1. ISaveyi eQuphayo (Snap Survey) egazethiweyo yezikolo zikarhulumente zemfundo eenemfuno ezizodwa iya kuqhutywa nge-06 Matshi 2018. Iinqununu kuya kufuneka zisayine idatha yobhaliso lwabafundi ukuqinisekisa ukuba ichanekile kwiCEMIS. Le saveyi iya kufumaneka ezikolweni kwiCEMIS ukususela nge-23 Februwari 2018. Kucelwa uqinisekise ukuba okulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwiCEMIS, ukwenze oko ungadlulanga owe-06 Matshi 2018:
1.1 Abafundi bafakwe kumabakala achanekileyo, kwiiklasi nakudidi lolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LoLT) oluchanekileyo.
1.2 Kugqityiwe ukukhutshelwa kwabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni).
1.3 Zezichanekileyo iinkcukacha ezingokhubazeko lwabafundi.
1.4 Zezichanekileyo iinkcukacha zootitshala.
1.5 Utshintsho kwizifundo olwenziwa kumabakala lugqityiwe.
1.6 Zonke izikrini zokufaka iinkcukacha ekhompyutheni zizalisiwe.

2. Kufuneka ukusayinelwa kweenkcukacha zedatha yeSnap kwenziwe ngabaphathi bokunika inkxaso kubafundi (Specialised Learner and Educator Support) (ziintloko zeSLES) kwizithili ungadlulanga owe-23 Matshi 2018.

3. Njengegosa loLawulo leeSistim zeNgcaciso zeMfundo kwiziko (Education Management Information Services (EMIS) officer), inqununu mayilawule iinkqubo zokufakwa kwedatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokungqinisiswa kunye neesiginitsha zabasebenzi abagqithiselwe amagunya okutshekisha idatha bunokuboniswa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi (auditors). Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/12, yange-24 Februwari 2012, ukufumana ingcaciso engaphezulu.

4. Izikolo ezikwizibhedlela kuya kufuneka zizalise ikopi eliphepha yesaveyi eliya kunikwa izikolo ngqo.

5. Kunyanzelekile kusetyenziswe inombolo yesazisi kazwelonke (national identity number) (ID) ngabo bonke abafundi kuzo zonke iisistim ezisebenza ngekhompyutha zezolawulo nokuphathwa kwezikolo. Ikho ingxelo yeCEMIS efumanekayo ukuqaphela abafundi abangenazinombolo ze-ID nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zezazisi ezingekhoyo/iinombolo ze-ID ezingachanekanga. Ukuba umfundi akanayo inombolo ye-ID esemthethweni, kucelwa umzali aziswe ngenkqubo yokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya (funda iSetyhula 0008/2014, yange-06 Matshi 2014). Kucelwa iinqununu zibancedise abazali, apho kunokwenzeka, ukuququzelela le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

6. Iinqununu maziququzelele iinkqubo zeSaveyi eQuphayo (Snap Survey processes) ukuqinisekisa ukuchaneka kwedatha efakwe ekhompyutheni nokugqitywa kwayo kwangexesha.

7. Xa kunokuthi kwenzeke ufune naluphi

ISithili UMlawuli weCEMIS weSithili Ifoni I-imeyili
Metro North Masixole Stofile 021 938 3052 Masixole.stofile@westerncape.gov.za
Metro Central Anita Mcgrath/
Tercia Southgate
021 514 6751/
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za/
tercia.southgate@westerncape.gov.za
Metro South Anastasia Rose/
Sive Jara
021 370 2120/
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za/
sive.jara@westerncape.gov.za
Metro East Buseka Ndinisa/
Thembeka Dlamini
021 900 7053/
021 900 7011
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za/
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za
Cape Winelands Kevin van Eeden 023 348 4633 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
Overberg Suzanne Braaf 028 214 7411 Suzanne.braaf@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Romelda Booysen/
Keith Zibi
044 803 8300/
044 803 8346
romelda.booysen@westerncape.gov.za/
Keith.Zibi@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:02:13