INtetho yeBhajethi yeSebe leMfundo kwiNdlu yoWiso-Mthetho yePhondo, eKapa
Intetho yeBhajethi yaseNtshona Koloni
UMphathiswa weMfundo, uDonald Grant
23 Matshi 2012


Somlomo
Mphathiswa oHloniphekileyo
Malungu aHloniphekileyo eKhabhinethi
Malungu aHloniphekileyo ePalamente yePhondo
Ntsumpa-Jikelele yeSebe leMfundo nakuwo onke amagosa amakhulu eSebe leMfundo leNtshona Koloni
Zindwendwe ezimenyiweyo ezinxulumene nezemfundo
Manene naManenekazi

INTSHAYELELO

Somlomo ndibamba ngazo zozibini ngokuba undiphe eli thuba lokwandlala iBhajethi yezemfundo ka-2012/2013 eNtshona Koloni.

Kuliwonga kum ukwamkela ezi ndwendwe zibalulekileyo kulo mcimbi wezemfundo eNtshona Koloni:

  • Inkosikazi yam, uCheryl;
  • uProfesa Brian Figaji, uSihlalo weBhunga lezeMfundo;
  • noProfesa Daya Reddy, uSekela-sihlalo weli Bhunga.

Enkosi ngokuza kubanathi apha namhlanje.

Ndikwanqwenela nokukhankanya iindwendwe ezibalulekileyo - nangona zingenako ukuba lapha namhlanje ngenxa yezizathu ezicacileyo, - zonke iinqununu zezikolo eNtshona Koloni.

Ixesha lam njengoMphathiswa liyibethelele ngakumbi inkolelo yam ekubeni zona zibaluleke kakhulu kumgangatho wemfundo okhoyo kulutsha kwizikolo zethu. Sibothulela umnqwazi bonke kwakunye nezo titshala baziphetheyo mihla le ngokuzimisela kwabo ekuphuculeni umgangatho wemfundo.

Ikopi yentetho yebhajethi yanamhlanje yenziwe ukuba ifumaneke kuzo zonke iinqununu njengophawu lwentlonipho njengamahlakani ekuboneleleni ngemfundo esemgangathweni kubo bonke abafundi eNtshona Koloni.

Somlomo, uRhulumente waseNtshona Koloni kutshanje uye wayiqwalasela kwakhona indima yakhe kwithuba eliphakathi ukujonga inkqubela ayenzileyo njengorhulumente ukukusela ngo-2009.

Ndinovuyo ukukunika ingxelo yokuba kwezemfundo sibe nenkqubela encumisayo ekubekeni isiseko esiyimfuneko sokufikelela kwiinjongo zethu ezicwangciswe ngobuchule zokuphucula iziphumo zokufunda zabafundi nomgangatho wemfundo eNtshona Koloni.

Somlomo, wena namalungu apho phambi kwenu ninayo ingxelo esiyikhuphe ngoNovemba kunyaka ophelileyo nenika iinkcukacha ngenkqubela eyenziweyo ekuphumezeni isiCwangciso soBuchule kwezeMfundo (Strategic Plan for Education) sethu ukususela ngo- 2009.

Namhlanje ndiza kunika ingxelo ngokufutshane ngeminye imiba yenkqubela esiyenzileyo, ndigxininise ngakumbi kwezo zinto sizenza bhetele nakwezo sizenza ngokubungcali ukufikelela kwiinjongo zethu ezicwangciswe ngobuchule. Ndiza kugxininisa kwakhona kwezo zicwangciso sizenzayo ukulungiselela ukwenza umsebenzi wethu bhetele nangobungcali kunyaka-mali ka-2012/2013 ukwakhela kwinkqubela esele siyenzileyo.

Eyona njongo eyongamileyo yesi sicwangciso, kukuphucula amathuba obomi nokudala amathuba kubo bonke abantwana eNtshona Koloni ngokubabonelela ngemfundo esemgangathweni.

Sizimisele ekuphuculeni indlela abafundi abaqhuba ngayo kulwazi lokufunda nokubhala nakulwazi lokubala nakwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kwakunye nasekunciphiseni ireyithi yokuphuma esikolweni kwabafundi bengagqibanga.

Ukuze sibenako ukwenza oku, siqaphele iiprayorithi eziyi-10 eziphambili. Isigqibo ngasinye sebhajethi sikhokelwa zezi prayorithi yaye siya kuqhubeka sinolwazi sikhokelwa yimfuno yokuphucula iziphumo zokufunda zabafundi nokubonelela ngokwazi ukufikelela ngakumbi kwimfundo esemgangathweni.

IBHAJETHI KA- 2012/2013

Enye yezona iinkalo ziphambili agxininisa kuzo uRhulumente kukunciphisa intlupheko. Eyona ndlela enokuhlala ithuba elide yokoyisa intlupheko nekuphela kwayo kukudala amathuba amahle omntu wonke ukulungiselela ukuhluma koqoqosho. Ngokuthi babe ngabantu abafundileyo, abantu babanako ukufumana imisebenzi engcono, bafumane nemivuzo enengeniso engcono baze ekugqibeleni baphile ubomi obunexabiso. Ngako oko ke ukubaluleka kwemfundo ekunciphiseni intlupheko ngumba okhankanywe mpela kwiBhajethi kaRhulumente waseNtshona Koloni.

Ekuqaleni kwale nyanga, uMphathiswa wezeMali, uPhuhliso loQoqosho noKhenketho ubhengeze ukuba kwi-Medium Term Expenditure Framework (MTEF), iSebe leMfundo eNtshona Koloni lingafumana ngaphezu kwesinye sesithathu sebhajethi yephondo -isabelo se-R45.381 bhiliyoni.

ISebe liya kufumana i-R14.229 bhiliyoni kunyaka-mali ka-2012/13 - i-35.7% yebhajethi yephondo yali nyaka-mali. Oku kukwanda kwimali yonyaka-mali ongaphambili ngenkcitho kwezemfudo ekhule nge-avareji ye-13.3% ngonyaka kwithuba eliqhelekileyo (nominal terms) ukuqala ngo-2008/09.

Ibhajethi yezemfundo iya kusetyenziselwa ukuzalisekisa iinjongo ezicaciswe kwisicwangciso sobuchule yaye kuqhutyekwe nokuba imfundo yesikolo sikarhulumente ibe yeyona nto kugxininiswa kuyo kwimali yeSebe ngesabelo-mali esiyi-80.1% yebhajethi yezemfundo.

Indlela eziqhuba ngayo izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo luphawu oluphambili lokubonisa amanqanaba entsebenzo alo Rhulumnete kwezemfundo kule minyaka mibini idlulileyo.

Eyona nto ixolisa ngakumbi kukuba intsebenzo yezikolo zethu zikarhulumente eziqhelekileyo iyaqhubeka ukuvelisa iziphumo ezincumisayo, ngakumbi kwiziphumo ezifunyenwe kule minyaka mibini yokugqibela yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

Oku kubonisa inkqubo yezemfundo yephondo eya ivuthwa inyukela ngomgangatho neyimpendulo enika ithemba kwiisistim ezininzi eziphuculweyo. Ibonisa ukuba ngonyaka ngamnye iSebe kunye nezikolo zethu, lisebenza bhetele yaye lisebenza ngobungcali ukuphucula umgangatho wezemfundo eNtshona Koloni. Ngonyaka-mali ka-2012/2013, siya kuzondelela ukuzinzisa inkqubela kwiisistim esinazo ukususela ngo-2009.

SISEBENZA BHETELE NJANI?

Somlomo, uRhulumente ukubeke phambili ukuphuculwa kweziphumo zabafundi kwiphondo ngokuphumeza iqela lamaphulo neeprogram:

  • zokuphucula amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nawolwazi lokubala kubo bonke abafundi; kunye
  • nokwandisa inani labafundi abapasayo nokuphucula umgangatho wokupasa kwabo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

Iziphumo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zika-2011 zibonisa ukuba siya siwuphucula umgangatho weziphumo zokufunda kwiphondo. INtshona Koloni ibe liphondo eliqhube kakuhle ngokubasemagqabini kweli lizwe ngereyithi yokupasa eyandileyo engu- 82.9% (enyuke ukusuka ku-76.7%).

Kwangalo nyaka mnye, sibethe segqitha kwirekhodi yangaphambili yenani labaviwa abapasele ukungena kwizifundo zesidanga sokuqala. Babe ngaphezulu nge-801 abafundi abapase ngolu hlobo ngo-2011.

Ezi ziphumo ziphuculweyo zisisiphumo sezisombululo seesistim ezisemganagthweni ezithagethiweyo nezinokuqhuba zisebenza kakuhle ithuba elide. Ukuqinisekisa ukuba siqhubekela phambili ukusebenza bhetele ekuphuculeni iziphumo zabafundi ngo-2012, siya kusebenza ngokongeza siphucule ngakumbi inkqubo ukulungiselela ootitshala bethu nabafundi bethu. ISebe lixoxile nesikolo ngasinye kwizikolo zethu ngeziphumo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukwenzela ukuba ziqaphele imiba eyingxaki nokuba zimisele iithagethi zokuphucula umgangatho ukulungiselea unyaka ongaphambili.

Izikolo ezifuna inkxaso ethagethiweyo kwiSebe zichongwe ngokweemfuno zezifundo zazo. Iprogram yokufundisa yethu iya kuqhubeka ukususela ngo-Apreli yaye iya kugxininisa ngakumbi kumgangatho wootitshala abayifundisayo le program abanikwe isikolo ngasinye.

Kulo nyaka siya kugxininisa ekuphuculeni umfundi ngamnye. Ziceliswe izikolo ukuba ziqaphele abafundi abasemngciphekweni ukwenzela ukuba banikwe inkxaso eyodwa aba bafundi kwakunye nootitshala babo.

Ukunika inkxaso uphuhliso lwabafundi bethu, iSebe lise ezikolweni iiCDs ezinamaphepha emibuzo eyimizekelo (exemplar examination papers) amakasetyenziswe ngabafundi yaye laqinisekisa ukuba abafundi beBakala 12 bazifumene eazi ncwadana 'Tips for Success' kwasekuqaleni kukaJanuwari kulo nyaka - iphulo laseNtshona Koloni nelikotshwayo nangamanye amaphondo.

Ndinovuyo olukhulu ukubhengeza ukuba kulo nyaka njengenxalenye yeenzame zeSebe zokuphucula iziphumo zabafundi kwiphondo, bonke abafundi beBakala 9 ngo-Apreli baya kufumana incwadana ethi "Tips for Success" eya kunika iingcebiso abafundi beBakala 9 malunga nokukhetha izifundo ezichanekileyo xa belungiselela ukugqithela kwiBakala 10. Ezi ncwadana ziza kunikwa nina namhlanje umntu abeneyakhe.

Somlomo, lo gama ukuphucula iziphumo zabafundi kubekwe kweyona ndawo iphezulu kwinkqubo njengeyona prayorithi kuthi, sikwafuna nokuba siqinisekise ukuba abafundi bethu banazo izakhono eziyimfuneko zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala ngethuba befika kwimfundo yesikolo esiphakamileyo ukuba kufuneka bezisebenzise ngokupheleleyo iitalente zabo kwizifundo zabo.

Yiloo nto ke sabele isixa esikhulu mpela sezibonelelo kwiSigaba seSiseko ukuphucula izakhono zabafundi kulwazi lokubhala nokufunda nakulwazi lokubala.

Kule minyaka mibini idlulileyo uRhulumente weNtshona Koloni wandise uvavanyo lwenkqubo yemfundo lwabafundi kwezi nkalo ngamandla. Ukongeza apho kuvavanyo lwezakhono zokufunda nokubhala nokubala zabafundi bamaBakala 3 no-6, iSebe laqalisa uvavanyo lwabafundi beBakala 9 okokuqala ngqa ngo-2011. Abafundi kumaBakala 3, 6 no-9 bavavanywa qho ngonyaka.

Ngo-2011, sabona inkqubela ecacileyo kwiziphumo zemathematika zethu apho abafundi beBakala 3 baye bephucula iziphumo zabo ukusuka ku-35% ngo-2008 kuye ku-48.3% ngo-2010. Kwangokunjalo iziphumo kwiBakala 6 zaye zaphucuka ukusuka ku-17.4% ngo- 2009 ukuya ku-23.4% ngo-2010.

Lo gama sibona oku kuphucuka komgangatho malunga noku, amanqanaba kulwazi lokubala akakabi yile nto afanele ukuba yiyo. Kwangokunjalo, amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala kumaBakala 3, 6 no-9 asesezantsi. Abafundi abazifundi ngokwaneleyo iiteksti ezintsonkothileyo ngengqiqo yaye ababhali mihlathi mide ngokwaneleyo.

Ngako oko ke senze amalungiselelo eeteksti ezisemgangathweni nezinto zokufunda njengeprayorithi yethu - kucwangciso nakulwabiwo lwemali, zombini.

Lo Rhulumente uqinisekile yaye unenkolo yokuba iincwadi zezifundo zisisibonelelo sezemfundo esibaluleke kakhulu sokuphuhlisa ukufunda, ukubhala nezakhono zolwimi.

