WCED Home page | Close and return to the previous page


 
OFFICE: HEAD OF EDUCATION

eduhead@pgwc.gov.za
tel: +27 21 467 2536 faks: +27 21 461 3694
Laer Parlementstraat, Kaapstad, 8001
wced.wcape.gov.za

REFERENCE: 20101202-0034
ENQUIRIES: P Rockman

Bazali abathandekayo

UMYALEZO OVELA KWISEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI

Izikolo zethu namagosa ethu basebenze ngokuzimisela okukhulu ukuqinisekisa ukuba sizilungiselele ngokupheleleyo ukufundisa imfundo esemgangathweni kubantwana benu ngo-2011.

Apho zijolise khona iinjongo zethu kukuphucula izakhono zokufunda, ukubhala nezemaths zomfundi ngamnye.

Ningasincedisa kakhulu ngokuqinisekisa ukuba abantwana benu benza oku kulandelayo:

  • Bahamba isikolo yonke imihla iintsuku eziyi-200 zonyaka wesikolo
  • Bafika esikolweni phambi kokuqala kosuku lwesikolo kwaye abemki esikolweni phambi kokuphela kosuku lwesikolo (Ukufika kade kuphazamisa ukufunda nokufundisa.)
  • Bafumana iincwadi zokubhala, iincwadi zokufunda (reading books) neencwadi zezifundo (textbooks) kwiveki yokuqala yekota yesikolo
  • Bayafunda, bayabhala yaye benza izibalo ngosuku ngalunye lwesikolo (Tshekishani qho iincwadi zokubhala nezezifundo zabantwana benu ukuxhasa imizamo nenkqubela yabo.)
  • Bayawenza umsebenzi wesikolo wasekhaya yonke imihla
  • Xoxani nabo ngenkqubela yabo ezifundweni ukwenzela ukuba nibe nokubanika inkxaso nenkuthazo (Kufuneka isikolo senu sininike iprogram yovavanyo yesifundo ngasinye ekuqaleni konyaka kunye neripoti emiselweyo ngenkqubela yomfundi (formal progress report) ekupheleni kwekota nganye.)

Ninako kwakhona ukuncedisa abantwana benu bafunde ngexesha leeholide zesikolo ngokuthi nibakhuthaze ukuba bafunde kwaye benze imaths. Ezi holide zinde zizayo ziqala nge-10 Disemba 2010 ukuya kwi-19 Januwari 2011, nokusuka kwi-24 Juni ukuya kwi-18 Julayi 2011.

Kucelwa nityelele ilayibrari ekufutshane nani ngethuba leeholide okanye ningene kweli ziko lewebhu http://wced.wcape.gov.za ukufumana izimvo ezonwabisayo zokuba ningayixhasa njani imfundo yabantwana benu. Eli ziko lewebhu likwaneencwadi zokufunda ezicetyiswayo zabantwana ngexesha leeholide nangamaxesha okuzonwabisa.

ISebe iWCED lininqwenela iholide ekhuselekileyo nemyoli nabantwana benu.

Ngeminqweno emihle

PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA:
10 DISEMBA 2010


  return to: WCED Home page  |  Return to the previous page
© 2010 WCED