1. INgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (NCS) yamaBakala 10 - 12 (Izifundo Jikelele (General)) iphunyezwa ngokumana kusongezwa ibakala (implemented incrementally) ngethuba elisusela ku-2006 ukuya ku-2008. Njengoko inani elikhulu lootitshala abaqeshwe isigxina beSebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) besalabalaba kwiziqinisekiso zemfundo kwezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kunika uqeqesho kootitshala abangama-70 ukuze bakwazi ukuphucula ulwazi lwezifundo zabo nezakhono zoqeqesho kwezi zifundo.
2. Ikhosi ye-ACE iya kufundiswa njengekhosi ekungenziwa zonke izifundo ngaxeshanye (part-time course) ukususela kuJanuwari 2008 ukuya kutsho ku-2009. Iya kukhokelela kwisiqinisekiso se-NQF seNqanaba 6 (NQF Level 6) ize ibandakanye imfundo ngembalelwano (distance learning) kunye neeseshoni zokufundiswa eklasini (contact sessions) ngeempela-veki nangeeholide zezikolo.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhuphe iibhasari zokuhlawulela izifundo neefizi zokubhalisela zombini ezi khosi. Ngethuba leeseshoni zokufundiswa eklasini, malunga ne-15 lootitshala abavela kwimimandla yasemaphandleni baya kuhlala kwiindawo ezihlala abafundi kumaziko emfundo achaphazelekayo ngeendleko zeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
4. Iindleko zohambo lokuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa yi-WCED. Ootitshala baya kuzihlawulela iindleko zezinto zokuncedisa ukufunda.
5. Bebonke bamalunga nama-70 ootitshala, malunga nama-35 kwikhosi nganye, abaya kukhethelwa le program.
6. Aba titshala balandelayo bakufanele ukuba bafumane iibhasari zezi khosi:
  • Ootitshala abasisigxina abaqeshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (Kuya kukhethwa ootitshala abafundisa ezi zifundo zikhankanywe ngasentla kumaBakala 10 - 12.)
  • Ootitshala abanediploma yeminyaka emithathu
  • Ootitshala abanesidanga nesiqinisekiso soqeqesho, kodwa bengenaso isiqinisekiso esifundelweyo kwezi zifundo zikhankanywe ngasentla.
  • Ngokumalunga nekhosi ye-ACE kwiFizikhali Sayensi, ootitshala kufuneka babe bapase iMathematika kwimatriki nokuba kukuHlelo oluPhakamileyo okanye oluPhakathi (Higher or Standard Grade).
7. Le khosi iya kubandakanya la macandelo alandelayo eNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke kwiMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (kumaBakala 10 - 12) kunye/okanye kwi-RNCS (GET):
  • Imigaqo ye-NCS kunye/okanye ye-RNCS
  • Iziphumo zokufunda nemigangatho yovavanyo
  • Iinkalo zokwazi
  • Inkqubo yokufundisa yemfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based methodology) (iindlela zokufunda, ukufundisa novavanyo))
  • Ukukhethwa kwezinto zokuncedisa ukufunda (support material), kubandakanywa ne-software yekhompyutha.
8. Iiseshoni zokufundiswa ziya kuqhubeka ngexesha leeholide zezikolo kuze ukufundiswa okokuqala kuqhubeke ukususela ngowe-7 ukuya kowe-11 Januwari 2008.
9. Ootitshala abanqwenela ukwenza isicelo sebhasari mabazalise baze bangenise le fom yesicelo iqhotyoshelweyo (ziya kwamkelwa neekopi ezifotokotshiweyo ezicacileyo) kwiSebe leMfundo, ziqale zidlule kwiinqununu zezikolo zabo. Izicelo mazifike kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesihlanu, we-9 Novemba 2007:
          Head: Education 
          (Attention Mr G. de Bruyn, Room 8-78) 
          Directorate: Internal Human Capital Development
          Western Cape Education Department 
          Private Bag X9114
          Cape Town
          8000
10. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-E KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:30

Isicelo sebhasari yokufunda  (ubukhulu: 29 KB)
Isihlomelo B: "Agreement on payment of tuition fees from state funds"  (ubukhulu: 17 KB)