1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) libambisene nawo onke amasebe emfundo amaphondo liya kuququzelela kwakhona, lisingathe kwaye libeke esweni uMnyhadala woKhuphiswano lweeKwayala zeZikolo zaseMzantsi Afrika ka-2018 (i-South African Schools Choral Eisteddfod) (SASCE).

2. Ukhuphiswano lwango-2018 luhlengahlengisiwe kwakhona (redesigned) ukwenzela ukuba lubandakanye abaninzi kwaye lulungiselela iikwayala zezikolo kula macandelo alandelayo:

Kwizikolo eziziiprayimari
Iimveku (kumaBakala R–2)
Isigaba sesiseko (kumaBakala 3–4)
Esiphakathi (kumaBakala 5–7)
Kwizikolo zasezifama

Kwizikolo eziziisekondari
Kwi-Secondary A
Zizikolo ebezisoloko zithe gqolo ukutshatshela kule minyaka mine idlulileyo kwezi kwiindidi zontlanu zivunyiweyo (o.k.t. kwiikwayala ezixubeneyo – kwi-African, kwi-Afrikaans, kwi-western nakwiikwayala zamadoda namabhinqa).
Kwi-Secondary B
Zizikolo ezithatha inxaxheba okokuqala kunye nezo zikolo zazikhe zathatha inxaxheba kule nkqubo kodwa azayokufikelela kwinqanaba likazwelonke.
Kwi-Open Category
Kuzo zombini ezi ndidi zimbini zingentla kuya kukhethwa naluphi udidi abalubona lufanelekile.

Kucelwa ufunde imigaqo neekhrayitheriya zokuthatha inxaxheba ezimiselweyo zomculo ii-"2018 Participation Rules". Inqununu nombhexeshi wekwayala (conductor) KUFUNEKA bafunde kwaye baziqhelanise nale migaqo. Izikolo ezingayithobeliyo le migaqo ziya kukhutshwa (disqualified) ngoko nangoko kwaye zingasayi kuvunyelwa ukuba zithathe inxaxheba kwi-SASCE kangangethuba leminyaka emihlanu ezayo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) liya kubeka esweni yonke iminyhadala yezithili neyephondo ukuqinisekisa ukuba izikolo ziyayithobela imigaqo yokuthatha inxaxheba.


3. Iikwayala zesigaba sesiseko ziya kuthatha inxaxheba kuphela kwiminyhadala yokhuphiswano yezithili (district eisteddfod). Azisayi kuthatha nxaxheba kwizigaba zamaphondo nezikazwelonke zolu khuphiswano.

4. Kumiselwe amaculo (music pieces) kuwo onke la macandelo. Imigaqo yokuthatha inxaxheba nee-music scores zika-2018 zinokukotshelwa kwiziko lewebhu le-DBE apha: http://www.thutong.doe.gov.za/Default.aspx?alias=www.thutong.doe.gov.za/schoolenrichment. Unako kwakhona ukuqhagamshelana neofisi yesithili yakho ukufumana uncedo malunga nomculo kunye nemigaqo yokuthatha inxaxheba.

5. Ukungenela olu khuphiswano, izikolo mazizalise ifom yokubhalisa zize ziyibuyisele kwigosa elichaphazelekayo elijongene nophuhliso lwezikolo (school enrichment) kwiofisi yesithili yabo.

6. Ababhexeshi beekwayala neenqununu zezikolo ezibhalisayo ziya kucelwa ukuba ziye koomasifundisane besithili (district workshops) ukubaqhelanisa nomculo omiselweyo kunye nemigaqo yokuthatha inxaxheba.

7. Imijikelo yesithili neyephondo yokukhiqa iikwayala ezingaqhubanga kakuhle (elimination rounds) kwiphondo iya kubanjwa phakathi kukaMeyi noJuni 2018, ngokulandelelanayo.

8. Izikolo ziya kuvunyelwa kuphela ukuqhubela phambili ukuya kwinqanaba elilandelayo ukuba inkqubo yabo yenze ukuba bazuze amanqaku enqanaba 3 (65%) nangaphezulu oko kusenziwa ngabagwebi.

9. Uthatho-nxaxheba kwinqanaba lephondo nelikazwelonke lwenziwa ngesimemo esiyincwadi ebhaliweyo kuphela.

10. Iinqununu neekomiti zabaphathi bezikolo (school management teams) maziqinisekise ukuba ukuziqhelanisa kweekwayala (choir rehearsals) akuphazamisani nenkqubo yokufunda yesikolo kunye nexesha lokufunda nokufundisa (contact time). Besakube bekuthathele ingqalelo oku, kubaluleke gqitha ukuba ababhexeshi beekwayala bangabaceli abafundi ukuba baye kuqhelaniso lweekwayala ngexesha lokufundisa.

11. Izikolo ezithatha inxaxheba kuyo yonke iminyhadala ye-SASCE mazizenzele amalungiselelo azo okuhamba nawokulala. I-WCED iya kuxhasa ngemali (subsidise) ukuhamba nokulala ngolu hlobo lulandelayo:
11.1 Izikolo ezihamba umgama ongaphezulu kwama-200 km (ukuya nokubuya) ziya kuxhaswa ngemali eyokufikelela kwisixa esiphezulu kwe-R3 000 ngesikolo ngasinye ukulungiselela ukhuphiswano kwimijikelo yesithili kunye nemijikelo yephondo.
11.2 Isikolo esihamba umgama ongaphezulu kwe-700 km (ukuya nokubuya) siya kuxhaswa ngemali eya kufikelela kwisixa esiphezulu esiyi-R5000 ngesikolo ngasinye ukulungiselela imijikelo yezithili kunye neyephondo.
11.3 Izikolo eziceliweyo ukuba zithathe inxaxheba kumnyhadala kazwelonke ziya kuxhaswa ngemali ukuya kutsho ubuninzi kwi-R40 000 (kumawaka angamashumi amane eerandi) ngokubhekiselele kwikwayala epheleleyo enabafundi abayi-60 ukulungiselela ezothutho.
11.4 Indawo yokulala elungiselelwe imijikelo yephondo iya kuxhaswa ngemali nge-R100 ngomfundi ngobusuku ngabunye.
11.5 Indawo yokulala elungiselelwe abo bathatha inxaxheba kumnyhadala kazwelonke iya kuxhaswa ngemali nge-R150 ngomfundi ngobusuku ngabunye.

Ezi nkxaso-mali ziya kuhlawulwa lusakuba lusayiniwe uXwebhu lweNtsebenziswano (Memorandum of Understanding) oluya kungeniswa kwaNdlunkulu ubuncinane kwiiveki ezintathu ngaphambi komnyhadala.


12. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abafundi, ababhexeshi beekwayala, ootitshala kunye nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2018:05:29

Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili  (ubukhulu: 59 KB)