Responsibilities Of Parents - A Guide To Public School Policy (Xhosa)

Umthetho Omiselweyo Wezikolo zaseMzantsi Afrika wonyaka wama-1996 ufuna ukuba bonke abantwana abaneminyaka esi-7 ukuya kweli-15 ubudala bahambe isikolo. Bonke abazali nabameli babazali kufuneka baqiniseke ukuba bonke abafundi abakweli banga lobudala babhaliselweukuba sesikolweni. Njengomzali, ubudlelwane bakho nesikolo buqala mhla wenza isigqibo sokubhalisa umntwana wakho esikolweni esithile. Obu budlelwane buchazwa njengothungelwano lwamanqaku nemithwalo ephathelele kwisikolo eso. 

A. UKUNGENISWA KOMNTWANA WAKHO ESIKOLWENI

B. IMALI YESIKOLO

C. UKULAWULA

D. ULWIMI LOKUFUNDA NELOKUFUNDISA

UNALE MITHWALO ILANDLAYO NJENGOMZALI

NGOLWAZI OLUNGAPHAYA KOLU

HOME PAGE

Angabhaliselwa ukuba abe sesikolweni xa engakanani ngobudala umntwana wam?

Umntwana wakho ungambhalisa ukuba aqale kwibanga (grade) 1 xa eneminyaka esixhenxe ubudala okanye xa eza kuyidibanisa iminyaka esixhenxe kunyaka wakhe wokuqala wokuhamba isikolo.

Ndimbhalisa nini kwaye phi umntwana wam?

Kufuneka umbhalise umntwana wakho esikolweni esikufutshane nekhaya lakho okanye nendawo osebenza kuyo phakathi kwenyanga kaAgasti nekaNovemba kunyaka ongaphambi kowokuqalisa komntwana wakho esikolweni.

Ndingambhalisa umntwana wam nokuba kukwesiphi isikolo nokuba asikho kufutshane kwikhaya lam okanye endaweni endisebenza kuyo?

Ewe, ungambhalisa umntwana wakho nakwesiphi isikolo sikawonke-wonke. Kodwa naxa kunjalo, inkoliso yezikolo iqala inike izithuba kubantwana babazali abahlala okanye abasebenza kufutshane nesikolo.

Yintoni ekufuneka ukuba ndiqale ndiyazi phambi kokubhalisa umntwana wam?

Utitshala oyintloko yesikolo makakunike imithetho yenkqubo yesikolo malunga nokwamkelwa kwabantwana aze akuchazele yona. Kufuneka kwakhona ubuze ukuba kweso sikolo kufundiswa ngoluphi/ngeziphi iilwimi wandule ukwenza isigqibo sokuba ingaba oko kumlungele na umntwana wakho.

Isikolo sikawonke-wonke asifanelanga kunika vavanyo lokwamkelwa esikolweni. Uvavanyo lungasetyenziswa kuphela ngenjongo yokwenza isigqibo ngezintlu zezifundo okanye izintlu zeenkqubo afanele ukuzenza umntwana wakho esikolweni.

Ngawaphi amaxwebhu afunekayo xa kufakwa isicelo sesithuba?

· Isiqiniseko sokuzalwa; kunye

· Ikhadi yezitofu zokhuseleko lwabantwana ekuguleni; kunye

· Nekhadi yokuthumela umntwana kwenye indawo okanye ingxelo yokugqibela yesikolo kubafundi abebesesikolweni kwithuba elidlulileyo

(Qaphela ukuba iziqiniseko zokuphehlelelwa azisayi kwamkelwa njengesiqinisekiso somhla wokuzalwa.)

Ngawaphi amanye amaxwebhu afunekayo xa ndingengommi waseMzantsi Afrika?

· Yimvume yokufunda; kunye

· Nemvume yokuba ngumhlali wethutyana okanye esisigxina enikwe liSebe Lemibandela Yoluntu; okanye,

· Ubungqina bokuba usifakile isicelo semvume yokuhlala eMzantsi Afrika.

Ndiza kwazi njani xa amkelwe umntwana wam esikolweni?

Isebe Lezemfundo lephondo kufuneka likwazise ngesiphumo sesicelo sakho lithumele ngoTitshala Oyintloko yesikolo.

Ndingenza ntoni xa umntwana wam kwaliwe ukungeniswa kwakhe esikolweni esithile?

Ungacela inkcazelo ebhaliweyo kwisebe lephondo, uthumele ngoTitshala Oyintloko yesikolo. Ukuba azikwanelisi izizathu ozinikiweyo ungafaka isikhalazo esibhaliweyo kuMphathiswa (MEC) Wezemfundo wephondo.

Ndinyanzelekile ukuba ndihlawule imali yesikolo?

Isikolo sisenokukuxelela ukuba kufuneka uhlawule imali yesikolo. Naxa kunjalo, ukuba akunandlela yakuhlawula isixa esifunekayo okanye xa unokukwazi ukuhlawula imali engaphantsi kwefunekayo, ungabhalela iqela elilawula isikolo (school governing body - SGB) ileta ucele ukungahlawuliswa imali yesikolo. Iqela elilawula isikolo liya kukwazisa ngesigqibo salo. Ikopi yemiqathango ephathelele kwiintlawulo zesikolo iyafumaneka esikolweni. Kanti isikolo kufuneka sikuncedise xa ufuna uncedo ngesicelo sakho sokungahlawuliswa.

Ndisifaka njani isingxengxezo malunga nesigqibo se-SGB?

Ungafaka isingxengxezo Kwintloko YeSebe lephondo. Uya kukuchazela izizathu xa kungavunywanga ukuba ungahlawuliswa. Ukuba kubonwe ukuba unako ukuyihlawula imali, kodwa wena ungaphumeleli ukwenza njalo, ungathatyathelwa amanyathelo ngokomthetho ukuqinisekisa ukuba uhlawula nayiphi imali osemva ngayo.

(Qaphela ukuba akukho mntwana unokwalelwa ukungena esikolweni ngenxa yokungakwazi kwabazali ukuhlawula imali yesikolo. Isikolo asinako nokubamba iziphumo zomntwana wakho singenako nokumkhuphela ecaleni kwawo nawuphi umsebenzi wemfundo kuba ungakwazi ukuyihlawula imali yesikolo.)

Liyintoni iqela elilawula isikolo?

Iqela elilawula isikolo lilulwakhiwo olulawula isikolo. Libambe indawo yokuthenjwa sisikolo. Linotitshala oyintloko, abameli abakhethiweyo babahlohli, abaqeshwa abangengobahlohli, abazali nabafundi xa isikolo eso sisesemfundo elandela eyokuqala.

Ndinganyulwa njani ukuba ndimele abanye abazali kwiqela elilawulayo?

Ungaba ngummeli wabanye abazali kwiqela elilawulayo ukuba utyunjwe waphinda wavowutelwa ngabazali.

Ndingalufumana njani ulwazi ngenkqubo yonyulo?

Utitshala oyintloko yesikolo unyanzelwa ngokomthetho ukuba anike bonke abazali ulwazi malunga ngonyulo lwabazali kwiqela elilawulayo.

Kwenzeka ntoni xa ndinganyulwanga ukuba ndingene kwiqela elilawula isikolo?

Nokuba akunyulwanga ukuba ungene kwiqela elilawulayo, usenalo ILUNGELO lokuzibandakanya kwimibandela yesikolo ngokuhamba iintlanganiso zabazali.

Kwakhona unalo ILUNGELO lokuba nothethwano nabahlohli okanye notitshala oyintloko ngeenxaxheba zomntwana wakho kwimisebenzi yesikolo. Utitshala oyintloko nabahlohli esikolweni kufuneka bakwazise kuselithuba ngesimilo somntwana wakho, indlela asihamba ngayo isikolo nangenkqubo yakhe ezifundweni zakhe.

Ngubani owenza izigqibo ngemibandela yesikolo?

INtloko YeSebe, ngokuthuma uTitshala Oyintloko, ithabatha zonke izigqibo ngemfundo esikolweni. Iqela elilawulayo lona linoxanduva lokwenza izigqibo ngokungeniswa kwemali, ukuqhutywa kwemisebenzi ngendlela efanelekileyo nolawulo lwesikolo.

Ndingasifaka phi isilandulo sam sesigqibo okanye senyathelo elithatyathiweyo?

Ungasifaka isalandulo sakho ngesigqibo okanye ngenyathelo elithatyathiweyo,ngale ndlela, malunga:

· nomhlohli kuTitshala Oyintloko;

· uTitshala Oyintloko kwiNtloko yezeMfundo kwiphondo;

· iBhunga laBameli baBafundi kwiqela elilawula isikolo; kanti,

· iQela elilawula isikolo kuMphathiswa wezeMfundo (MEC) okanye kwiNtloko yeSebe.

Uthini UMthetho Wenkqubo- yeMfundo-ngolwimi?

UMthetho Wenkqubo-Yemfundo-Ngolwimi weSebe ukhuthaza abafundi ukuba bafunde ngaphezu kolwimi olunye. Kwakhona libakhuthaza ukuba basebenzise ulwimi abaluqonda ngaphezu kwezinye iilwimi njengolwimi lokufunda nelokufundisa kwaye olu lwimi lungasetyenziswa lulodwa njengoko besafunda ezinye iilwimi ezizizifundo okanye kufakelwe ezinye iilwimi njengeelwimi zokufundisa.

Ingaba umntwana wam akasayi kushiyeka xa efundiswa ngolwimi olungesiso isiNgesi?

Ukufunda ngolwimi lwasekhaya kwiminyaka yokuqala yokuya esikolweni kuqinisekisa iziseko eziqinileyo zokufunda kwixesha elizayo nezokufunda iilwimi ezintsha/ezizezinye.

Ngubani othabatha isigqibo ngeelwimi zokufunda nokufundisa?

Iqela Elilawula Isikolo lilo elifanele ukwenza isigqibo ngolwimi lokufunda nelokufundisa elisetyenziswa esikolweni. Ulwimi olusetyenziswayo lusenokuxhomekeka kwintando yoninzi lwabafundi esikolweni nesakhono sesikolo sokufundisa ngolwimi oluthandiweyo. Ngaphezu koko, iQela Elilawula Isikolo kufuneka libonise ukuba liza kukukhuthaza njani ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi esikolweni.

Ingaba umntwana wam uyakwazi ukukhetha malunga nolwimi lokufunda nelokufundisa esikolweni?

Ewe. Umfundi ngamnye makathi xa eze kubhalisa esikolweni, axele ulwimi alukhethayo lokufunda nokufundisa. Naluphi ulwimi kwiilwimi zethu ezilishumi elinanye lungakhethwa njengolwimi oluthandwayo lokufunda nokufundisa kwisikolo sikawonke-wonke.

Kwenzeka ntoni xa ulwimi endilukhethileyo lungasetyenziswa sisikolo eso?

Xa kunokufumaneka izicelo ezingama-40 ngeBanga ngalinye ukususela kweloku-1ukuya kwelesi-6 okanye ezingama-35 ngeBanga ngalinye ukususela kwelesi-7 ukuya kwele-12 zokufunda ngolwimi olungekasetyenziswa sisikolo, isebe lephondo kuya kufuneka lifumane indlela yokuhlangabezana nemfuno yakho.

Yeyiphi imithwalo yam njengomzali malunga nokuhlawulwa kwemali yesikolo?

Izikolo zingayibiza imali yesikolo ngesizathu sokuxhasa uncedo lwemali olunikwa liSebe lezeMfundo. Njengomzali luxanduva lwakho ukuhlawula imali yesikolo yomntwana wakho. Ukuba akunandlela yokuhlawula inxalenye yayo okanye sonke isixa esifunekayo, kufuneka ufake isicelo sokungahlawuliswa liqela elilawula isikolo msinyane kangangoko unako ukwenza . Iqela elilawula isikolo liya kuhlalutya imeko yakho ukuze likwazise ngesigqibo salo. Qaphela ukuba, xa ungafumenanga mvume yokungahlawuliswa kuba kubonakele ukuba unako ukuhlawula imali yesikolo uze wena ungaphumeleli ukwenza njalo, ungathatyathelwa amanyathelo ngokomthetho ukuqinisekisa ukuba uhlawula nasiphi isixa osemva ngaso.

Ndingenza njani ukuze ndibe negalelo kuphuhliso lwesikolo?

Umthetho Omiselweyo Wezikolo zaseMzantsi Afrika unika iqela elilawula isikolo uxanduva lokuzabalazela uphuhliso lwesikolo. Zininzi iindlela ezinokusetyenziswa liqela elilawula isikolo zokukwenza oku. Enye yeendlela kukukhuthaza abazali, abafundi, abahlohli nabanye abaqeshwa ukuba babe neenkonzo abazinika ngokwentando yabo esikolweni. Njengomzali, unoxanduva lokuba negalelo kuphuhliso lwesikolo ngokunika isikolo iinkonzo ezithile. Oku kungabandakanya ukwenza kwakho ukuba ube khona ukuze ube nenxaxheba kwizinto ezenziwa esikolweni ezifana nokulondoloza izinto zasesikolweni, ukuqwalasela iingxelo zemali, ukulawula iziganeko zemidlalo, njl.njl.

Ndingadlala yiphi indima ekuxhaseni inkqubo yokufunda komntwana wam?

Umntwana wakho uselugcinweni lwabaqeshwa besikolo xa esesikolweni. Abaqeshwa banokuluthwala uxanduva lwabo lokufundisa ngempumelelo kuphela xa befumana inkxaso yabazali.

Njengomzali, unolu xanduva:

· ukuncedisa ngengqeqesho yomntwana wakho;

· ukulandela inkqubo yemfundo yomntwana wakho;

· ukuqinisekisa ukuba uyawugqiba umsebenzi wesikolo owenziwa ekhaya;

· ukuqinisekisa ukuba uyaya esikolweni; kunye,

· nokuzidibanisa nabaqeshwa besikolo.

Ndingaba semgangathweni wokuziqonda zonke iintlobo zophuhliso esikolweni?

Abazali babafundi mabathabathe uxanduva lokuya ezintlanganisweni zesikolo ezilungiselelwe bona. Iqela elilawula isikolo linyanzeleke ngokomthetho ukunika ingxelo kubazali babafundi esikolweni ngamaxa ngamaxa kwaye kufuneka basoloko bebazisa abazali ngemibandela ebachaphazelayo. (Qaphela ukuba unelungelo lokucela naluphi ulwazi olongezelelweyo xa unomdla kulo kwiSGB nakutitshala oyintloko yesikolo.)

 Nceda uqhagamshelane nayo nayiphi inombolo kwezilandelayo zeSebe Lezemfundo lephondo

IMpuma-Koloni (Eastern Cape)

Umnxeba: (040) 608-4200/212

IFree State (Free State)

Umnxeba: (051) 404-8428/9

UMntla-Koloni (Northern Cape)

Umnxeba: (053) 839-6600

INtshona-Koloni (Western Cape)

Umnxeba: (021) 403-6911/6236/7

IKwaZulu-Natala (KwaZulu-Natal)

Umnxeba:(035) 874-3411/3592 (031) 327-0331

IGauteng (Gauteng)

Umnxeba: (011) 355-0000

IMpumalanga (Mpumalanga)

Umnxeba: (013) 249-7633    (013) 243-1567

EMantla (Northern)

Umnxeba: (015) 297-0895

EMntla-Ntshona North West

Umnxeba: (018) 387-3428/9

Ipapashwa Sisigqeba Esisentloko Sesebe Lezemfundo Sophuhliso Lobutyebi Boluntu Kwezemfundo, kulinganisweni Kwabantu Ngokwesini Nokhuseleko Ezikolweni, Sol Plaatjie House, 129 Schoeman Street, Pretoria.

Back To Top!