INGCACISO EMFUTSHANE: | DCD/0005/2006 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-EMDC), KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM (BEZOBUGCISA NENKCUBEKO), NAKWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO EMFUNDO ALUNGISELELA ABAVAVANYWA IIMVIWO ZEMATRIKI |
| UMCULO WEBAKALA 12: IIMVIWO ZOMSEBENZI OWENZIWAYO (PRACTICAL EXAMINATIONS) |
1. |
Enye yeemfuneko zesilabhasi yethutyana kwi-Music HG neSG ne-Music Performance (Second Instrument) SG, kukuba uluhlu lweengoma ezikhethwe (chosen pieces) ngumvavanywa ngamnye kwiBakala 12 malungeniswe kuMcebisi wezeKharityhulam (wesifundo soMculo) ngenjongo yokuba luvunywe (approved).
|
2. |
Uluhlu lweengoma (list of pieces) zomvavanywa ngamnye aza kuzenza maludweliswe ngolu hlobo lulandelayo:
Amagama apheleleyo nefani yomvavanywa
Yitsho ukuba umvavanywa uza kwenza i-Music HG okanye SG okanye i-Music Performance (Second Instrument) SG
Igama lesixhobo sokudlala umculo esikhethiweyo
Amagama eengoma (pieces) ngokwexesha lesimbo (style period)
Izikali neenowuthsi zeengoma (scales and arpeggios) ezikhethwe kwiisilabhasi ezisetyenziswayo ngoku zase-UNISA, Trinity College of London, Associated Board of the Royal Schools of Music and the Step System. (Xela igama lequmrhu eliqhuba uviwo (examining body).
|
3. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zingenise zonke ezi zintlu, kwakunye neekopi zeengoma, kuMcebisi wezeKharityhulam (wesifundo soMculo) kwii-EMDC zazo (funda olu luhlu lulandelayo) phambi kwe-28 Februwari 2006.
Metropole Central
Mr FA Lewis
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
Ifoni: 021 467 2504
Ifeksi: 021 467 2258
|
Metropole South
Metropole East
Ms B Pretorius
Private Bag X23
Kuils River
7579
Ifoni: 021 900 7000
Ifeksi: 021 903 2149 |
Metropole North
Mr K Tabisher
Private Bag X45
PAROW
7500
Ifoni: 021 938 3000
Ifeksi: 021 938 3183 |
West Coast & Winelands
Breede River & Overberg
Mr L du Preez
Private Bag X3026
PAARL
7620
Ifoni:: 021 860 1200
Ifeksi: 021 860 1231
|
South Cape & Karoo
Mr J Theodore
Private Bag X656
OUDTSHOORN
6620
Ifoni: 044 279 1681
Ifeksi: 044 279 1682 |
|
|
4. |
Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:31
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|