1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 019/2007 yomhla we-7 Meyi 2007 iyonke.
2. Inkqubo yokungeniswa kweenkcukacha-manani zokubakho esikolweni ihlaziyiwe kwaye ziyacelwa iinqununu ukuba kwixa elizayo zilandele ezi nkqubo zicaciswe apha ngasezantsi.
3. IMigaqo yoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administration Measures (PAM)) iSahluko A umhlathi 4 ucacisa uthi inqununu mayiqinisekise ukuba isikolo silawulwa ngokufanelekileyo nangokungqinelana nemithetho, imimiselo nemigaqo yolawulo lwabasebenzi echaphazelekayo njengoko imiselelwe. Imisebenzi yootitshala ibandakanya imisebenzi yezolawulo neemfanelo amabazenze ezifana nokugcina iRejista yokuBakho eSikolweni yaBafundi.
4. NgokoMhlathi 4.2(e)(I) weSahluko A sePAM, kunyanzelekile ukuba iinqununu zigcine iirekhodi ezifanelekileyo zesikolo, emazibandakanye iirejista zokubakho esikolweni zabafundi. Usuku lwesikolo malulungiselelwe okanye lwahlulwe ngendlela apha eya kunika ootitshala ithuba lokuzalisa nokugcina iRejista yokuBakho eSikolweni Yonke iMihla yaBafundi (isiHlomelo A) ekuqaleni kosuku lwesikolo.
5. ABAFUNDI
(i) Irekhodi yokubakho yonke imihla esikolweni yamakhwenkwe namantombazana mayigcinwe kumaphepha ahlukeneyo erejista okanye kwincwadi yerejista eyahlukileyo yokubakho kwabafundi yonke imihla esikolweni (isiHlomelo A - iRejista yokuBakho eSikolweni Yonke iMihla yaBafundi).
(ii) Ezi rejista zinako, apho kunokwenzeka, ukugcinwa kwikhompyutha ngokwefomathi enikiweyo.
(iii) Izikolo esezisebenzisa irejista yokubakho yonke imihla esikolweni ekwikhompyutha zingaqhubeka ngokwenjenjalo ukuba iyakwazi ukuvelisa irejista eyincwadi efana neqhelekileyo ukulungiselela iinjongo zokuhlolwa nokuphicothwa (audit) yaye inokuvelisa idatha eyimfuneko ekubhalweni kweeNgxelo zeKota zokuBakho eSikolweni (isiHlomelo B). Kungenjalo makusetyenziswe sisikolo amaxwebhu ahamba kunye nale setyhula.
(iv) Utitshala weklasi nganye kufuneka, ekupheleni kweveki nganye, angenise amanani ewonke emihla ngemihla okubakho esikolweni kwamakhwenkwe namantombazana kumntu onikwe umsebenzi wokuqokelela le ngcaciso ayifake kwisiShwankathelo seeRejista zokuBakho zaBafundi (kwisiHlomelo A1) (Summary Attendance Registers for Learners (Annexure A1)).
(v) IsiShwankathelo seRejista yokuBakho yaBafundi (isiHlomelo A1) esiqhotyoshelweyo masizaliswe ngengcaciso ethathwe kwiRejista yokuBakho eSikolweni Yonke iMihla yaBafundi (isiHlomelo A) qho ngeveki kude kube sekupheleni kwekota.
(vi) Ukubakho yonke imihla esikolweni kwebakala ngalinye makugcinwe kumaphepha ahlukeneyo erejista (isiHlomelo A1) okanye kwincwadi yerejista eyahlukileyo ukulungiselela isishwankathelo sokubakho esikolweni kwabafundi.
(vii) IsiShwankathelo seeRejista zokuBakho zaBafundi (isiHlomelo A1), kukhethwa ukuba sizaliswe ngekhompyutha, njengoko ineefomyula zokwenza kube lula ukubala amanani ewonke nee-avareji zokubakho esikolweni kwabafundi ngokwebakala ngalinye.
6. INgxelo yeKota yokuBakho eSikolweni (isiHlomelo B) (Quarterly Attendance Return (Annexure B)) mayizaliswe ngengcaciso ethathwe kwisiShwankathelo seeRejista zokuBakho eSikolweni zaBafundi ngosuku lokugqibela lwekota nganye.