Ngeli xesha kunyaka ophelileyo kule ndlu ndazibophelelela ngendlela engazange yakho ngaphambili, ngelithi kwithuba leminyaka emithathu ezayo, bonke abantwana ukususela kumaBakala 1 - 12 baya kufumana incwadi yesifundo kwisifundo ngasinye abasifundayo.

Kunyaka-mali ka-2011/12, iSebe lagqithisa kummiselo kazwelonke wokubonelela ngeencwadi zezifundo ngokwaba isixa esiyi-R133 izigidi esongezelelweyo sisabelwa iincwadi zezifundo. Ekuqaleni konyaka wesikolo u-2012, abafundi bamaBakala 1, 2, 3 no-10 baxhamla ekuqalisweni ngokusesikweni kwephulo leencwadi zezifundo elaphula izikeyi ngokukhupha iincwadi zezifundo (textbooks) neencwadi zokufunda (readers) ezaba ngaphezu kwezigidi ezi-2.

Okokuqala ngqa, abafundi kumaBakala 1 no-2 ngoku banencwadi yemathematika yaye abafundi beBakala 10 baneencwadi zezifundo kwizifundo ezisixhenxe abazifundayo.

Ukwandisa eli phulo kunyaka-mali ka-2012/2013, sabe isixa esongezelelweyo esiyi-R144.301 yeebhiliyoni kwiziboneleo eziziincwadi zezifundo ukongeza kwi-R240 yezigidi ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali kwinkxaso-mali eyabelwa iincwadi zezifundo.

Isixa esikhulu sesi sabelo siya kusiwa ngqo ekuboneleleni iincwadi zezifundo kubafundi bamaBakala 4, 5, 6 no-11. Siya kuthagetha amaBakala aseleyo - amaBakala 7, 8, 9 no-12 -kunyaka-mali ka-2013/2014 ukuqinisekisa ukuba siyaziphumeza iinjongo zethu ezicwangciswe ngobuchule zokubonelela izikolo ngeencwadi zezifundo engadlulanga u-2014 ngokungqinelana ne-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS).

Somlomo, lo Rhulumente uhlala ezibophelele ekuboneleleni abafundi bethu ngendawo yokufunda esemgangathweni kangangoko kunokwenzeka. Ngokungqinelana noku kuzibophelela kwethu, siqalise ngokutshintsha iziseko zophuhliso zezikolo ezingafanelekanga ekwandiseni iziphumo zokufunda.

Ngo-2010 ndabhengeza isicwangciso seziseko zophuhlio seSebe eli esibandakanya ukutshintshwa kwezikolo eziyi-20 ezazakhiwe ngezinto zokwakha ezingafanelekanga ngethuba lobandlululo.

Ukususela kweso sibhengezo sesi sicwangciso, sigqibe izakhiwo eziyi-8 zezikolo ezitshintshiweyo yaye kunyaka-mali ka-2012/13 silindele ukugqiba ezinye izikolo eziyi-13. Ndinovuyo olukhulu ukunika ingxelo yokuba sisahamba kakuhle ukufikelela kule thagethi.

Somlomo, lo gama sizimisele ukutshintsha izikolo ezininzi kangangoko, sikwafuna nokuba sakhe izikolo ezitsha ukumelana nemfuno ekhulayo yokubakho kwezikolo kwiindawo ezithile.

Kulo nyaka uphelileyo sagqiba ukwakha izikolo eziyi-11 ezitsha kweli phondo ezifundisa abafundi abahlala kwiindawo ezithwaxwa yintlupheko apho sibone ukwanda kwamanani.

Ngenxa yokwanda kwemfuno yeziseko zophuhliso ezibhetele, sityale imali eninzi kakhulu kwiprogram yethu i-Infrastructure Programme efikelela kwi-R2.347 yeebhiliyoni ngeli thuba le-MTEF.

Kweli nani, yi-R518.356 yezigidi eyabelwe ukwakha izibonelelo ezitsha nokutshintsha ezo zingafanelekanga kunyaka-mali ka-2012/13. I-R572.168 yezigidi ne-R505.579 yezigidi iya kwabelwa unyaka-mali ka-2013/14 nonyaka-mali ka-2014/15 ngokulandelelanayo.

Somlomo, lo gama uRhulumente weNtshona Koloni esenza konke okusemandleni ukubonelela izikolo zethu ngeeteksti, inkxaso neziseko zophuhliso eziyimfuneko ekuphuculeni umgangatho, siyakholelwa ukuba le yinxenye nje yenkxaso eyimfuneko ukwenza bhetele iziphumo zabafundi kunyaka ngamnye.

Inkxaso nokubophelela kootitshala neenqununu ezizinikeleyo ezisebenzisa izibonelelo ngobulumko ngumba ophambili.

Ukusetyenziswa ngendlela eyiyo kwezibonelelo namaxesha okufundisa nokufunda kuthetha ukuba sonke siyayiqonda imeko yaye sizibophelele kwiinjongo zemfundo esemgangathweni. Oku kuzibophelela sabelanayo ngako ukujongana neziphumo zokufunda eziqatshelweyo kube luphawu oluqaqambileyo lwenkqubo yezikolo zaseNtshona Koloni.

Ngokumalunga noku, ndinovuyo ukubhengeza ukuba iinqununu eziyi-1452 zezikolo zethu zizisayinile ii-School Improvement Plans okanye ii-SIPs zazo. I-SIP sisixhobo solawulo sekhompyutha esifuna izikolo ukuba zizibekele iithagethi zokuphucula umgangatho kwibakala ngalinye.

Ezi thagethi ziphuculweyo zimiselwa ziinqununu ngokuthetha- thethana nee-ofisi zezithili zemfundo ezichaphazelekayo emva kocazululo ngenyameko lweziphumo zamaBakala 3, 6 no-9 zovavanyo lolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala, iziphumo ze-Annual National Assessment results, iziphumo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, iziphumo zeemvavanyo zangaphakathi nedatha efumanekayo kwimiba efana nokungabikho esikolweni. Zakuba zimiselwe iithagethi, zifakwa kwikhompyutha kwiziko ledatha le-SIPs zize zibekwe esweni ukuqinisekisa ukuba isikolo ngasinye kwizikolo zethu ziqhubela phambili.

Ndinovuyo ukubona ukuzibophelela kweenqununu zezikolo zethu ekuphuculeni iziphumo zabafundi kwizikolo zazo ezichaphazelekayo njengenxalenye yeenzame zizonke zeli butho.

Somlomo, lo Rhulumente ukholelwa ngamandla ukuba ukusebenza ngamandla kufanele ukunconywa yaye bavuzwe abo benze inkqubela. Apho izikolo zisebenza ngokubhetele yaye zivelisa iziphumo eziphuculweyo (ngakumbi kulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala), sifuna ukuzivuza yaye sizikhuthaze ukuze ziqhubele phambili kulo msebenzi wokuphucula umgangatho.

Ngako oko ke ndinovuyo lokubhengeza ukuba ukumiselwa ngokusesikweni kweprogram yezikhuthazi (incentive program) evuza izikolo eziiprayimari, iphucule inani lomgangatho wokupasa kulwazi lokubala kwiBakala 3 kuvavanyo lwenkqubo yezemfundo nezikolo eziphakamileyo zilandisile inani labafundi abapase imathematika nabapase iSatikifikethi seMatriki sikaZwelonke abanokungenela izifundo zezidanga sokuqala.

I-R25 yezigidi yabelwe le program yezikhuthazi.

Izikolo ezifumana izikhuthazi ziya kuqinisekisa ukuba ezi mali zichithwa kwizinto eziphuhlisa ukubanako kwazo ukufundisa imfundo esemgangathweni kubafundi bethu.

Ezo zinto zinokubandakanya enye okanye ngaphezu koko kwezi nkalo ziziiprayorithi zilandelayo:

  • ulondolozo lwezikolo;
  • ukuthengwa kwezixhobo ze-IT ezitsha zolawulo okanye zokusetyenziselwa iinjongo zokufundisa; kunye
  • nokukhuthaza imathematika, ezifana nokuthenga iincwadi ezinemisebenzi yemathematika eyongezelelweyo (extra mathematics exercises and mathematics manipulatives) nemidlalo.

Iprogram yezikhuthazi yamkelwe kakuhle kakhulu zizikolo zethu yaye ngoku ibonelela ngamathuba okuvuza izikolo ngokusebenza bhetele nangokuphucula iziphumo zabafundi. Sinovuyo ngokuba sibe nako ukubonisa izikolo zethu nootitshala bethu ukuba siyawubulela umsebenzi wabo onzima ekufikeleleni kwiinjongo esabelena ngazo zokuphucula iziphumo zabafundikweli phondo.

Somlomo, asinako ukulindela ukuba zonke izikolo zethu ziphucule iziphumo zazo ze zikulungele ukuvuzwa ngezikhuthazi ezifana nezi ukuba asinako ukubonelela ootitshala bethu ngamathuba okuphucula uqeqesho lwabo.

Kwisicwangciso sethu sezemfundo ngo-2009, sazibophelela ngokuba sibonelele ootitshala ngophuhliso noqeqesho oluqhubeka okokoko. Ukwenza oku, sandise isabelo sebhajethi yophuhliso noqeqesho lootitshala ngesabelo esiyi-R95.2 yezigidi kunyaka-mali ka-2012/2013.

Njengokuba lubalulekile ngokwenene uqeqesho lootitshala bethu lukwanjalo noqeqesho lweenkokeli zezikolo zethu neekomiti zolawulo. Kulo nyaka sibonelela ngeqela leekhosi zoqeqesho eCape Teaching and Learning Institute, ezibandakanya iikhosi ngeendima neemfanelo zamasekela-nqununu neentloko zezifundo; oomasifundisane beenqununu zezikolo ezibonisa umdla, uqeqesho lweekomiti zolawulo zezikolo neprogram yoqheliso yeenqununu zezikolo ezintsha.

Okubalulekile gqitha, namhlanje lusuku lokugqibela lonyulo lwamaBhunga oLawulo eZikolo. Izikolo zethu ziqhube inkqubo yonyulo ebe yimpumeleo yaye siwanqwenela impumelelo loo maBhunga oLawulo eZikolo matsha kwiminyaka emi-3 ezayo.

Ukubaluleka kwala maBhunga oLawulo eZikolo matsha kufanele kungajongelwa phantsi. Anendima ayidlalayo enkulu nekufuneka eyidlalile egameni lezikolo, kubandakanywa; ukumisela imigaqo-nkqubo yokwamkelwa kwabafundi esikolweni nomgaqo wokuziphatha kwabafundi, ukudraftwa kwebhajethi yesikolo, umisela iifizi zesikolo yaye okubaluleke gqitha, ilungelo lokuqhuba udliwano-ndlebe nokutyumba ootitshala neenqununu ukulungiselela ukuqeshwa kwabo.

Xa enikwe le misebenzi, kubalulekile ukuba onke amalungu eBhunga loLawulo abe ayayiqonda imisebenzi yawo.

Uqeqesho ngamandla lwamaBhunga oLawulo eZikolo amatsha luya kuqhubeka phakathi ko-Apreli noJuni 2012 ukuqinisekisa ukuba amalungu amatsha eBhunga ngalinye anolwazi nezakhono eziyimfuneko ukulawula isikolo ngokuyimpumelelo.

Somlomo, nayiphi inkqubo esebenza kwinqanaba eliphezulu enegunya lokuzilawula kweziko (high level of institutional autonomy)- njengenkqubo yethu yesikolo sikarhulumente- ifuna isikhokelo esicacileyo emakusetyenziswe sona kwimisebenzi yalo.

Oku makubonelelwe yi-Ofisi yoMphathiswa wezeMfundo neSebe. Imizekelo yesi sikhokelo ziingcaciso-magama ezipapashwe kutshanje nezihlaziyiweyo zokuziphatha kakubi komfundi kakhulu nedrafti yoMgaqo woKuziphatha wamaBhunga oLawulo eZikolo.

Ukuba kufuneka sisebenze ngokubambisana sisonke ukuphucula iziphumo zokufunda kweli phondo, kufuneka siqinisekise ukuba izikolo zethu, ootitshala, iinqununu namaBhunga oLawulo eZikolo anenkxaso eyimfuneko evela kumagosa ezithili zethu nakuNdlunkulu.

Ngo-2009, senza ukuphendula ngokukhawuleza kwiimfuno zoluntu nokusebenza ngempumelelo kweSebe leMfundo eNtshona Koloni umba oyiprayorithi yethu. Injongo yethu kukucwangcisa kwakhona iinkqubo zokusebenza zethu kwaNdlunkulu nakwi-Ofisi zezithili ukwenzela ukuba sibonelele ngenkonzo ebhetele, ukuphendula ngokukhawuleza nokunika inkxaso kwizikolo zethu nakootisthala bethu ngenjongo yokuphucula umgangatho wemfundo kwinto yonke.

Ngoku senze iqela lemisebenzi yokuphucula umgangatho malunga noku nethe yanegalelo kumanqanaba okwaneliseka ngokwento yonke ekwenzeni kwethu iinkonzo.

Somlomo, sizibophelele kakhulu ekuseni izibonelelo ezininzi esele ndizikhankanyile namhlanje ekuphuculeni iziphumo zabafundi kwizikolo ezifundisa kwiindawo ezinabahlali abahluphekayo bephondo lethu nokuqinisekisa ukuba phantse bonke abafundi abasemngiphekweni (vulnerable) banawo bonke amathuba okufumana imfundo esemgangathweni nokukhuphisana ebomini.

Ngamanye amaxesha kuthiwa lo Rhulumente akachithi mali ngokwaneleyo kubahlali abangabona bahluphekileyo kumphakathi wethu. Ezi nyaniso aziyixhasi le mbono. Amanani abonisa ukuba ngokungatshintshiyo ngabemi besikolo abayi-60% abangabona bahluphekileyo abafumana isabelo esisesona sikhulu ngokwezalathi ezibalulekileyo ezifana nemimiselo nemigangatho yesabelo-mali, iprogram yesondlo esikolweni, iziseko zophuhliso ezitsha nokuthuthwa kwabafundi.

Ngokungqinelana noku kuzibophelela, yinjongo ecwangciswe ngobuchule yalo Rhulumente ukunciphisa inani lezikolo eziqhuba kakubi (o.k.t. ngereyithi yokupasa iBakala 12 engaphantsi ko-60%.)

Ukususela ngo-2009 ndinovuyo ukunika ingxelo yokuba sibone inkqubela ebonakalayo ekunciphiseni inani lezikolo eziqhuba kakubi. Inani lezo zingaqhubi kakuhle kwizikolo eziphakamileyo zikarhulumente lehle ngaphezu ko-60% ukususela ku-78 ngo-2010 ukuya ku-30 ngo-2011.

Somlomo, ndithanda ukunixelela ngoluntu oluthile oluseNtshona Koloni olubonisa indlela esisebenza ngcono ngayo ukuphucula amathuba obomi babafundi bethu.

Kolu luntu kukho i-21 yezikolo eziphakamileyo. Ngo-2009 iziphumo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kwezi zikolo ziphakamileyo zazimbi izikolo eziyi-15 kwizikolo eziyi-21 zafumana nganeno ko-60% ngereyithi yokupasa engumndilili odityanisiweyo ka-53.6%.

Nakuba kunjalo, kwiminyaka emibini edlulileyo, phantsi kwalo Rhulumente, kuye kwakho ukunyuka kakhulu kule nkalo. Ukususela ngo-2009, ireyithi yokupasa engumndilili inyuke ngo-13.5% laza inani labafundi abapasayo lanyuka ngo-24.9%. Kuye kwakho kwakhona ukunyuka okuqaphelekayo nge-44.8% kwinani lokupasa ufundele isiDanga sokuQala (Bachelor passes).

Kweziyi-15 izikolo eziqhuba kakubi kolu luntu kwiminyaka emibini edlulileyo, kushiyeke ngoku zintandathu kuphela. Oku kubonisa ukwehla okuqaphelekayo nge-60%.

Kucacile ukuba, phantsi kwalo Rhulumente, amathuba obomi abafundi abakolu luntu aphucuke kakhulu ukususela ngo-2009. Oku kunganxulunyaniswa nokunyuka kokusasazwa kwezibonelelo zabasebenzi nezemali kule nkalo - inkalo apho kufumaneke ngokwezembali utyalo-mali olunqongopheleyo. Le ndawo ke yiKhayelitsha.

Eli bali lezikolo eziphakamileyo zaseKhayelitsha kwiminyaka emibini edlulileyo ngumzekelo wendlela lo Rhulumente akuphumeza ngayo ukuzinikela ekunciphiseni ukungalingani kwezentlalo noqoqosho (socio-economic inequalities) uninzi lwabantu abakweli phondo abajongana nalo yonke imihla.

Inyaniso yeyokuba uninzi lwezinto zokunceda zethu zityalwa kakuhle ekuphuculeni umgangatho wemfundo kwiindawo ezihlwempuzekileyo (ezinjengeKhayelitsha) kwaye imbuyiselo yolu tyalo-mali iyaqalisa ukubonakala kwiphondo liphela. Umzekelo, ezona zikolo zihlwempuzeke kakhulu zethu kwiNqanaba loBuhlwempu likaZwelonke 1 (National Quintile 1) kwiimviwo zango-2011 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zaphucula ireyithi yokupasa kwazo ukusuka ku-57% ngo-2010 ukuya ku-70% ngo-2011. Ireyithi yokupasa kuzo zonke izikolo kwezintathu ezizezona zihlwempuzeke kakhulu kumaNqanaba oBuhlwempu kaZwelonke zanyuka zangaphezulu kwi-70%.

ISebe leMfundo lityale i-R3.2 yezigidi ekunikeni oobhaka (backpacks) nezinto zokubhala kubafundi besiGaba seSiseko kuzo zonke izikolo zethu zamaNqanaba oBuhlwempu kaZwelonke ekuqaleni konyaka wesikolo ka-2012. Abafundi bethu abaselula ngoku bayakwazi ukuya babuye esikolweni noobhaka babo bezaliswe ngeencwadi nezinto zokusebenza ebekunokwenzeka ukuba bangakwazi ukuya nazo ekhaya ukwenzela ukufunda nokustadisha (reading and study).

Somlomo, akukho kuthandabuza malunga nokuba ubuhlwempu buneziphumo ezibi ekufundeni. Umntwana olambileyo akakwazi kufunda okanye asebenze kakuhle. Isondlo sentsusa siyafuneka kumava okufunda asemgangathweni. Lo Rhulumente ke ngoko uzinikele ekwandiseni ukuqaliswa kwenkqubo yokondla yethu ezikolweni esebenzela ezona ndawo zoluntu zihlwempuzeke kakhulu kwiphondo.

Iprogram yokondla izikolo yaseNtshona Koloni isahleli iyeyona ilawulwa ngcono elizweni nenika ukutya okunezondlo ngaphezulu kwabayi-430,000 abaselula, nabafundi abahlwempuzekileyo nabasengozini kwiphondo liphela yonke imihla.

Ukunika ithuba abantwana bethu bafumane okuninzi kusuku lwesikolo ngalunye, iprogram yokondla izikolo yeSebe leMfundo yandiswa kwiminyaka emibini edlulileyo. Oku kwanda kuboniswa ekunyukeni kweebhajethi okuqaliswe ukususela ngo-2009. Kunyaka-mali ka-2009/2010, yi-R112 yezigidi yaye yabelwa iskim sesikolo sokondla abafundi seSebe leMfundo. Eli nani lanyuka ukuya kwi-R173 yezigidi ngonyaka-mali ka-2010/2011 ne-R227 yezigidi ngonyaka-mali ka-2011/2012. Ndiyavuya ukwazisa ukuba siya kulunyusa utyalo-mali ngonyaka-mali ka-2012/2013.

Siya kwaba kwakhona i-R203 yezigidi kuthutho lwabafundi ukuncedisa abafundi abahlala kwiindawo zasemaphandleni ezihlwempuzekileyo ukuya nokubuya esikolweni. Kwakhona, esi sabelo sibonisa ukwanda.

Ngaphezulu, kulo nyaka sabe i-R43 yezigidi ukubuyekeza izikolo zethu ngeefizi eziye zaphulukana nazo ukuqinisekisa ukuba abafundi abaninzi abavela kwiindawo zoluntu oluhlwempuzekileyo zeli phondo banethuba lokuya esikolweni nokufumana imfundo. Ngonyaka-mali ka-2011/2012, sahlawula ngaphezulu kwe-R20 yezigidi ukubuyekeza izikolo eziyi-511 kwiphondo.

Ngonyaka-mali ka-2012/2013, siya kwaba i-R21 yezigidi eyinkxaso yokukhuthaza ootitshala abakwiindawo ezisemaphandleni. Eli linge lijolise ekuphuculeni umgangatho wokufundisa neziphumo nabajolise kuko abafundi kwiindawo ezisemaphandleni, ngokukodwa kwiindawo zethu ezikude neendawo ezihlwempuzekileyo.

Somlomo, lo Rhulumente uya kuqhubeka esebenzela ukuphucula umgangatho weziphumo zemfundo eziphunyezwe zizikolo ezisebenzela ezona ndawo zoluntu oluhlwempuzeke kakhulu lwephondo lwethu nokwandisa ukufikelela kwimfundo esemgangathweni kubo bonke abafundi eNtshona Koloni, ngokukodwa abo bajongene nezithintelo zobomi.

Kwintlalo yoluntu yamathuba avulelekileyo kuwonkewonke, kubalulekile ukuba sinike amathuba bonke abafundi ukufikelela kwimfundo esemgangathweni, kubandakanywa nabo bantwana banezithintelo ekufundeni.

INtshona Koloni itshila phambili elizweni ekunikeni imfundo eneemfuno ezizodwa. Ukuzinikela kwethu okuqhubelekayo kwaba bafundi kuboniswe kwisabelo esiya kwenziwa kule program ngonyaka-mali 2012/2013. Oku kubonisa ukunyuka ukusuka kunyaka ophelileyo.

Kweli candelo leSebe leMfundo, kuye kwakho ukutshintshela kwinkqubo yenkxaso ethe mbende (continuum of support) kuzo zonke iimeko eziziintlobo ngeentlobo zentlalo, kubandakanywa izikolo ezibandakanya bonke abafundi (mainstream schools), kwizikolo ezinika inkonzo epheleleyo (full-service schools) nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.

Iikomiti ezikwii-ofisi zezithili zemfundo nezikwii-ofisi zeesekethe zemfundo - ezibandakanya abacebisi ngezokuNika iNkxaso kumaZiko (Learning Support advisors), koonontlalo-ntle, kwiisayikholojisti zezikolo, kwiitheraphisti, nakumagosa ajongene nokondliwa kwezikolo nokunonophela nokunika inkxaso kubafundi abaphila ne-HIV/AIDS - banike inkxaso kuzo zonke iimeko ezahlukeneyo apho abafundi banokufumana izithintelo ekufundeni khona. Ukongeza, kukho ngaphezulu kootitshala abayi-450 abafundisa kwizikolo ngezikolo bokunika iNkxaso kumaZiko eMfundo (itinerant Learnig Support teachers).

Inkalo ekuye kwagxilwa kuyo kwicandelo lezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ibe ziZikolo zeZithulu (Schools for the Deaf). Ikomiti eyasekwayo ukujongana nomsebenzi wokuphanda ngomgangatho wemfundo yezithulu kwiSebe leMfundo yenza iingcebiso eziziindidi ngeendidi kwingxelo ka-2011 yayo - uninzi lwazo sezisenziwa.

Somlomo, sakhe kwakhona iindlela ezintsha zokusebenza ngokuchubekileyo (smart) ukwenzela ukuba ibhajethi enikwe imfundo ichithwe ngenkathalo nangobuchule kangangoko kunako. Ukusebenza ngokuchubekileyo kuthetha ukuba siyakwazi ukufumana ixabiso elingaphezulu leemali zoluntu esizichithayo ekuphuculeni umgangatho wemfundo kweli phondo kunangaphambili.

NGABA SIKWENZA NJANI UKUSEBENZA NGOBUNGCALI (SMART)?

ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze iqela lamanyathelo aphambili ukusombulula iziphene kule nkqubo.

Ukuzinza kwimicimbi yezabasebenzi yinto ephambili ekusebenzeni ngobuchule kwezikolo. ISebe leMfundo lenze iqela leendlela zobungcali zokuqinisekisa ukuba iimfuno zengqesho zootitshala ezikolweni kuhlangatyezwana nazo ngokukhawuleza nangempumelelo.

Oku kubandakanya upapasho lwaqho lwezintlu zezithuba zomsebenzi, inkqubo yokwenza izicelo ekhompyutheni yezithuba zeeNqununu nenkqubo ehlaziyiweyo yokuqeshwa kwabasebenzi abancedisayo ezikolweni. Izithuba zizonke zizaliswa ngokukhawuleza kakhulu, ukuzinza ekuqesheni abasebenzi neziphumo zokusikrinwa kwabasebenzi ezifanelekileyo ziyaphuculwa oko kusenzeka kwindawo ekhuselekileyo elungiselelwe abafundi.

ISebe leMfundo liqalise ukusebenzisa ikhalenda yokucwangcisa yonyaka wesikolo ka-2012 eyayibandakanya imihla eyahluka-hlukeneyo neenkcukacha zezoqeqesho noomasifundisane. Ukusetyenziswa kwekhalenda yokucwangcisa yindlela ecacileyo nechubekileyo yokukhuthaza ootitshala bethu, iinqununu neekomiti zolawulo zezikolo zicwangcise ngexesha zixhamle uphuhliso lwamathuba afumanekayo.

