1. ISaveyi yaQho ngoNyaka yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yamaziko e-ECD iya kuqhutywa ngowe-06 Matshi 2018. Ziyacelwa iinqununu ukuba zikusayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi nootitshala kwi-CEMIS. Umhla omisiweyo kubaphathi be-ECD wokusayinelwa kwedatha yeSaveyi yaQho ngoNyaka ngowe-23 Matshi 2018. Niyacelwa niqinisekise ukuba oku kulandelayo kubonakaliswe ngokuchanekileyo kwiCEMIS:
1.1 Bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo kwiziko le-ECD ngo-2018 bayavela kumabakala, kwiiklasi nakudidi lolwimi lokufunda nokufundisa (LoLT) oluchanekileyo kwiCEMIS.
1.2 Zitshekishiwe yaye zihlaziyiwe iilwimi zeenkobe zabafundi.
1.3 Kuzalisiwe ukubhaliswa kwabafundi abangenayo nabakhutshiweyo esikolweni (Learner transfers (in and out)).
1.4 Zizalisiwe izilungiso zeziko.
1.5 Inombolo yesazisi (identity (ID) number) iyimfuneko engummiselo kubhaliso lwabafundi.

2. Inqununu mayiqinisekise nokuba zihlaziyiwe ilisti zootitshala/zeepraktishina ezikwiCEMIS yaze yangqinisiswa neminyaka yamava, amabakala nezifundo ezifundiswa ngo-2018 (mawasuswe amabakala nezifundo ebezifundiswa kwiminyaka engaphambili).

3. Mazingqinisiswe zonke izikrini ii-displays nee-capture screens neengxelo ii-error reports phambi kokuba kufumaneke icandelo lokusayinelwa kwesaveyi.

4. Malizaliswe icandelo lokusayinelwa kwesaveyi ukuvuma ukungqinisiswa kwedatha njengebonakalisa ngokuchanekileyo inani lobhaliso labafundi nenani labasebenzi ngowe-06 Matshi 2018.

5. Njengegosa le-EMIS leziko (institutional EMIS officer), inqununu mayizisingathe iinkqubo zedatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bengqinisekiso neesignitsha zabasebenzi abanikwe umsebenzi wokutshekisha idatha bunako ukwandlalwa kubaphicothi-zincwadi xa kwenziwe isicelo soko. Iinkqubo zesikolo zokusingathwa kwedatha ye-EMIS mazirekhodwe ukuqinisekisa ukubanako ukuphendula ngokuchaneka kwedatha njengoko ingcaciso inokuphicothwa. Niyacelwa ukuba nifunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/12, yomhla we-10 Agasti 2012, ukufumana ingcaciso engaphezulu.

6. Kunyanzelekile kusetyenziswe inombolo yesazi kazwelonke (national identity (ID) number) kubo bonke abafundi abakwiisistim zolawulo nokuphathwa kwezikolo ezikwikhompyutha (computerised school administration and management systems). Iyafumaneka ingxelo yeCEMIS ukulungiselela ukuqaphela abafundi abangenazo iinombolo zesazisi (ID numbers) nokuququzelela ukufakwa kwikhompyutha kweenombolo ze-ID ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi esemthethweni, MAYINGAFAKWA inombolo yesazisi engekho mthethweni. Niyacelwa nibacebise abazali ngenkqubo yokwenza isicelo sesazisi kwiSebe lweMicimbi yezeKhaya (Department of Home Affairs (DHA)). Ziyacelwa iinqununu zibancedise abazali apho kufanelekileyo ngokuthi ziyiququzelele le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

7. Apho kuye kwakho naziphi na iingxaki ekuzalisweni kwale saveyi, niyacelwa niqhagamshelane nomphathi wesekethe ochaphazelekayo okanye negosa lesithili elidweliswe apha ngezantsi:

ISITHILI UMNTU EKUQHAGAMSHELWANA NAYE ISIKHUNDLA INOMBOLO YEFONI
Metro North Zaida Davids UMphathi we-ECD 021 938 3013
Anoesjka Kraukamp Technical Support 021 938 3013
Marshalee Braaf Technical Support 021 938 3013
Metro Central   UMphathi we-ECD 021 514 6929
Kyle Williams Technical Support 021 514 6946
Metro South Carmen Niekerk UMphathi we-ECD 021 370 2004
Carry-Ann Cozyn Technical Support 021 370 2017
Cameron du Toit Technical Support 021 370 2122
Metro East Michelle Liedemann UMphathi we-ECD 021 900 7221
Luciano Brummer Technical Support 021 900 7222
Nqwenelwa Baliso Technical Support 021 900 7221
West Coast Sally Meyer UMphathi we-ECD 021 860 1201
Grant Basson Technical Support 021 860 1269
Nathan Kannemeyer Technical Support 021 860 1268
Cape Winelands Madeleine Siddle UMphathi we-ECD 023 348 4677
Hazel van Rooyen (Swarts) Technical Support 023 348 4672
Kaylin Steyn Technical Support 023 348 4671
Overberg Lynn le Grange UMphathi we-ECD 028 214 7378
Molene Jantjies Technical Support 028 214 7360
Jadean Wildschut Technical Support 028 214 7360
Eden and Central Karoo Lucretia Roux UMphathi we-ECD 044 803 8314
Clementine Hartnic Technical Support 044 803 8314

8. ISebe iWCED liyalithakazelela igalelo nokuzimisela kwawo onke amagosa ezemfundo yaye lijonge ngethemba kwintsebenziswano yenu eya kuqhubeka okoko ngo-2018.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:19