  • INgxelo yeKota yokuBakho eSikolweni (Quarterly Attendance Return) mayingeniswe ngokusebenzisa inkqubo yekhompyutha i-CEMIS kwiveki yokugqibela yekota nganye, ukuqalela ekupheleni kwekota yokuqala ngo-2008.
  • INgxelo yeKota yokuBakho eSikolweni (Quarterly Attendance Return) mayingqinwe ize isayinwe yinqununu phambi kokuba isikolo sivalele ikota.
  • Abaphathi beesekethe baya kuba nako ukubeka esweni ngekhompyutha inkqubo yezikolo baze basayine ingxelo yokubakho esikolweni kwisekethe yabo.
  • Idatha ethathwe kwiNgxelo yeKota yokuBakho iya kugcinwa (saved) kwiziko ledatha yaye ezi ngxelo ziya kwenziwa babe nokuzifumana abaphathi nezikolo.
  • Ikopi esayiniweyo eprintwe yikhompyutha yeNgxelo yeKota yokuBakho eSikolweni ezaliswe ngekhompyutha (isiHlomelo B) mayigcinwe efayilini esikolweni ukulungiselela iinjongo zeerekhodi nanjengobungqina bokuba iye yazaliswa ingxelo yaza yangeniswa ngekhompyutha.
7. Iikopi zezi rejista zikhankanywe apha ngasentla ezihamba kunye nale setyhula zinokuprintwa ngokuphindwe kabini (duplicated) sisikolo zize zenziwe imiqulu yeencwadi zerejista.
8. Iindawo ekubhalwa kuzo (fields) kwiiRejista zokuBakho eSikolweni zaBafundi nesiShwankathelo seeRejista zokuBakho zaBafundi (Attendance Registers for Learners and Summary of Attendance for Learners) zenzelwe injongo yokuncedisa izikolo ekuzaliseni ezi rejista. Kucelwa niqaphele ukuba iindawo ekubhalwa kuzo ezinombala ogreyi makungatayishwa nto kuzo, njengoko iifomyula ezisetyenziswe kwezi ndawo zokubhala zikwaziyo ukuzibalela ngokwazo idatha efakwe kwezinye iindawo zokubhala. Abaphathi beesekethe mabaqinisekise ukuba iinqununu ziyazi ukuba ngawaphi amanani amakafakwe kwiNgxelo yeKota yokuBakho eSikolweni.
9. IRejista yaBafundi yokuBakho eSikolweni yenza idatha ekungaqinisekwa ngayo nengazizizathu zokuba iNtloko yeSebe leMfundo iphande ngokungezi kwabafundi esikolweni, ithathe inyathelo elifanelekileyo lokulungisa ezo meko, ikhuphe izaziso ezibhaliweyo nokuba ifake isimangalo, apho kuyimfuneko. Kwakhona ikwayindlela yesikolo ukuba sikwazi ukuphendula ngomfundi ngamnye, nto leyo ethi ichaphazele uLwabiwo lweMali yeZikolo ngokwemiMiselo neMigangatho (Norms and Standards), ukwabela izikolo ootitshala, kwaye ixhasa isiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy).
10. Ngako oko ke ezi rejista mazibe nokufumaneka ngawo onke amaxesha ngenjongo yokuba zihlolwe zize zingqinisiswe ngamagosa eSebe iWCED, anokutyelela izikolo amaxesha ngamaxesha ukuqinisekisa ukuba ezi rejista nezinye iirekhodi zimana zihlaziywa qho
11. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi namalungu ebhunga lolawulo.


ISAYINWE: NGU-TS LINGELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:20


isiHlomelo B  (Quarterly Attendance Return)  (Arobat format - ubukhulu: 13 KB)

The following documents relate to this minute / circular.  ExcelŽ is required to view / print these documents.  Click on a title below: the document will open a separate window.  To return to this circular, close the window.
isiHlomelo A  (Daily Attendance Register for Learners)  (Excel format - ubukhulu: 57 KB)
isiHlomelo A1  (Summary Attendance Register for Learners)  (Excel format - ubukhulu: 33 KB)