1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0009/2008 ngokupheleleyo.

2. Lo mgaqo-nkqubo uqalisa ukusebenza nge-1 Januwari 2011 kwaye uthatha indawo yawo nawuphi na omnye umgaqo-nkqubo wephondo ongokuhamba isikolo kwabafundi nokugcinwa kweerekhodi zokuhamba isikolo zizikolo zikarhulumente.

3. ISebe leMfundo esiSiseko liqulunqe umgaqo-nkqubo omtsha ongokuhamba isikolo kwabafundi neenkqubo (procedures) zokugcina iirekhodi zokuhamba isikolo kwabafundi. Wapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 33150, yomhla we-4 Meyi 2010, kwaye inguqulelo yephondo yalo mgaqo-nkqubo ekwikhompyutha iqhotyoshelwe apha ukwenzela ukuba uyithathele ingqalelo. Kukwaqhotyoshelwe apha nefayili iMS Word file, ekunika zonke iirejista ezifanelekileyo ezineWCED logo.

4. Injongo yalo mgaqo-nkqubo

  1. kukukhuthaza ukufika ngexesha nokubakho qho kwabafundi kwizikolo zikarhulumente; kunye
  2. nokubonelela izikolo zikarhulumente nesebe lemfundo ngeenkqubo ezikumgangatho ofanayo zokurekhoda, ukulawula nokubeka esweni ukuhamba isikolo kwabafundi.
5. Imisebenzi eluxanduva lwabazali, lweeSGBs, lweenqununu, lootitshala beklasi, lootitshala neSebe leMfundo leNtshona Koloni, icacisiwe gca kulo mgaqo-nkqubo kwaye kubaluleke ngokugqithisileyo ukuba bonke aba bantu baxelelwe ngemisebenzi eluxanduva lwabo.

6. Iincwadana ezimbini zomgaqo-nkqubo zinikwe isikolo ngasinye yaye sele uzithunyelelwe.

7. Kucelwa uqaphele ukuba lo mgaqo-nkqubo ucacisa ukuba "Ngaphandle kwabafundi beBakala 12, umfundi akanako konke ukungayi esikolweni kuba efundela iimviwo okanye xa ziphelile iimviwo. Abafundi beBakala 12 bangathatha ikhefu lokulungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) (NSC) kwiintsuku ezintlanu phambi kosuku lokuqala loviwo lweNSC."

8. Iinkqubo zokungeniswa kweenkcukacha-manani zokuhamba isikolo kwabafundi zihlaziyiwe, yaye kwixa elizayo, iinqununu kuya kufuneka zilandele ezi nkqubo zicaciswe apha ngezantsi.

8.1 IREJISTA YEKLASI

  1. Irekhodi yokubakho qho okanye ukungabikho kwenkwenkwe nentombazana nganye mayigcinwe ngutitshala weklasi kwirejista yokuhamba isikolo kwabafundi. Le rejista mayigcinwe ngokunqatyisiweyo kwi-ofisi yesikolo xa ingasetyenziswa.

  2. Apho kunokwenzeka, ezi rejista mazigcinwe zikwifomathi yekhompyutha (electronic format).

  3. Izikolo esele zisebenzisa irejista yokuhamba isikolo kwabafundi ekwikhompyutha zingaqhubeka nokwenjenjalo ukuba sinako ukuvelisa irejista efanelekileyo ngeenjongo zokuhlolwa nokuphicothwa kweerekhodi, naxa sinako ukuvelisa idatha efunekayo yamanani okwenza iNgxelo yeKota yeSikolo (School Quarterly Return) engoKuhamba iSikolo kwaBafundi. Kucetyiswa ukuba ubhungisane nomphathi wekomiti yesekethe (circuit team manager) ngalo mba.

  4. Ukuzaliswa kwerejista yeklasi yonke imihla makwenziwe ngephiriyodi yobhaliso yeklasi, engeyonxalenye yexesha elabelwe iinjongo zokufundisa kusuku ngalunye lwesikolo.
8.2 IREJISTA YEPHIRIYODI

Le rejista yenzelwe utitshala kwaye ihamba notitshala weklasi, ayi+hambi neklasi. Irejista yephiriyodi luxwebhu olusemthethweni olwenzelwe ukusetyenziswa sisikolo kuphela.


