1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) sele lenze isistim i-School Dashboard yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo eya kunika iinkcukacha ngokukhawuleza ezicwangciswe zaziiphakheji eziqukanisiweyo eziluncedo (convenient aggregated packages) ezimalunga nabafundi kunye nootitshala ukuya kwiinqununu.

2. Kucelwa iinqununu zifunde i-School Dashboard zize zinike ingxelo ngokusebenza kwayo kwanendlela enokuphuculwa ngayo.

3. I-School Dashboard kunokungenwa kuyo ngokusebenzisa i-CEMIS ngokulandelayo:

  • Khetha i-ayithem yemenyu "School Dashboard".
  • Kwimenyu ehlayo ukuya ezantsi, khetha enye yezi zilandelayo:
    • "Learner information" okanye
    • "Educator information"
4. Kwezi menyu zingentla, ezinye iinkcukacha zinokucholwa-cholwa ngokukhetha kuze emva koko kuklikhwe kwiibha zeemenyu ezahlukeneyo.

5. I-Review Questionnaire kunokungenwa kuyo ngokulandelayo:

  • Khetha i-ayithem yemenyu "School Dashboard".
  • Kwimenyu ehlayo ukuya ezantsi, khetha "Review Questionnaire".
6. Kucelwa uzalise i-Review Questionnaire kwi-CEMIS uklikhe ku-submit xa seyizalisiwe.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:03:14