1. Sinovuyo ukubhengeza ukuba izikhululo zeradiyo zoluntu ezili-12 zivumile ukusasaza iiprogram zokuhlaziya izifundo zeMatriki zabafundi abalungiselela ukubhala iimviwo zeMatriki zika-2007.
2. Ezi zikhululo ziya kuzisasaza ezi program ngokusebenzisana kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) neSebe lezoNxibelelwano neNgcaciso likaRhulumente (Government Communications and Information System (GCIS) )
3. Ezinye izikhululo zeradiyo zoluntu ziya kuzisasaza ngqo ezi seshoni ukanti ezinye ziya kuzirekhoda zize ziphume kwiiprogram ezahlukileyo. Usasazo ngqo luya kuba phakathi kwentsimbi yesi-6 neyesi-7 ukuqalela ngoLwesithathu kuye kuLwesine zonke iiveki, kude kuye ngasekupheleni kuka-Oktobha. Kusenziwa izigqibo ngemihla yeeprogram zokugqibela.
4. Izikhululo zeradiyo ezingayi kuzisasaza ngqo ezi program ziya kubhengeza amaxesha okuphuma eeseshoni eziya kusasazwa emoyeni.
5. Abacebisi ngezekharityhulam nezinye iingcali ziya kukhokela uhlaziyo lwezifundo ngamathuba osasazo kwizifundo zematriki eziphambili ithuba elingangesiqingatha seyure phambi kokuba ziphendule imibuzo. Abafundi nootitshala bangayithumela imibuzo nge-imeyili kule dilesi matric07@pgwc.gov.za, okanye ngefoni kule nombolo yamahala 0800-314-446 ngamaxesha osasazo ukuqala ngo-6 - 7 ngokuhlwa ngoMvulo ukuya kutsho ngoLwesine qho ngeveki.
6. Okwangoku sisacwangcisele ukusasaza iiprogram zohlaziyo lwezifundo iiveki ezisibhozo kwezi zifundo zilandelayo: English, Afrikaans, isiXhosa, Biology, Geography, Mathematics, Economics, Business Economics, History, Physical Science ne-Accounting.
7. Nazi izikhululo zeradiyo ezithatha inxaxheba: Radio 786 (100.4); Voice of the Cape (95.8/100.4); Bush Radio (89.5); Radio CCFM (96.7/107.5); Radio Zibonele (98.2); Radio Tygerberg (104); Radio Atlantis (107.9); Radio West Coast (92.3); Valley FM (88.8); Radio KC (107.7); Eden FM (90.1/103.6) ne-Klein Karoo (87.8).
8. Siqhoboshele apha ishedyuli nesaziso esiza kuzipapasha kumaphepha-ndaba eendawo esihlala kuzo (community newspapers). Siya kukuthakazelela kakhulu ukuba ungaxelela abafundi beBakala 12 nootitshala ngale nkonzo. Sinqwenelela abafundi bethu bematriki nezikolo impumelelo ngandlela zonke njengoko belungiselela iimviwo zeMatriki.


ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:17

Schedule  (ubukhulu: 10 KB)
Notice  (ubukhulu: 185 KB)