1. Ukhuphiswano lwesixhenxe lwaqho ngonyaka lukazwelonke i-National Schools Moot Court Competition olwenzelwe abafundi abathe dlundlu (bamaBakala 10-11) eMzantsi Afrika luya kuqhubeka phakathi koJuni no-Agasti 2018. Olu khuphiswano lunika abafundi ithuba elilodwa lokuphuhlisa izakhono zabo zophando, ukubhala nokwenza intetho yomlomo yasidlangalaleni (oral advocacy skills) njengoko besenza iinzame zokuqubisana neminye yemiba echaphazela umgaqo-siseko ilizwe lethu elijongene nayo. Umngeni ochaphazela umgaqo-siseko okanye inkcazo yomakusonjululwe (problem statement) uvame ukuba yinto efana yodwa nehlokohla iingcinga (thoughtprovoking). Olu khuphiswano lungumngeni kodwa lunika ithuba lokuvakaliswa kwezinye zeembono ezifana zodwa ezisuka kulutsha.
2. I-Moot Court iya kuqhutywa ngokuthi kuthathwe inxaxheba ngokukhutheleyo ziifakhalthi zomthetho zeeyunivesithi ezahlukeneyo, ngurhulumente (ingakumbi iSebe lezoBulungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko ) (Department of Justice and Constitutional Development) (DOJ&CD), kunye neSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (Department of Basic Education (DBE)), kwaneengcali zomthetho eziqeqeshiweyo, iinkundla namajelo eendaba (media). Iiyunivesithi, eyasePitoli, eyaseVenda, eyaseKapa neyaseNtshona Koloni ziya kuthatha uxanduva lokulungiselela abafundi olu khuphiswano.
3. Ulwimi oluya kusetyenziswa kwesi siganeko iya kuba sisiNgesi kodwa abathathinxaxheba baya kuvunyelwa basebenzise naluphi olunye ulwimi kwezaseburhulumenteni kumjikelo wokugqibela.
4. Kucelwa zonke izikolo eziziisekondari eMzantsi Afrika zingenele olu khuphiswano. Ngamaqela amahlanu angawona maninzi kwisikolo ngasinye anako ukubhalisa. Iqela ngalinye liya kuba nabafundi ababini. Amaqela aya kunikwa ingxaki enokuba yinyani okanye ingabi yinyani (okanye "engekaqinisekiswa" ("hypothetical") nechaphazela umba (imiba yomgaqo-siseko) womgaqo-siseko. Umjikelo wokuqala uya kuba yintetho ebhaliweyo. Kuya kulindeleka ukuba abafundi babhale izincoko ezibini ezifutshane, ezibeka iimbono eziphikisanayo zamacala amabini ekheyisi ethile oko kusenziwa ngendlela exhasa nekhuthaza imbono ethile nesekelwe kumthetho weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika. Ukuze kube nokuncedakala onke amaqela ekuqhubeni kakuhle kukhuphiswano, amaxwebhu abhaliweyo ngoMgaqo-siseko woMzantsi Afrika aya kufumaneka kwi-intanethi kwaye izikolo ziya kunikwa ikopi engamaphepha xa zenze isicelo soko.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuthatha uxanduva lokwenza amalungiselelo okuqhubeka kolu khuphiswano lwesincoko somlomo kwiphondo. Oku kuya kuqhubeka kwiNkundla ePhakamileyo yaseKapa ngoAgasti 2018. Izikolo ezine ezisuka eNtshona Koloni ziya kucelwa zithathe inxaxheba kwimijikelo kazwelonke yokhuphiswano lwezincoko zomlomo kunye namanye amaqela avela kwamanye amaphondo asibhozo eya kuqhubekela kwiNkundla yoMgaqo-siseko eJohannesburg. Apha baya kubamba ingxoxo-mpikiswano ukuze bagqibe malunga nabaphumelele kuzwelonke.
6. IWCED ngokwenjenje icela zonke izikolo zithathe inxaxheba kolu khuphiswano lunika umdla. Kucelwa uzalise ezi fom zokubhalisa ziqhotyoshelweyo zize zibuyiselwe kumququzeleli wophuhliso lwezikolo (school enrichment coordinator) okwisithili sakho ungadlulanga owe- 22 ka Juni 2018, Dennis.Pillay@westerncape.gov.za.
7. Izikolo ezibhalisayo ziya kuncediswa ngoomasifundisane nangoqeqesho ziingcali ezigqwesileyo kule nkalo. Kuya kukhutshwa amabhaso aliqela okuwonga abo bathathi-nxaxheba bagqwesileyo ngokubanika inkxaso kunyaka wabo wokufunda wokuqala wezifundo zomthetho eyunivesithi, nokuba kukweyiphi na apha eMzantsi Afrika apho bafumene ukwamkelwa khona. Ukufumana ingcaciso engaphezulu nge-Moot Court Competition yiya ku- www.up.ac.za/law okanye uqhagamshelane nomququzeleli wophuhliso lwezikolo wakho.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala kunye nabafundi bamaBakala 10 no-11 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2018:05:29

Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili  (ubukhulu: 59 KB)