Egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni, ndingathanda ukusebenzisa eli thuba ndinqwenelele aBafundi beMatriki baka-2007 impumelelo yodwa kwiiMviwo zabo zeMatriki.

Lo nyaka ngunyaka wembali, njengoko ingunyaka wokugqibela ekuya kubhalwa ngawo iimviwo zeMatriki, njengoko zisaziwa ngolo hlobo. Siyazi ukuba eli lixesha elibe noxinzelelo kuni. Uninzi lwenu belufunda phantsi kweemeko ezinzima kwaye lwenze imigudu mpela yokuba lo nyaka ube yimpumelelo kubo bonke abafundi beBakala 12 kuzo zonke izikolo zethu. Kwakhona eli iza kuba lixesha elibuhlungu kuninzi lwenu njengoko niza kuthi ndlela-ntle ezikolweni zenu nakubahlobo benu abaninzi.

Nakuba kunjalo, siyanikhuthaza ukuba nihlale nijonge phambili, njengoko nigqibezela iiprogram zenu zokufunda. Ezi mviwo ziya kuba zezona zibalulekileyo kuni kubomi bokufunda besikolo. Ziya kudlala indima ephambili ekuqingqeni amathuba amahle enu okuqhubeka nokufunda nokunilungiselela ilizwe lempangelo.

Siniqwenelela okuhle kodwa njengoko niqala isiqendu esitsha ebomini benu. Sinebhongo neqhayiya ngani, ngokuba nide naza kufika kwesi sigaba. Oku kubonakalisa ukuzimisela kwenu ngamandla kwizigqibo zenu zokuba niphumelele. Sinithembe ngokupheleleyo ukuba ninako ukukwenza oko

Siyanikhuthaza ukuba nakhele kule mfundo sele niyifumene ukuza kuthi ga ngoku nize nenze igalelo lokuphucula iphondo nelizwe lethu elibukekayo.

Kwabo baya kuthi bangaphumeleli ngeli thuba, nize ninganikezeli. Njengephondo siza kuninika amathuba amaninzi okuba nigqibezele izifundo nize nikwazi ukuqhubela phambili nemfundo yenu. Sele kwenziwe amalungiselelo awodwa okuba abo babhala imatriki kulo nyaka babe nako ukugqibezela iSatifikethi seMatriki ukususela ngoku kude kuye ku-2011, ukuba oko kuyimfuneko.

Njengoko nibhala iimviwo zematriki, yazini ukuba nixhaswa ngokupheleleyo ngurhulumente wephondo, liSebe leMfundo leNtshona Koloni, zizikolo zenu, ngabazali benu, ziintsapho zenu nangabahlali. Sininqwenelela impumelelo yodwa.

Ngeminqweno emihle



ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:01