8.3 IREJISTA EYI-SUMMARY REGISTER

  1. Irejista eyi-summary luxwebhu lokusetyenziswa sisikolo kuphela.

  2. Utitshala ngamnye weklasi ekupheleni kweveki nganye, ungenisa amanani ewonke okuhamba isikolo kwabafundi abangamantombazana namakhwenkwe kwirejista yeklasi kuloo mntu wenza umsebenzi wokufaka amanani abale i-Summary Register yaBantwana kwiBakala ngalinye.

  3. Ezi rejista zizi-Summary Registers for Learners mazirekhode iinkcukacha zokuhamba isikolo kwabafundi ezifunyenwe qho ngeveki nganye kwiirejista zeeklasi.

  4. Isishwankathelo saqho ngeveki (weekly summary) samanani okuhamba isikolo kwabafundi kwibakala ngalinye masibhalwe kumaphepha ahlukeneyo e-summary register.
9. IINGXELO ZEKOTA ZESIKOLO EZINGOKUHAMBA ISIKOLO KWABAFUNDI

Makuzaliswe iSchool Quarterly Return on Learner Attendance ngosuku lokugqibela lwekota yesikolo kuthathwe iinkcukacha zokuhamba isikolo kwabafundi kwi-Summary Registers for Learners.

  1. Makungeniswe i-School Quarterly Return on Learner Attendance kusetyenziswa ikhompyutha (via online capture screen) kwi-CEMIS ngosuku lokugqibela kwikota nganye yesikolo.

  2. I-School Quarterly Return on Learner Attendance mayingqinisiswe ize isayinwe yinqununu phambi kokuvalwa kwezikolo ngekota.

  3. Idatha evela kwi-School Quarterly Return on Learner Attendance iya kugcinwa kwiziko ledatha yaye iingxelo ziya kwenziwa zifumaneka kubalawuli be-WCED nezikolo.

  4. Uxwebhu oluprintiweyo olusayiniweyo (signed printout) oluzaliswe ngekhompyutha i-School Quarterly Return on Learner Attendance malufayilishwe sisikolo ukulungiselela iinjongo zeerekhodi nobungqina bokuba iingxelo zigqityiwe zaza zangeniswa ngokufakwa ekhompyutheni.
10 Iisampula zezi rejista zikhankanywe apha ngentla kuxwebhu oluhamba kunye nazo lweMS Word zingenziwa iikopi (duplicated) sisikolo zize zidityaniswe ukwenza iirejista zokuhamba isikolo kwabafundi.

11. Kubalulekile ukuba kuqatshelwe ukuba ezi rejista zenziwa zifumaneke ngawo onke amaxesha ukuze zihlolwe zize zingqinisiswe ngamagosa eSebeWCED.

12. Inqununu mayigcine irejista nganye kangangeminyaka emithathu ubuncinane emva kokuba kufakwe iinkcukacha zokugqibela (last entry has been made).

13. Apha kuqhotyoshelwe umgaqo-nkqubo ongumzekelo (pro forma policy) wezikolo ongokuhamba isikolo kwabafundi.

14. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabasebenzi abachaphazelekayo namalungu ebhunga lolawulo lesikolo ukuze bakuthathela ingqalelo.

15. Ukwakhunjuzwa ukuba kufuneka utsho ukuba uzifumene iincwadana zomgaqo-nkqubo ezihamba kunye nekopi eliphepha yale setyhula ngokuzalisa le fom iqhotyoshelweyo (IsiHlomeleo A) uze uyithumele ngeposi okanye ngefeksi kuMphathi weze-IMG okwisekethe kwi-ofisi yesithili semfundo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:24

La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
ITHEMPLETHI YOKU-DRAFTA UMGAQO-NKQUBO WESIKOLO ONGOKUHAMBA ISIKOLO KWABAFUNDI OMAKWENZIWE
YI-SGB
 (ubukhulu: 94 KB)

iWCED Irejista yeklasi  ("a compressed ('zip') MS WordŽ file": ubukhulu 525 KB)

Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderŽ ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
UMGAQO NQUBO ONGOKUHAMBA ISIKOLO KWABAFUNDI  (ubukhulu: 93 KB)
iWCED Irejista yeklasi  (ubukhulu: 250 KB)  ("as above, but in Acrobat format")
ISIHLOMELO A  (ubukhulu: 17 KB)