ISALANTHISO: | 20180530-2666 12/2/10/3 |
 | IMIBUZO: | M Wiese | IFONI: | 021 467 2000 | IFEKSI: | 021 425 7445 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOLWAZI NENGCACISO: 0005/2018 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KUBAFUNDI NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA EZIQHELEKILEYO ZIKARHULUMENTE KUNYE NAKWIZIKOLO EZIZIMELEYO |
| ISAVEYI KA-2018 YAQHO NGONYAKA YEZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA |
1. |
ISaveyi yaQho ngoNyaka ka-2018 yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) yezikolo zemfundo eenemfuno ezizodwa iya kuqhutywa nge-06 Septemba 2018. Kuya kufuneka iinqununu zisayinele ukuba ichanekile idatha yabafundi neyootitshala kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba konke oku kulandelayo kuvela ngokukuko kwi-CEMIS yaye makusayinwe ungadlulanga owe-06 Septemba 2018: |
1.1 |
Abafundi bafakwe kumabakala angawo, kwiiklasi nakudidi lolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LoLT). |
1.2 |
Kugqityiwe ukukhutshelwa kwabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni). |
1.3 |
Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa. |
1.4 |
Zezichanekileyo iinkcukacha ezingokhubazeko lwabafundi. |
2. |
Inqununu mayiqinisekise ukuba ilisti yootitshala ekwi-CEMIS ihlaziya iinkcukacha zayo kwaye ingqinisiswe; kwangokunjalo neminyaka yamava, amabakala kunye nezifundo ebezifundisa ngo-2018 (mazisuswe iinkcukacha zamabakala nezezifundo ebezifundisa kwiminyaka edlulileyo ukuba azifanele kubakho kumthwalo katitshala ka-2018). |
3. |
Konke okubonakalayo, izikrini zokufaka idatha ekhompyutheni kunye neeripoti eziziimposiso mazingqinisiswe phambi kokuba icandelo lesaveyi elisayinwayo lifumaneke. |
4. |
Icandelo elisayinwayo lesaveyi malizaliswe njengenkqubo yokuvunywa kokungqinisiswa kwedatha njengelibonakalisa ngokukuko ubhaliso lwabafundi nenani lootitshala ungadlulanga owe-06 Septemba 2018. |
5. |
Izikolo ezikwizibhedlela kuya kufuneka zizalise ikopi eliphepha yesaveyi. Le saveyi iya kunikwa izikolo ngqo. |
6. |
Umhla osikelwe iintloko zokunika inkxaso kubafundi (learner support heads) ukuba zisayine idatha yeSaveyi yaQho ngoNyaka ngowe-13 Septemba 2018. |
7. |
Inqununu, njengegosa le-EMIS leziko, mayilawule iinkqubo zokufaka idatha ekhompyutheni ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa kunye neesiginintsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokunikwa xa bucelwa ngabaphicothi-zincwadi. Mayirekhodwe inkqubo yomsebenzi wokufaka idatha ye-EMIS ukuqinisekisa ukuphendula malunga nokuchaneka kwedatha, njengoko iinkcukacha ezo kunyanzelekile kwenziwe uphicotho-zincwadi kuzo. Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/2012, yowe-10 Agasti 2012, ukufumana ingcaciso engaphezulu. Kukhunjuzwa iinqununu kwakhona ukuba ukususela ngo-2014, ukuchaneka kwedatha ye-CEMIS ngumqathango ophambili ekuya kuxhomekeka kuwo ukufumana kwezikolo intlawulo yesabelo-mali yesibini ngokwemimiselo nemiqathango yokuxhaswa ngemali (iSetyhula 0044/2013, yowe-29 Oktobha 2013). |
8. |
Kunyanzelekile kusetyenziswe inombolo yesazisi kazwelonke (ID) ngabo bonke abafundi kuzo zonke iisistim zasekhompyutheni zezolawulo nokuphathwa kwezikolo. Ikho iripoti ye-CEMIS efumanekayo ukuqaphela abafundi abangenazo iinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zezazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi esemthethweni, UNGAKHE ULINGE uyifake inombolo ye-ID engekho semthethweni. Kucelwa ukuba kucetyiswe abazali ngenkqubo yokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yaseKhaya (Department of Home Affairs) (DHA). Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunako, ukuququzelela inkqubo yaseDHA. |
9. |
Kusakufunyanwa nabuphi ubunzima ekuzalisweni kwale saveyi makuboniswane negosa lesithili elichaphazelekayo elidweliswe ngezantsi:
|
10. |
IWCED ilithakazelela kakhulu igalelo nokuzinikela kwawo onke amagosa emfundo yaye ijonge phambili kwintsebenziswano nani eqhubelekayo ngo-2018. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:06:11
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |