1. Njengoko kubonisiwe kwingxelo yoMphicothi-zincwadi oMkhulu (Auditor-General), kusekho iingxaki malunga nokubuyiswa kweepheyishithi ziipheyiphoyinti. Ezi zinto zilandelayo yimizekelo yeengxaki ekuhlanganwa nazo:
  • Iipheyishithi ezingabuyiselwa kwaNdlunkulu ngethuba
  • Ayizizo zonke iipheyishithi ezibuyiselwa ziipheyiphoyinti kwaNdlunkulu
  • Akukho pheyishithi zingeniswayo kwaNdlunkulu
  • Iipheyishithi azingqinisiswanga ngesiginitsha
2. Uyacelwa ukuba ungenise zonke iipheyishithi ezingqinisisiweyo ngendlela emiselweyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni maliqinisekise ukuba iipheyishithi ezifikayo zingqinisisiwe kwaye ziyangqinelana neMigaqo yeMimiselo ye-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury Regulations), ekwadibene neMiyalelo ye-Ofisi kaNondyebo waseNtshona Koloni (ISahluko 8.3.4 nese-8.3.5) ((the Western Cape Treasury Instructions) (Chapter 8.3.4 and 8.3.5)) efundeka ngolu hlobo lulandelayo:

"For all employees, the person at the respective paypoints must certify that all persons listed on the payroll report are entitled to payment. People paid by cheque must sign the payroll report when collecting their cheques"

and

"Within ten (10) days of being certified, the payroll report must be returned to the Chief Financial Officer. The Accounting Officer (Head of WCED) must ensure that all paypoint certificates have been received on a monthly basis."

3. Yakufika ipheyishithi, umntu ojongene nolawulo lwepheyiphoyinti makasayine isatifikethi kumazantsi ekhasi lokugqibela lepheyshithi, enze ikopi yepheyishithi ngeenjongo zokugcina iirekhodi, aze emva koko abuyisele ipheyishithi yentsusa engqinisisiweyo (original certified paysheet) zingadlulanga iintsuku ezilishumi (10) kule dilesi ilandelayo:
Director: Accounting Services
For attention: Mr WF Julies
Paysheet Control Section (7th Floor)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
4. Iimeko ezinjengokuyeka emsebenzini (resignations), ukusweleka, ukutshintshela kwenye indawo kunye/okanye nakuphi ukungangqinelani (discrepancies) makuboniswe kwipheyishithi ngokubhalwa ukuze kube nokwenziwa ulungelelaniso olululo kwiPersal.
5. Ukutyunjwa njengePheyimasta yePheyiphoyinti.
5.1 Ngokwemigqaliselo, ileta yokutyunjwa iya kuthunyelwa kuzo zonke iipheyimasta kungekudala ukuba ziyizalise zize ziyibuyisele kwidilesi ebhalwe kumhlathi 3 apha ngasentla.
5.2 Kucelwa wazise uNdlunkulu ngeleta ebhaliweyo ukuba imo yepheyimasta yakho iyatshintsha.
6. Kucelwa uqaphele ukuba le Ngcaciso iMfutshane yeeNkonzo ze-Akhawuntingi (Accounting Services Minute) ithatha indawo yoMyalelo woLawulo lweMali yeSebe leMfundo 15/2001 (Education Finance Instruction 15/2001)), womhla we-30 Agasti 2001.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-R.M. MATLI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:08