1. Ngenxa yeendleko zomsebenzi nokuhla kwamandla emali (inflation), kwaye kwavunywa ukuba zinyuswe iintlawulo ezibizwayo zokunikwa izatifikethi. Kwangeli xesha iSebe leMfundo lizitshintshele kwaNedbank iinkonzo zalo zokubhankisha kwaye neefom zokwenza izicelo zitshintshiwe ngokungqinelana noku.
2. Ukuze kuthintelwe ukulibaziseka kwezicelo okungeyomfuneko, siyathemba ukuba uya kuqinisekisa ukuba uya kunika iifom zezicelo ezichanekileyo kubenzi-sicelo ngalo lonke ixesha.
3. Kucelwa uncede uqaphele ukuba izicelo zokunikwa izitatimenti zeesimboli, izatifikethi ezifunyanwa ngokudityaniswa kweesimboli zeminyaka ngeminyaka okanye izatifikethi ezithatha indawo yezilahlekileyo zingeniswa kwiSebe leMfundo kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A), kwakunye neentlawulo ezimiselweyo namaxwebhu achaphazelekayo. Le fom yesicelo iyafumaneka kwakhona kweli ziko lewebhu le-WCED http://wced.wcape.gov.za/documents/application_certificates/index.html"
4. Le fom yesicelo ithatha indawo yazo zonke iifom zezicelo zangaphambili.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:16

Isihlomelo A  (ubukhulu: 34 KB)