INGCACISO EMFUTSHANE: | DHA/0001/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU, KWII-OFISI ZEZITHILI NAKWIIKHOLEJI ZE-FET), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINTLOKO ZAMACANDELWANA AKWANDLUNKULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE NAKWIKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO |
| IINKQUBO ZOLAWULO NOPHUHLISO LWENTSEBENZO YABAQESHWA (SPMDS) EZILUNGISELELWE ABAQESHWA BENKONZO KARHULUMENTE (KUMANQANABA 1 - 12): IIMVAVANYO ZENTSEBENZO ZOMJIKELO OQALA NGE-1 APRELI 2006 - 31 MATSHI 2007) |
2. |
Umhla owawubekelwe ukufakwa kwamaxwebhu omjikelo we-2006/07 yayingowe-28 Septemba 2007, kodwa njengoko ukumodareyithwa komjikelo wangaphambili kwakungekagqitywa, kwakungenako ukuqalisa ukumodareyithwa kweengxelo zika-2006/07. Ukulungiselela ukomodareyitha okuzayo, onke amaxwebhu afikileyo ukuza kuthi ga ngoku sele efakiwe kwiziko ledatha. Kucelwa niqaphele ukuba kuphela ngamaxwebhu afike ungadlulanga owe-14 Disemba 2007 aya kufakwa kwikhompyutha.
|
3. |
Ukuze kugqitywe umjikelo we-SPMDS ka-2006/07, zonke iifom owawuzinikiwe zabaqeshwa benkonzo karhulumente (iziHlomelo A no-D kunye no-I, kwakunye nesiHlomelo E, apho ezi fom kusafuneka zizalisiwe) mazingeniswe kulo Head: Education, Western Cape Education Department, For attention: The SPMDS Officer, Directorate: Internal Human Capital Administration, Room 10-11, Private Bag X9114, Cape Town, 8000. Iingxelo ezifike emva kwe-14 Disemba 2007 aziyi kuqwalaselwa.
|
4. |
Abatyunjelwe iibhonasi zentsebenzo kufuneka, njengoko kwakunjalo kwixesha elidlulileyo, bawele ngaphahathi komyinge oqhelekileyo wolwabiwo lwamanqaku oyi-20% kwiziko lemfundo okanye kwicandelwana ngalinye. Kubaluleke kakhulu ngokukodwa ukungeniswa kwesiHlomelo I, esikhankanywe kumhlathi ongaphambili, ekufuneka sisayinwe ziisuphavayiza, njengoko izizathu ezixhasayo ezibhaliweyo zokufumana ibhonasi yentsebenzo kufuneka zsibhalwe kuloo fom. (Kucelwa uqaphele ukuba isikhokelo esenziwa ekuqalisweni kwe-SPMDS, esasisithi akukho mfuneko yokungenisa izizathu ezibhaliweyo, masithathwe njengesifakelwe izilungiso (amended). Ezingenazizathu zibhaliweyo zixhasayo aziyi kuqwalaselwa.
|
5. |
Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente abaphantsi kweliso lakho.
|
ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:16
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|