Ukuba sizuza ngaphezulu kule bhajethi yabelwe iincwadi zokufunda (textbooks), iSebe leMfundo liqhube uthetha-thethwano lwamaxabiso amahle nabapapashi, oko kukhokelele kulondolozo lwemali ephakathi kwe-R5 yezigidi ne-R6 yezigidi. Ezi mali zongiweyo ziya kusetyenziselwa ukuthenga iincwadi zokufunda ezingaphezulu zezikolo zethu. Eli nyathelo libonise ukuba ngokucwangcisa ngobuchule iSebe linokuzuza ixabiso elingcono lemali kunangaphambili nokukhawulezisa ukuqaliswa kwezicwangciso zethu ezilibhongo zokunika iincwadi zokufunda.

Siye kwakhona senza inkqubo entsha kwakhona yoku-odola iincwadi zokufunda ngekhompyutha. Le nkqubo inika izikolo ukhetho oluphangaleleyo lweencwadi zokufunda ezivela kwikhathalogu kazwelonke yeencwadi zokufunda ezivunywe yi-CAPS lo gama kukhawuleziswa kwenziwe lula ukufaka ii-odolo ngekhompyutha.

Le nkqubo yenze ukuba sikwazi ukukhawulezisa ukusa iincwadi zokufunda, nokuzisa okucwangciselwe unyaka wesikolo ka-2013 neya kugqitywa ngoNovemba kulo nyaka.

Somlomo, ngelishwa okona kwenzekayo kweli lizwe kukuba apho kugquba intlupheko kudla ngokubakho ulwaphulo-mthetho. Ulwaphulo-mthetho luzichaphazela kakubi zizkolo zethu kunye namandla azo okubonelela ngemfundo esemgangathweni. Indlela yokuziphatha kwabafundi iyatshintsha ngendlela embi lifuthe lemigewu, ziziyobisi nakukuxhatshazwa ngokwesondo nayimphatho-gadalala. Ulwaphulo-mthetho lubanesiphumo esibi kubafundi abavela kwiindawo zabahlali abathwaxwa yintlupheko ngako oko ke yiprayorithi yalo Rhulumente ukufumana iindlela zokunciphisa inxaxheba edlalwa lulwaphulo-mthetho kumathuba okufunda.

Siya kuthi ke ngoko sabele izigidi eziyi-R24.2 kwibhajethi ka-2012/2013 kwiprogram yeZikolo eziKhuselekileyo yeSebe eli. kwalo Rhulumente ekusebenzeni ngendlela engcono ukuphucula ukhuseleko lwabafundi bethu nokukhuseleka kwezikolo zethu.

Iprogram yeZikolo eziKhuselekileyo zethu iya kunika inkxaso ethagetha okuthile ezikolweni ukulungisa imiba yophuhliso lolutsha, usebenziso gwenxa kweziyobisi, ulawulo lwempixano nokulamla, ukulwa ubugewu nolawulo lwezokhuseleko.

Ukwenzela ukukhusela izikolo zethu ekonakalisweni (from vandalism), izikolo eziyi-50 ezongezelelweyo ziya kufumana ezona zinto ziphambili ezisisiseko sokhuseleko (core security infrastructure) ezinjengee-alam, igeyithi zokhuseleko neentsimbi zokuthintela ukuqhekeza (burglar proofing).

Eli Sebe liya kuqhubeka nokukhuthaza yaye liye phambili neengxoxo zothetha-thethwano namacandelo ngamacandelo ukuncedisa ekunciphiseni iziganeko zokonakaliswa nokumoshwa kweprophathi yesikolo. La macandelo abandakanya amaqela aliliso lomzi, iinkampani zokuleqa xa kuqhekezwa, amapolisa aloo ndawo, abazali nabafundi ngokwabo.

Xa isikolo sisonakaliswa, kufuneka iSebe likhuphe imali yokungciba umonakalo weprophathi eyonaka okanye yokubuyisela iimpahla ezibiweyo. Le mali iphuma kwibhajethi yokulondoloza nokulungisa yeSebe neyabelwe isixa-mali esiyi-R114.725 yezigidi kunyaka-mali ka-2012/2013. Oku kumele ukwanda nge- R6.3 yezigidi xa kuthelekiswa nekanya-mali odlulileyo.

Ngako oko ke sinombulelo omkhulu ngenkxaso esiyifumanayo kwintsebenziswano karhulumente neyabezoshishino enjengaleyo yaqalwa e-Parkwood Primary School phakathi kweSebe eli ne-Lead SA kunye nemibutho yasekuhlaleni. Kwakusoloko kuqhekezwa amatyeli amaninzi e-Parkwood Primary School apho kwakumoshwa amagumbi okufundisela kubiwe neentambo zombane. U-Lead SA wanika inkxaso yakhe ngokulungisa isikolo exhaswa yeminye imibutho. Neentsukwana nje ezimbalwa satshintshwa isikolo sapeyintwa gokutsha, kwalungiswa iintambo zombane kwakho neziseko zokhuseleko eziphuculweyo.

Uthatho-nxaxheba lwabo kule projekthi kubonisa oko kungenziwa xa abantu, imibutho norhulumente bengene kwintsebenziswano apho bathi bazibophelele kwinjongo enye nefanayoa, eyile, yokuthi sonke senze izikolo zethu zikhuseleke ngakumbi.

Somlomo, siza kukhuthaza yaye siququzelele iintsebenziswano ezifana nale karhulumente neyabezoshishino kulo nyaka ukuze sifumane iziphumo ezikwanjengezi ezikolweni zethu.

Lo gama ndisekumxholo wentsebenziswano, mandiyiqaqambise into yokuba iBhunga lezeMfundo (Education Council) - phantsi kokukhokelwa nguNjingalwazi Brian Figaji - lidibanise uluvo lwabathathi-nxaxheba abanolwazi ababalulekileyo. Eli Bhunga liza kuya likhula ngokukhula ekwenzeni igalelo elingenambaliso ngokubaluleka ngengcebiso yalo ekuqulunqeni umgaqo-nkqubo wezemfundo kweli phondo.

Olunye uhlobo lwentsebenziswano kukubambisana ngamandla nee-arhente zikamasipala nezephondo ngenjongo yokuba nendlela eyondeleleneyo yokwandisa nenempumeleyo yokwenza iinkonzo zoPhuhliso lwaBantwana aBasaqalayo ukuFunda (Early Childhood Development) neMfundo noQeqesho lwaBadala (Adult Basic Education and Training). Le ndlela yokwenza edibanisa zonke iinkalo ukuhlangabezana neemfuno ezibalulekileyo (transversal approach to important needs) ezingaphelele ekufundeni esikolweni kuphela ibaluleke kakhulu.

