1. Amabhaso okuwonga ii-Global Youth Awards aphathelele ekuqatshelweni komsebenzi omangalisayo owenziwa lulutsha lwethu ekuhlaleni nasezikolweni. La mabhaso okuwonga anenjongo yokukhuthaza ulutsha ekubeni lube nexabiso kunye negalelo elincomekayo kwizikolo zalo nasekuhlaleni. La mabhaso okuwonga anika inkxaso, amava kunye nophuhliso lobuqu, kwanoqhagamshelwano lwamazwe oludibeneyo (global network) lwamathuba, kubo bonke abaphumeleleyo.
2. Le ngcaciso imfutshane lilinge lokwenza ukuba zonke izikolo zibe nolwazi ngobaluleko lwamabhaso okuwonga ii-Global Youth Awards.
3. Amabhaso okuwonga ii-Global Youth Awards ajolise ekukhuthazeni abantu abatsha abanovakalelo olumandla ngokumalunga nenguqu.
4. Amabhaso okuwonga ii-Global Youth Awards asekwa ngo-2012 ukunika iqonga lokuqwalasela nokuwonga amalinge abantu abatsha abayinkuthazo ababandakanyeka kwiiprojekthi ezinempembelelo encomekayo.
5. Uthatho-nxaxheba luvuleleke kubantu abatsha abafanelekileyo abaneminyaka ephakathi kweyi-10 neyi-25.
6. Abathathi-nxaxheba mababhalise ekhompyutheni ukuze babe nokuzityumba bona buqu okanye batyumbe abanye besebenzisa le link: https://www.roundtable.global/global-youth-awards/.
7. Umhla osikiweyo wokungenisa izicelo zasekhompyutheni yi-09 Novemba 2018.
8. Iinqununu, ootitshala boLwazi ngezoBomi kunye namaGosa oQhagamshelwano angooTitshala (Teacher Liaison Officers) (TLO) ayakhuthazwa ancedise abafundi ekuyinzuzo ukuba batyunjwe ukuba mababhalise ngokukhawuleza.
9. Le theyibhile ilandelayo ineenkcukacha zoqhagamshelwano zeeNtloko zoLawulo noKuphathwa kwamaZiko kunye nezabaququzeleli bamaBhunga aMele aBafundi (RCL) abakwii-ofisi zezithili ekungaqhagamshelwana nabo ukufumana ezinye iinkcukacha:

Isithili INtloko yoLawulo noKuphathwa kwamaZiko UMququzeleli weRCL wesithili Idilesi ye-imeyili – abaququzeleli beRCL bezithili
Metro North Leon Rutgers
021 938 3004
David Leonard
021 938 3170
David.Leornard@westerncape.gov.za
Metro Central Brenda Robertson
021 514 6708
Shaheeda Majiet
021 514 6922
Shaheeda.Majiet@westerncape.gov.za
Metro South Lynn Primo
021 370 2035
Rowan Esau
021 374 4107
Rowan.Esau@westerncape.gov.za
Metro East Eric Magodla
021 900 7203
Mary-Joan Swartz
021 900 7253
Maryjoan.Swartz@westerncape.gov.za
West Coast Anlerie Truter
021 860 1206
Cathlen Beukes
027 482 2453
Cathlen.Beukes@westerncape.gov.za
Cape Winelands John Goliath
023 348 4604
Fred Josias
023 348 4677
Fred.Josias@westerncape.gov.za
Overberg Japie Bailey
028 214 7379
Kobus Mike
028 214 7366
Kobus.Mike@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Jewel Jonkers
044 803 8358
Sinovuyo Stofile
044 803 8315
Sinovuyo.Stofile@westerncape.gov.za
10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abafundi, abaququzeleli beeRCL, ootitshala kunye nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2018:10:25