-7 Julayi 2007.
Ukususela phakathi kuJuni 2007 ide ivalwe ilayibrari, zonke iincwadi nezinto zokufunda ziya kukhutshwa okanye zandiselwe ixesha ngokuzenzekelayo (automatically) ukuya kutsho kowe-1 Oktobha 2007.
Izinto ekubolekiswe ngazo esekufuneka zibuyiswe nezingenako uwandiselwa ixesha mazibuyiswe ngoko nangoko.
Kuya kubakho ifasilithi kwisango lesakhiwo esikhoyo ngoku (e-15 Kruskal Avenue) apho izinto zokufunda zisenokufakwa khona kude kuye ekupheleni kukaJulayi 2007.
Izinto ekubolekiswe ngazo zinokubuyiswa, nokuba ngaba ilayibrari iya kuba ivaliwe, ngokuthunyelwa ngeposi ebhaliswayo (registered post) apha:
EDULIS Library
Private Bag X9099
CAPE TOWN
8000
Iiphasile zingathunyelwa nazo kwindawo ekufakwa kuyo izinto ezibuyiswayo apha:
EDUMEDIA
3 Station Road
MOWBRAY
7700
Ifoni: 021 689 9536
|
4. |
Malunga neemfuno zakho zokusebenzisa ilayibrari nokufumana ingcaciso ngeli thuba lophazamiseko lweenkonzo nokulungiselela ixesha elizayo, kucelwa ujoyine uze ube nokusebenzisa ezi fasilithi kwi-EMDC Resource Centre ekufutshane nawe:
EMDC Metropole South: Brian O'Connell
Resource Centre, Mitchell's Plain
Qhagamshelana nalo: Ntombi Mngxuma,
ifoni 021 370 2084
EMDC Metropole East Resource
Centre, Kuils River
Qhagamshelana naba: Cheryl Joseph,
ifoni 021 900 5111
EMDC West Coast & Winelands
Resource Centre, Paarl
Qhagamshelana nalo: Ina Heiberg,
ifoni 021 860 1229
EMDC South Cape & Karoo
Resource Centre, George
Qhagamshelana nalo: Sam Webber,
ifoni 044 803 8328
EMDC Breede River & Overberg
Resource Centre, Worcester
Qhagamshelana nalo: Janine Ontong,
ifoni 023 348 4657
|
5. |
Malunga nemibuzo ngokubanzi kucelwa uqhagamshelane naba:
Amor du Toit, ifoni 021 957 9616
Theresa Bergsma, ifoni 021 957 9638
EDULIS Library, ifoni 021 957 9618 |
ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:03
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|