1. ISebe iWCED linovuyo lokwazisa ukuba iibhasari ezili-160 ziza kufunyanwa ngootitshala abafuna ukufumana i-Advanced Certificate in Education (ACE) kwiMathematical Literacy (ML))
2. Le khosi ye-ACE iza kufundiswa emva kweeyure zomsebenzi (part-time) ukususela kuJanuwari 2008 ukuya kuDisemba 2009. Iya kukhokelela kwisiqinisekiso se-NQF seNqanaba 6.
3. Ibhasari nganye iya kuhlawulela iifizi zokufunda nokubhalisa, kwakunye neefizi zendawo yokulala kumaziko emfundo aphakamileyo achaphazelekayo.
4. Iindleko zothutho zokuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe iWCED. Nakuba kunjalo, ootitshala baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zeencwadi nezincedisi zokufunda.
5. Le khosi iya kufundiswa yiYunivesithi yaseNtshona Koloni (University of the Western Cape)(UWC), iYunivesithi yaseStellenbosch (University of Stellenbosch)(US), iYunivesithi yaseKapa (University of Cape Town)(UCT) kunye neYunivesithi yeThekhinoloji yakuSinga-siqithi weKapa (Cape Peninsula University of Technology)(CPUT)) kubafundi baseNtshona Koloni. Oku kulandelayo ngamalungiselelo ekhosi kula maziko:

  Umhla wobhalisoIiklasi ziyaqalaAmalungiselelo eklasi
UWK & UK15/01/200801/02/20082 x 3 iiyure ngeveki
(kufundiswa ngesiNgesi)
KSUT01/02/200801 & 02/02/2008NgoLwezihlanu neMigqibelo
(kufundiswa ngesiNgesi).
Indawo yokulala iyafumaneka
US07/01/2008Nge-07 ukuya kwi-11/01/085 iiveki ngonyaka (Ziiseshoni
ezisikelwe ixesha elithile
ngeeholide (block session)
Indawo yokulala iyafumaneka
e-US (Zifundiswa ikakhulu ngeAfrikansi)

6. Ezi zinto zilandelayo ziya kujongwa kuqala ngelixa lenkqubo yokukhetha:
  • Ootitshala abangenaso isiqinisekiso sokufundisa iML abafundisa iML kumaBakala 10, 11 & 12
  • Ootitshala abafundisa iMathematika kumaBakala 8 & 9 befikelela nakwiiklasi zeML okanye abaza kube befundisa iiklasi zeML
  • Ootitshala abangenasiqinisekiso sivunyiweyo sokufundisa iMathematika kwiMatriki
  • Ootitshala abangenayo iMathematika kwinqanaba leMatriki
7. Ootitshala abanqwenela ukuba baqwalaselwe xa kukhethwa abaza kufumana ibhasari yekhosi kucelwa bazalise iikopi zeziHlomelo A no-B eziqhotyoshelweyo bazingenise kwiSebe leMfundo, kodwa baqale bazidlulise kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo ungadlulanga uMvulo, we- 26 Novemba 2007: The Head: Education Examinations, For attention: Mr G de Bruyn (Room 8-78) Directorate: Internal Human Capital Management. Western Cape Education Department Private Bag X9114 CAPE TOWN 8000
8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:16

Isihlomelo A: Application form  (ubukhulu: 74 KB)
Isihlomelo B:Agreement  (ubukhulu: 46 KB)