1. ISaveyi eQuphayo (SNAP Survey) yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neyezikolo ezizimeleyo iya kusetyenziselwa ukulawulwa nokuphathwa kwezikolo, kwakunye nokukhutshwa kwezibonelelo (resources) ukulungiselela u-2018.

2. I-SNAP Survey mayizaliswe yaye isayinelwe yinqununu kwiCEMIS ungadlulanga owe-30 Januwari 2018 (usuku lwe-10 lwesikolo). Umhla osikiweyo kuBaphathi beeSekethe wokusayinela ekhompyutheni idatha yeSaveyi eQuphayo yeCEMIS, ngowe-02 Febhuwari 2018.

3. Phambi kokusayinelwa kwayo kwiCEMIS, inqununu okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya, makaqinisekise oku kulandelayo:

  1. Bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo ngo-2018 mabavele kwibakala nakwiklasi echanekileyo yabo kwiCEMIS;
  2. Nawuphi na umfundi obelindeleke ukuba abuyele esikolweni, kodwa akafika esikolweni sakho kwade kwadlula owe-30 Januwari 2018 ukuza kubhalisa, makakhutshwe ezincwadini ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo wokuhamba isikolo kwabafundi. (Aba bafundi banokubhaliswa kwakhona kwiCEMIS ukuba beza kubhalisela ukwamkelwa esikolweni emva kowe-30 Januwari 2018.);
  3. Ilisti yootitshala abakwiCEMIS mayihlaziywe yaye ingqinisiswe, ungadlulanga owe-30 Januwari 2018, yaye kungqinisiswe nemeko yokuqeshwa kwabo kwiCEMIS. Isikrini sesishwankathelo sengcaciso engootitshala (staff summary screen) kwiCEMIS, siya kufaka ingcaciso ngokuzenzekelayo kusetyenziswa idatha yootitshala engqinisisiweyo (verified educator data). Izikrini zokufaka idatha (capture screens) ezinika ingxelo ngenani elichanekileyo lootitshala abasesikolweni mazizaliswe ngokuchanekileyo.
  4. Zonke ii-display, ii-capture screens neengxelo zeempazamo (error reports) mazingqinisiswe phambi kokuba kufumaneke icandelo elisayinelweyo lesaveyi ukwenzelwa ukusayinelwa kwazo;
  5. Makuzaliswe icandelo lesaveyi elisayinelwayo (sign-off section).
4. Kunyanzelekile ukusetyenziswa kwenombolo yesazisi kazwelonke (national identity number) ngabo bonke abafundi kuzo zonke iisistim zolawulo nokuphathwa kwezikolo ezikwikhompyutha. Ikho ingxelo yeCEMIS efumanekayo ukuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zezazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi evunyiweyo (valid ID number), makucetyiswe umzali ngenkqubo yokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ukuququzelela le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso loLawulo noKuphathwa kwamaZiko 0005/2014 ukufumana ingcaciso engaphezulu.

5. Wakuhlangabezana nabo nabuphi ubunzima ekuzalisweni kwale saveyi, kucelwa kuthetha-thethwane noMphathi weSekethe ochaphazelekayo okanye negosa lesithili elidweliswe apha ngezantsi:

ISITHILI UMLAWULI WESITHILI WE-CEMIS INOMBOLO YEFONI I-IMEYILI
Metro North Masixole Stofile 021 938 3052 Masixole.Stofile@westerncape.gov.za
Metro Central Anita McGrath
Tercia Southgate
021 514 6751
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za
tercia.southgate@westerncape.gov.za
Metro South Anastasia Rose
Sive Jara
021 370 2120
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za
sive.jara@westerncape.gov.za
Metro East Buseka Ndinisa
Thembeka Dlamini
021 900 7053
021 900 7011
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za
Cape Winelands Kevin Van Eeden 023 348 4633 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
Overberg Suzanne Braaf 028 214 7411 suzanne.braaf@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Yvonne Ngwane 044 803 8346 yvonne.ngwane@westerncape.gov.za

6. Umgangatho wedatha ye-EMIS uya kuqhagamshelaniswa neentlawulo zemimiselo nemigangatho ezenziwe ngoomatshini (norms and standards transfer payments). Iingxelo zokuthotyelwa kwemigaqo yedatha ye-EMIS (EMIS data compliance reports) ziya kufumaneka kwiinqununu kwiCEMIS. Iinqununu zimele ukuququzelela iinkqubo zeSaveyi yeSNAP ukuqinisekisa ukuchaneka kwedatha efakiweyo nokugqitywa kwayo ngexesha kwanokusayinelwa kwayo ngokunjalo.

7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyalithakazelela igalelo nokuzimisela kwawo onke amagosa ezemfundo ngo-2017. Siyijonge ngethemba intsebenziswano yenu eqhubeka okoko ngo-2018.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:12:13