ISALANTHISO: | 20180129-8720 12/2/10/3 |
 | IMIBUZO: | M Wiese | IFONI: | 021 467 2000 | IFEKSI: | 021 425 7445 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOLWAZI NENGCACISO: 0004/2018 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KUBAPHATHI BEESEKETHE, NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NEZEZIKOLO EZIZIMELEYO |
| ISAVEYI YESEBE IWCED YAQHO NGONYAKA KA-2018 YEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NEZIKOLO EZIZIMELEYO |
1. |
ISaveyi yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yaQho ngoNyaka yezikolo eziqhelekileyo iya kuqhutywa ngowe-06 Matshi 2018. Ziya kucelwa iinqununu ukuba zikusayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi nootitshala kwi-CEMIS. Umhla omisiweyo kubaphathi beesekethe wokusayinelwa kwedatha yeSaveyi yaQho ngoNyaka ngowe-28 Matshi 2018. Phambi kokuba isayinelwe kwiCEMIS, inqununu mayiqinisekise oku kulandelayo: |
1.1 |
Bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo ngo-2018 bayavela kwibakala, kwiiklasi nakudidi lolwimi lokufunda nokufundisa (LoLT) ezichanekileyo kwiCEMIS. |
1.2 |
Kuzalisiwe ukubhaliswa kwabafundi abangenayo nabakhutshiweyo esikolweni (Learner transfers (in and out)). |
1.3 |
Kuzaliswe ukutshintshwa kwamabakala. |
1.4 |
Kuzalisiwe ukutshintshwa kwezifundo. |
2. |
Inqununu mayiqinisekise nokuba iyahlaziywa ilisti yootitshala kwiCEMIS yaye ingqinisisiwe. kwakunye neminyaka yamava, amabakala nezifundo ezifundiswa ngo-2018 (makasuswe amabakala nezifundo ebezifundiswa kwiminyaka engaphambili ukuba azifanelekanga kumsebenzi katitshala wango-2018). |
3. |
Zonke ii-displays nezikrini ii-capture screens neengxelo ii-error reports mazingqinisiswe phambi kokuba kufumaneke icandelo lokusayinelwa kwesaveyi. |
4. |
Icandelo lokusayinelwa kwesaveyi malizaliswe ukuvuma ukungqinisiswa kwedatha njengebonakalisa ngokuchanekileyo inani lobhaliso labafundi nenani labasebenzi ngowe-06 Matshi 2018. |
5. |
Njengegosa le-EMIS leziko (institutional EMIS officer), inqununu mayizisingathe iinkqubo zedatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina obuyingqinisekiso neesignitsha zabasebenzi abanikwe umsebenzi wokutshekisha idatha, bunako ukwandlalwa phambi kwabaphicothi-zincwadi xa kwenziwe isicelo soko. Mazirekhodwe iinkqubo zesikolo zokuqwalaselwa kwedatha ye-EMIS ukuqinisekisa ukubanako ukuphendula ngokuqhubekayo malunga nokuchaneka kwedatha njengoko iyephicothwayo ingcaciso. Niyacelwa ukuba nifunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/2012, yomhla we-10 Agasti 2012, ukufumana ingcaciso engaphezulu. Ziyakhunjuzwa iinqununu nokuba ukususela ngo-2014, idatha echanekileyo ye-CEMIS ngumqathango omisiweyo othotyelwa kuqala phambi kokuba isikolo sifumane isixa sesibini sesabelo-mali semimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali esihlawulwa ngomatshini (ISetyhula 0044/2013, yomhla we-29 Oktobha 2013). |
6. |
Kunyanzelekile kusetyenziswe inombolo yesazisi kazwelonke (national identity (ID) number) kubo bonke abafundi abakwiisistim zolawulo nokuphathwa kwezikolo ezikwikhompyutha (computerised school administration and management systems). Iyafumaneka ingxelo yeCEMIS ukulungiselela ukuqaphela abafundi abangenazo iinombolo zesazisi (ID numbers) nokuququzelela ukufakwa kwikhompyutha kweenombolo ze-ID ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi esemthethweni, MAYINGAFAKWA inombolo yesazisi engekho mthethweni. Niyacelwa nibacebise abazali ngenkqubo yokwenza isicelo sesazisi kwiSebe leMicimbi yezeKhaya (Department of Home Affairs (DHA)). Ziyacelwa iinqununu zibancedise abazali apho kufanelekileyo ngokuthi ziyiququzelele le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. |
7. |
Apho kuye kwakho naziphi na iingxaki ekuzalisweni kwale saveyi, niyacelwa niqhagamshelane nomphathi wesekethe ochaphazelekayo okanye negosa lesithili elidweliswe apha ngezantsi:
|
8. |
ISebe iWCED liyalithakazelela igalelo nokuzimisela kwawo onke amagosa ezemfundo yaye lijonge ngethemba kwintsebenziswano eya kuqhubeka okoko ngo-2018. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:19
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |