INGCACISO EMFUTSHANE: | DCO/0001/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUMASEKELA-BALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO, KUBASEBENZI ABAZIISUPHAVAYIZA NAKWIMIBUTHO NEEMANYANO ZABASEBENZI EZAZIWAYO |
| AMABHASO I-CAPE TIMES VODACOM ENVIRONMENTAL AWARDS |
1. |
Amabhaso i-Cape Times Vodacom Environmental Awards athathela ingqalelo igalelo lalowo nalowo mntu nelemibutho ekukhuseleni nokugcina inkcubeko elilifa lethu eliqhame kunene (rich heritage) nemithombo (resources) yethu yeendawo ezisingqongileyo ezidolophini nakwimimandla yendalo.
|
2. |
La mabhaso ngaphambili ayefudula esaziwa ngokuba yi-Cape Times Centenary Awards, nasele ekhutshelwe ukuqaqambisa nokuvuyela umsebenzi wabantu, wemibutho, wezikolo namaqela bebonke abangaphezu kwama-200, ukususela ekuqalweni kwawo ngo-1976.
|
3. |
Eyona njongo ingamandla yala mabhaso ikwimfundo ngokusingqongileyo nolutsha. Ngenxa yesi sizathu, i-Cape Times noVodacom bacele izikolo ukuba zityumbe iiprojekthi ezingokusingqongileyo (environmental projects) okanye abafundi abafanelekileyo (deserving learners) abathatha inxaxheba kumsebenzi wokusingqongileyo ukuba bangenele la mabhaso.
|
4. |
Kukwaqhotyoshelwe apha enye ingcaciso engaphezulu, ifom yokutyumba neenkcukacha zonxibelelwano ezichaphazelekayo. Izikolo mazingenise amagama abatyunjwa namaxwebhu axhasayo kwikomiti ye-Cape Times Vodacom Environmental Awards ingagqithanga imini emaqanda, ngoLwesihlanu we-28 Septemba 2007.
|
ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:09:06
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|