1. Kunikwe imvume yokuba kulungiswe ngokunyusa umqathango osikiweyo weyona ngeniso isezantsi ukuhlola ubungakanani bentswelo (means test) (isiHlomelo A) ukususela kwi-R60 000 ukuya kwi-R150 000 yengeniso yonyaka xa kubalwa iibhasari zokubhoda kwabafundi kwiihostele zezikolo zikarhulumente, kwakunye neebhasari zokubhoda bucala nezothutho, ukususela nge-01 Apreli 2018.
2. Xa kubalwa igalelo lomzali ngokuhlola ubungakanani bentswelo, kuphela ngabantwana babo nabantwana abanonotshelwa ngabazali abangengobabo (foster children) (ngabafundi ngokusemthethweni abanonotshelwa ngabazali abangengobabo (foster care) kufuneka bamkelwe njengabondliwa (dependants).
3. Umzali othe, ngenxa yomvuzo wakhe, waxolelwa ngokupheleleyo ekuhlawuleni iifizi zokubhoda ezichaziweyo, kuseza kufuneka ahlawule i-R20,00 ngekota, ngaphandle kokuba uxolelwe ekwenzeni naliphi igalelo ngokohlolo lobungakanani bentswelo ekwisiHlomelo A.
4. Okukule ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2018:03:09

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)