1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuqinisekisa ukusetyenziswa kangangoko kwexesha lokufundisa nokufunda. Luxanduva, ke ngoko, lwesikolo ngasinye ukukhusela ixesha lokufundisa nokufunda kwanokunika inkxaso kwimfundo ngokupheleleyo kwiintsuku zesikolo eziyi-199 zizonke ngonyaka ngamnye, ngokungqinelana noMgaqo-nkqubo woKuhamba iSikolo kwaBafundi kaZwelonke (Policy on Learner Attendance) owapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No 33150 ye-04 Meyi 2010).

2. Kucelwa bonke abasebenzi abasezikolweni nabakwii-ofisi zezithili baqaphele oku kulandelayo:
2.1 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ngethuba nasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo kwanokwazisa bonke abafundi, abazali kunye nee-ofisi zezithili ngokumalunga noku.
2.2 Izikolo ezifundisa amaBakala 10, 11 no-12 (apho kusebenzayo oku) ziyakhunjuzwa ukuba akuvumelekile ukuqaliswa kweemviwo phambi kwe-28 Meyi 2018 naphambi kwe-12 Novemba 2018. Nakuba kunjalo, izikolo zingafaka isicelo semvume yokuqalisa ngeemviwo zeprakthikhali kumlawuli wesithili, phambi kwethuba kwizifundo ezithile.
2.3 Izikolo ezifundisa amaBakala 7 – 9 akuvumelekile ukuba ziziqalise iimviwo zazo phambi kwe-30 Meyi 2018 nowe-12 Novemba 2018.
2.4 Izikolo ezifundisa amaBakala 4 – 6 akuvumelekile ukuba ziqalise ngeemviwo zazo phambi kwe-04 Juni 2018 naphambi kwe-19 Novemba 2018.
2.5 Kulindeleke ukuba bonke abafundi babe sesikolweni kangengeeyure ezintlanu (5) ubuncinane ngosuku ngalunye ngethuba lokubhalwa koviwo. Ngoko ke, ukuba isikolo siqala ngo-08:00, asivumelekanga isikolo ukubakhulula abafundi bagoduke engekabethi u-13:00. Ukulungiselela eli xesha lokukhululwa kwabafundi phambi kwethuba, makuqwalaselwe ukhuseleko nokuthuthwa kwabafundi. Kubalulekile, ke ngoko, ukwazisa abazali kwangaphambili ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amanye amalungiselelo.
2.6 Bonke abafundi mabahambe isikolo ngalo lonke ithuba loviwo, yaye oko akubabandakanyi abafundi beBakala 12, abaya kunikwa ilungelo leentsuku ezintlanu (5) zokungayi esikolweni ngeenjongo zokuba bafunde phambi kokuqala kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.7 Izikolo azivumelekile ukwazisa abafundi ukuba sisigqibo somfundi ngamnye ukuya nokungayi esikolweni zakuba zigqityiwe iimviwo kwikota leyo okanye xa bengabhali zimviwo okanye zimvavanyo.
2.8 Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babe sesikolweni usuku lwesikolo olupheleleyo (iiyure eziyi-35 ngeveki nganye) ngethuba loviwo, kungakhathaliseki nokuba ngaba banemisebenzi yokugada abafundi okanye abanayo.
2.9 Ngosuku lokugqibela lwekota yesikolo abafundi mababe sesikolweni iiyure ezintathu (3) yaye ootitshala kulindeleke babe sesikolweni kangangeeyure ezintlanu (5) ubuncinane.

3. Kukhunjuzwa iinqununu ukuba zingenise iithayimthebhile zoviwo zazo kumphathi wesekethe ubuncinane kwiiveki ezine (4) phambi kokuqala kweemviwo. Amagosa esithili aya kubeka esweni ukwenziwa kwale miyalelo.

4. Kucelwa iinqununu namabhunga olawulo ukuba bakuqwalasele ngokukodwa ukwenziwa kweeprogram zawo ngethuba leemviwo, ukwenzela ukuba kungaphulukwana nexesha elixabisekileyo lokufundisa nokufunda.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2018:04:03