INGCACISO EMFUTSHANE: | DBM/0001/2007 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUMASEKELA BALAWULI BEE-EMDC, KUBAPHATHI BEZEZIKOLO ABAKWII-EMDC, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE KUNYE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE |
| INCWADANA YEMIGAQO: BASIC FINANCIAL SYSTEM FOR SCHOOLS (SECOND EDITION, 2006) |
2. |
Incwadana yemigaqo, eyaqala yathunyelwa ikhatshwa yiSetyhula 0039/2000, ye-8 Meyi 2000, yalungelelaniswa nowiso-mthetho olumiyo kwaneenkqubo ezizizo.
|
3. |
Le CD yaziswe ngokusesikweni nguMphathiswa wePhondo weMfundo, uMnu Cameron Dugmore, nge-12 Septemba 2006 yasiwa kuzo zonke izikolo, ngokuthunyelwa kwii-EMDC ezichaphazelekayo.
|
4. |
Inguqulelo eshicilelweyo yencwadana yemigaqo ehlaziyiweyo iya kufumaneka ukwenzela ukuba ithunyelwe ezikolweni ngoFebruwari 2007. Inguqulelo yesiXhosa iya kufumaneka ebudeni bonyaka. I-EMDC nganye kwakhona inoxanduva lokuthumela le ncwadana yemigaqo kwizikolo zikarhulumente kwisithili sayo.
|
5. |
Okulandelayo uya kwaziswa kwakhona:
|
5.1 |
Le ncwadana yemigaqo ikhutshwa ngokwesiQendu 37(1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, ngo-1996 (uMthetho 84 ka-1996) (Section 37(1), of the South African Schools Act, 1996 (Act no. 84 of 1996)), emisela ukuba ibhunga lolawulo lesikolo maliqalise lize lilawule ingxowa yesikolo ngokwemimiselo ekhutshwe yiNtloko yeSebe leMfundo. Kulindeleke ukuba amabhunga olawulo ezikolo makayithobele imimiselo nemigaqo equlathwe kule ncwadana yemigaqo. Le ncwadana yemigaqo ichaza kuphela imimiselo eyimfuneko emincinane.
|
5.2 |
Izikolo ziyacelwa kananjalo ukuba zingenise kwii-EMDC zazo iingcebiso ngokuphathelele kwinkqubo eyiyo nokuphuculwa kwale ncwadana yemigaqo.
|
5.3 |
Iikomiti zaqaliswa kuzo zonke ii-EMDC ukunikeza, ngaphandle kwentlawulo, nkxaso noqeqesho kwimigaqo ekhankanywe kule ncwadana yemigaqo. Ngoko ke, phambi kokuba ufune uncedo kubantu bangaphandle, izikolo ziyacetyiswa ukuba ziqale ziye kwii-EMDC zazo ukufumana uncedo olulolo hlobo.
|
6. |
Nceda ngesihle wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kubo bonke abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:14
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|