ISALANTHISO: | 20180220-9537 12/2/10/5/7 |
 | IMIBUZO: | V Nyalashe | IFONI: | 021 467 9350 | IFEKSI: | 021 425 7445 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEZOPHANDO: 0002/2018 |
IYA: | KWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO EZIZIMELEYO |
| IIMVAVANYO ZENKQUBO YEMFUNDO YEWCED NGO-2018 KWIZIKOLO EZIZIMELEYO EZINGAFUMANI NKXASO-MALI |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) sele kulithuba liqhuba iiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo kwiiLwimi nakwiMathematika kubafundi bamaBakala 3 no-6 ukususela ngo-2002. Le nkqubo yaye yanatyiselwa kwiBakala 9 ngo-2010. Iziphumo zinceda izikolo ekuqapheleni iinkalo ezisafuna ukuphuculwa kwanokuba iWCED iqaphele iinkalo zekharityhulam ezifuna inkxaso engaphezulu. |
2. |
Izikolo ezizimeleyo zacelwa ukuba zithathe inxaxheba kwinkqubo yovavanyo ukususela ngo-2010. Izikolo ezizimeleyo ezifumana inkxaso-mali kufuneka zithathe inxaxheba lo gama izikolo ezizimeleyo ezingafumani nkxaso-mali zithatha inxaxheba ngokucelwa zona. |
3. |
Le ngcaciso imfutshane isebenza njengesicelo esisesikweni esiya kuzo zonke izikolo ezizimeleyo ezingafumani nkxaso-mali ezinabafundi abangaphezu kwe-10 kulo ngalinye lamaBakala 3, 6 no-9 ukuba lithathe inxaxheba kwiiMvavanyo zeMfundo zeWCED ngo-2018. Ezi mvavanyo ziya kuqhutywa yiWCED. |
4. |
Kucelwa ukuba uqwalasele ezi nkcukacha zilandelayo zeemvavanyo zika-2018:
- Uvavanyo luya kuqhuba ukususela nge-10 ukuya kwi-24 Oktobha 2018.
- Iimvavanyo ziya kucwangciselwa usuku olunye kwisikolo ngasinye.
- Abafundi beBakala 3 baya kuvavanywa kuLwimi nakwiMathematika, ngoLwimi lokuFundisa nokuFunda (Language of Learning and Teaching (LoLT)) lwesikolo (ngesiNgesi, ngeAfrikansi okanye ngesiXhosa).
- Abafundi bamaBakala 6 no-9 baya kuvavanywa kuLwimi nakwiMathematika, ngeLoLT yesikolo (isiNgesi okanye iAfrikansi).
- Amanqaku okupasa zonke iimvavanyo ngu-50%.
- Iiripoti zezikolo ziya kunikwa zonke izikolo.
|
5. |
Ukuba isikolo sakho siye sanomdla ekuthatheni inxaxheba kwiimvavanyo zika-2018, kucelwa wenze oku kulandelayo:
- Zalisa le fom iqhotyoshelweyo njengendlela yokubonakalisa umdla kwesikolo sakho ekuthatheni inxaxheba kwinkqubo yovavanyo yamaBakala 3, 6 no-9, uyithumele kuMnu Vumile Nyalashe kwifeksi 086 555 3955 okanye uyithumele nge-imeyili apha vumile.nyalashe@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-26 Apreli 2018.
- Qinisekisa ukuba iinkcukacha zabo bonke abafundi abakumaBakala 3, 6 no-9 zifakwa kwisistim eyiCentral Education Management Information System (CEMIS) ungadlulanga owe-31 Julayi 2018.
|
6. |
IWCED ijonge phambili ekuthatheni inxaxheba kwiiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yeWCED ngo-2018 elungiselelwe amaBakala 3, 6 no-9 wezikolo ezizimeleyo ezingafumani nkxaso-mali. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:03:09
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |