1. Kucelwa uthathele ingqalelo iskim sokuba ngobuqhophololo esingabangela ingxaki enkulu kwiimali zesikolo sakho. Esi skim sobuqhophololo singakoku kulandelayo:
1.1 Isikolo (isikolo A) sitsalelwa umnxeba ngumntu othile ozichaza ngokuba uligosa elivela kwelinye lamacandelo karhulumente aze axelele isikolo eso ukuba sinesixa-mali esifanele ukuba sisifumane. Kuya kunikwa isizathu esifanelekileyo sokuba kungani na eso sikolo sityalwa loo mali size ke sixelelwe ukuba loo mali iya kuhlawulwa kwi-akhawunti yebhanki yesikolo.
1.2 Emva koko, lo mntu mnye uya kunxibelelana nesikolo A esithi imali ihlawulwe kwi-akhawunti yebhanki yesikolo kwaye isiliphu sedipozithi sifekselwe esikolweni. Isixa esiboniswa sisiliphu sedipozithi siba ngaphezulu kakhulu kunesixa sangaphambili ebesithenjiswe isikolo eso. Umzuzwana emva koko lo mntu mnye uya kuqhagamshelana nesikolo esithi ngoku kwenzeke impazamo kwafakwa imali eninzi kakhulu kwi-akhawunti yesi sikolo. Uya kunika iinkcukacha zebhanki zesikolo B, aze acele ukuba isixa semali esingaphezulu esihlawulwe kweso sikolo masifakwe kulo akhawunti yesikolo B njengoko leyo iyimali ekufanele ukuba siyifumane eso sikolo. Emva koko, kwangaloo mini inye okanye ngosuku olulandelayo, omnye umntu othi uyinqununu yesikolo B uya kufona aqinisekise ukuba isixa-mali esingaphezulu esidipozithwe kweso sikolo sifanele ukuba sifunyanwe sisikolo sakhe.
1.3 Okwenzekayo isikolo A siya kuhlawula isikolo B singakhange singqinisise loo dipozithi kuthiwa yenziwe. Kuya kuthi kamva kakhulu, siqale siqonde isikolo A, sakufumana iirisithi nezitatimenti zebhanki, ukuba akukho dipozithi yakha yenziwa kwi-akhawunti yebhanki yesikolo yaye akuzange kubekho dipozithi yakha yamiswa.
2. Ziyabongozwa izikolo ukuba mazincede, xa zithe zafumana iifoni ezifana nezi ziqaphele oku kulandelayo:
2.1 Izikolo zaziswa ngolwabiwo-mali lwazo ngembalelwano eneletahedi esemthethweni yeSebe.
2.2 Zonke iintlawulo zenziwa ngekhompyutha. Imali neentlawulo zetshekhi ziphelisiwe leli phondo.
2.3 Isikolo A masinyanzelise ukuba sinikwe isicelo esibhaliweyo sokucela ukubuyiselwa iimali ekuthiwa zihlawulwe kuso ngempazamo.
2.4 Ukubuyiselwa iimali makwenziwe kuphela kwakuba kutshekishwe izitatimenti zebhanki ezikhutshwa qho ngenyanga ukuba ziyangqinelana na nokukwincwadi yokurekhoda imali (cash book) nasemva kokuba iBhunga loLawulo leSikolo livume loo ntlawulo. Iintlawulo ezenziwa sisikolo kwesinye maziziphephe izikolo kangangoko kunokwenzeka.
3. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:26