Ukongeza kwezi nzame zokusebenza ngcono, eli Sebe lilo elikhokeleyo kwilizwe lonke ekusebenziseni iziseko zophuhliso ze-ICT ukomeleza nokuxhasa ngamandla ukufundisa okukumgangatho ophezulu kwizikolo zethu.

Kutshanje, iNkulumbuso yenze isibhengezo esidale umdla omkhulu kwintetho yayo yePhondo (State of the Province address) esimalunga nokusekwa kwe- Special Purpose Vehicle okanye kwe-Public Private Partnership ukwenzela ukuba zonke izikolo zikwazi ukufumana i-broadband access, kwakunye nayo nganye ifasilithi yorhulumente wephondo nekamasipala, apha eNtshona Koloni kule minyaka mibini inesiqingatha izayo.

Ngumbono wethu ukuba ukuqhagamshelwa kwi-high speed broadband sisiseko ekungahlanganiswa ngaso ulwazi lweThekhinoloji (information technology) ezikolweni zethu, nto leyo eya kwenza kube nokufikelelwa ngokufanayo nangokulinganayo kwi-information highway ngabo bonke abasebenzisi, kungakhathaliseki ndawo umntu akuyo.

Somlomo, ndinovuyo ukubhengeza, ngokungqinelana nokuzibophelela kweSebe eli ekusebenzeni ngcono ukuphucula iziphumo zokufunda kweli phondo, siza kube sifaka izigidi eziyi-R34 kwibhajethi ye-ICT YELI Sebe ezizigidi eziyi-R60 kwiprojekthi yeNkulumbuso. I-High speed broadband connectivity iya kwenza eli Sebe liphucule umgangatho wemfundo kweli phondo ngokuthi kubonelelwe ngezinto zokufundisa ikharityhulam nezokufundisa ezikumgangatho ophezulu, uqhagamshelwano oluphuculweyo nokunika inkxaso nokuba umntu ukwindawo ekude (remote technical support).

Ukuqhubela phambili ukuzibophelela kwethu ekusebenzeni ngcono nasekwandiseni ukwazi ukufikelela kwithekhinoloji ehamba phambili kweli phondo, ndinovuyo ukubhengeza ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwephulo elidala uchulumanco kakhulu eliya kwenza nganye inqununu yesikolo kweli phondo ifumane i-PC tablet. Ezi tablets - eziya kusiwa ezikolweni kamva ekuhambeni konyaka - ziya kuphucula indlela esinxibelelana ngayo size sinike inkxaso iinqununu zethu. Lo Rhulumente uwuxabise kakhulu umsebenzi owenziwa ziinqununu zethu ukuphucula iziphumo zemfundo kweli phondo yaye sinethemba lokuba ukubonelelwa kwezi tablets kuya kwenza bakwazi ukusebenza ngcono.

UKUPHETHA

Somlomo - Kunyaka odlulileyo ndathi kule ndlu, ayindisithile konke into yokuba sisenomgama omde ekufuneka siwuhambile ukuze sibenako ukufikelela kwiinjongo zethu ezicwangciswe ngobuchule

Sisebenze nzima kakhulu. ISele leMfundo leNtshona Koloni, phantsi kwesandla esaziyo seNtsumpa -Jikelele, uNks Penny Vinjevold, kunye negqiza lakhe labalawuli abakhulu, ukwazile ukuzilahlela ngokupheleleyo ukulungiselela ezona mfuno ziphambili zabafundi beli phondo. Amagosa akwaNdlunkulu nawezithili zemfundo ayawubona ngokucacileyo umbono weenjongo zezemfundo (have clear education goals in sight). Kwinqanaba lesikolo ezi njongo zibonakala kwiziCwangciso zoPhuhliso lweSikolo (School Improvement Plans).

Ndibulela ngamnye umntu othathe inxaxheba ngeenzame zenu zokusisondeza kwindawo esaziyo ukuba masibe kuyo nangokuqinisekisa ukuba amawaka-waka abantwana bethu bakwiindawo zokufundela ezibhetele kunezo bebekuzo ngaphambili. Kodwa asikafikeleli kuzo zonke ezi njongo - imfundo ngumsebenzi oqhubekayo (education is a work in progress) - yaye ndimi apha kwakhona namhlanje nokuzibophelela kwethu okudibeneyo kokuqhubeka nokusebenza nzima nokuphucula ngakumbi imeko.

Abona baya kuzuza lukhulu ngabantu abasebatsha kwizikolo zethu, ootitshala nabasebenzi abanika inkxaso abenza iinkonzo zokufundisa kunye noluntu ngokubanzi olungabazali, amaziko emfundo oabezoshishino nemizi-mveliso - uluntu luphela lweNtshona Koloni.

Ukuza kuthi ga ngoku andikawukhankanyi omnye weyona milenze ibaluleke gqitha kuyo nayiphi na inkqubo yezemfundo. Okungekhoyo kwakhona kule bhajethi njengento esingenako ukuyithenga okanye ukuyakha, luthatho-nxaxheba lwabazali kwimfundo yabantwana babo.

Inkqubo yobhaliso kubhaliselwa unyaka wesikolo ka-2013 sele iqalile yaye sibongoza bonke abazali ukuba babhalise abantwana babo kwangoko ukwenzela ukuba sikwazi ukubabhalisa bonke abantwana abahlala eNtshona Koloni phambi kokuphela kwalo nyaka wesikolo.

Sikhuthaza ngamandla abazali ukuba bathethe nabantwana babo ngokuba benza ntoni esikolweni, bafunda ntoni, babhala ntoni kwaye zeziphi izibalo abazenzileyo usuku ngalunye lonyaka wesikolo. Sikwafuna ukuba abazali bathethe nootitshala ngokuba benza ntoni esikolweni ukwakha ezi zakhono, yaye bangenza ntoni na abazali ukunceda ootitshala babantwana babo.

Ngeenzame ezidibeneyo zabafundi, ootitshala nabazali, kwakunye nangenkxaso evela kwiSebe eli, siqinisekile ukuba singaqhubeka nokwandisa amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nawolwazi lokubala kweli phondo.

Okokugqibela, Somlomo, njengoko sisiya phambili komnye unyaka, ndiqinisekile ukuba sizakhele apha eNtshona Koloni igqiza elomeleleyo, amatshantliziyo enziwa ngootitshala bethu, amagosa ethu, nabafundi bethu eNtshona Koloni. Ngenkxaso engaphezulu evela kubazali nakubahlali sinako ukufikelela kuzo zonke iinjongo zethu. Oku kukusebenza sonke sikunye.

Enkosi.


 return to: WCED Home page | Previous page
© 2012 Western Cape Education Department