1. ISebe leMfundo esiSiseko (i) lipapashe iSetyhula S13 ka-2015 engokuqaliswa ngokumana kusongezwa ngokwamabakala uncwadi lwakutshanje lweMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET) ukususela ngo-2016 ukuya ku-2018.
2. Le setyhula ifuna ukuba uncwadi lweBakala 12 luqaliswe ngo-2017 ngokungqinelana nale khathalogu yoncwadi lweFET kazwelonke iqhotyoshelweyo.
3. Njengoko kucacisiwe kwiSetyhula yeSebe i-DBE (DBE Circular) S13 ka-2015, imeko ayitshintshanga kwimibongo yeBakala 12 kuzo zonke iiLwimi zeeNkobe zaseburhulumenteni, kwiiLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo kwakunye nakumabalana amafutshane eeLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo kwizikolo ukwenzela iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
4. Ziyacelwa izikolo zi-odole uncwadi lweFET lweBakala 12 lwango-2017 ngokungqinelana nesikhokelo esinikwe kumhlathi 5 apha ngezantsi.
5. Izikolo mazilandele mbo ezi mfuno ze-CAPS zimiselweyo zilandelayo xa zi-odola iincwadi zoncwadi:
KuLwimi lweeNkobe: yiNoveli enye neDrama enye. KwiiLwimi zase-Afrika, inoveli inokutshintshwa ngoNcwadi lweMveli (Folklore). Ukuba kufuneka iikopi ezongezelelweyo zengqokelela yemibongo yangoku, izikolo zimele ukuzi-odola ezo kopi.

KuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo: naziphi na iindidi zoncwadi ezimbini (two genres): INoveli, iMibongo, iDrama namaBalana amaFutshane. Ukuba izikolo zikhetha imibongo okanye amabalana amafutshane, ngoko ke mazi-odolwe ngokunjalo naziphi na iincwadi ezongezelelweyo.

KuLwimi Lwesibini oloNgezelelweyo: naluphi na udidi loncwadi olunye (one genre) kwezi ndidi: INoveli, iMibongo, iDrama namaBalana amaFutshane.

6. Kwezinye iimeko sisihloko esinye kuphela esifumanekayo kudidi oluthile loncwadi, into ethetha ukuba isikolo asinazihloko zimbi sinokukhetha kuzo ngoko ke sinyanzelekile sikhethe esi sihloko sifumanekayo.
7. Kwezi meko zilandelayo akukho zindidi zoncwadi zibonelelweyo:
Kwisi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe: Azikho iindidi zeDrama
KwisiSuthu uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo: Akukho zindidi zeDrama neNoveli
KwisiSuthu uLwimi Lwesibini Olongezelelweyo: Akukho zindidi kunokukhethwa kuzo
KwisiTswana uLwimi lweeNkobe: Azikho iindidi zeDrama

Kulindeleke izikolo zisebenzise izihloko zoncwadi ezikhoyo kwezi ndidi zoncwadi zikhankanywe ngentla ukuvala izithuba. Kubonelelwe ngezihloko ezicatshulwe kwiikhathalogu zoncwadi lweFET zangaphambili apha ngezantsi kweekhathalogu zeFET zakutshanje ukunceda izikolo zikhethe ukuba zeziphi na izihloko zoncwadi ezinokusetyenziswa ukuvala ezi zithuba.

8. ISebe iWCED liya kuzihlawula iindleko zeenoveli nezedrama ezimiselwe ukufundwa kutshanje. Ii-odolo ezongezelelweyo zengqokelela yemibongo ekhoyo namabalana amafutshane ziya kuhlawulwa sisikolo ngokwaso.
9. Izikolo zimele ukuzalisa le themplethi yoku-odola iqhotyoshelweyo ngokumalunga nenani elifunwayo leencwadi zoncwadi ze-FET.

Makuxelwe inani leencwadi ezifunwayo kudidi loncwadi (genre) ngalunye.

Ithemplethi yoku-odola ezaliswe ngokupheleleyo mayithunyelwe nge-imeyili apha Shameez.Gurah@westerncape.gov.za engadlulanga uLwesihlanu we-29 Julayi 2016.

10. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:07:20

"DBE - Grades 10 - 12 FET Literature Catalogue 2015"  (ubukhulu: 427 KB)
"FET literature - Gr12 - Extracts"  (ubukhulu: 348 KB)
"Grades 12 FET Literature Template 2016-17"  (ubukhulu: 150 KB)