1. Izikolo ezazabelwe isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso ngo-2007, nezisanqwenela ukuqhubeka zifundisa esi sifundo ngo-2008, kunye nezikolo ebezicele isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso, mazizalise iifom zokwenza izicelo eziqhotyoshelweyo.
2. Iifom zokwenza isicelo ezizalisiweyo mazingeniswe kuMlawuli woPhuhliso lweKharityhulam kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni kule dilesi: Private Bag X9114, Cape Town, 8000, engadlulanga uLwesihlanu we-31 Oktobha 2007.
3. Ziyacelwa izikolo ezinganqweneli kusigcina isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso ku-2007, ukuba zazise uMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam, kule nombolo yefeksi (021) 467 2620 okanye ngale dilesi ye-imeyili jpapendorp@pgwc.gov.za, engadlulanga uLwesihlanu we-31 Oktobha 2007.
4. Ukucacisa gca iikhrayitheriya ezisetyenziswa ekukhetheni izikolo, fumana olu xwebhu luqhotyoshelwe apha ‘Criteria for the Allocation of Dance Posts’ (September 2007), noluthunyelelwayo.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:10:09

Application for a dance teacher post for the year 2008  (ubukhulu: 34 KB)
Criteria for the Allocation of Dance Posts  (ubukhulu: 19 KB)