Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180112-8197
12/2/10/5/7
IMIBUZO:   Jonga kwitheyibhile engezantsi    IFONI:   021 467 9350  IFEKSI:   021 425 7445

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOPHANDO:  0001/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWIIOFISI ZEZITHILI), KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NEZEZIKOLO EZIZIMELEYO NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO


 

UKUKHUTSHWA KWEZIPHUMO ZEEMVAVANYO ZENKQUBO YEMFUNDO YESEBE IWCED ZANGO-2017 KUMABAKALA 3, 6 NO-9


1. Ngo-Oktobha 2017, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqhube iiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo kwiMathematika nakwiiLwimi kumaBakala 3, 6 no-9.

2. Iziphumo ziya kufumaneka kwiCEMIS ngowe-26 Januwari 2018. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizifumane iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwiziCwangciso zoKuphucula iZikolo zazo.

3. Iingxelo eziya ezikolweni ziya kunika iireyithi zokupasa namanqaku angumndilili azuzwe sisikolo ngasinye, ziphinde kwakhona zibonise indlela ekuqhutywe ngayo kwiinkalo ezithile kwiilwimi nakwimathematika.

4. Kuya kubonelelwa ngeengxelo ii-Mathematics and Language Diagnostic Reports ukuqalela kulo nyaka. Ezi ngxelo ziya kwenza iqondakale indlela abaqhuba ngayo abafundi ngokwemigangatho yovavanyo emiselweyo.

5. IiNgxelo zeZikolo (School Reports) nee-Diagnostic Reports ziyafumaneka kwiCEMIS yaye zinokufunyanwa ngolu hlobo lulandelayo:
  • Khetha i-ayithem yemenyu "Assessment and Exams" uze ukhethe u-"Systemic Test Results 2017".Kwi-drop-down menu, khetha ibenye kwezi zilandelayo:
  • KwiBakala 3, khetha "Grade 3 Results 2017". Kwi-drop-down menu, khetha ibenye kwezi zilandelayo: School Report, Mathematics Diagnostic Report okanye Language Diagnostic Report.
  • KwiBakala 6, khetha "Grade 6 Results 2017". Kwi-drop-down menu, khetha ibenye kwezi zilandelayo: School Report, Mathematics Diagnostic Report okanye Language Diagnostic Report.
  • KwiBakala 9, khetha "Grade 9 Results 2017". Kwi-drop-down menu, khetha ibenye kwezi zilandelayo: School Report, Mathematics Diagnostic Report okanye Language Diagnostic Report.

Kumele ukuvela le ngcaciso ikhutshelweyo (downloaded) kwiskrini.

  • Ukuba ingcaciso ayiveli, yiya kwi-menu bar phezulu uze ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker", uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
  • Kwakugqitywa oku, khetha libe linye kula mabakala ukujonga iziphumo.
6. Malunga nayo nayiphi imibuzo ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane, kucelwa uqhagamshelane negosa elijongene nesithili sakho njengoko kucacisiweyo kule theyibhile ingezantsi:

Umntu ekuqhagamshelwana naye Isithili semfundo
Gqr Audrey Wyngaard, ifoni: 021 467 9272
Audrey.Wyngaard@westerncape.gov.za
Cape Winelands
Metro East
Overberg
Gqr Nomawabo Makapela, ifoni: 021 467 9297
Nomawabo.Makapelao@westerncape.gov.za
Metro North
Eden and Central Karoo
Mnu Vumile Nyalashe, ifoni: 021 467 9350
Vumile.Nyalashe@westerncape.gov.za
Metro Central
Metro South
West Coast
IZikolo ezizimeleyo


ISAYINWE: NGU-L ELY
OBAMBELE INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2018:01:25


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe