Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180910-6167
12/2/13/6
IMIBUZO:   A Henriques    IFONI:   021 467 2767  IFEKSI:   086 241 5424

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOKUXHASA AMAZIKO NGEZIBONELELO:  0008/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO, KWIINQUNUNU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO AZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO EZINGEKHO PHANTSI KWESIQENDU 21


 

IILISTI ZAMAXABISO EZINTO ZOKUBHALA ZONYAKA WESIBINI (CONTRACT B/WCED 2381/16) NEZINTO ZOKUCOCA, EZOKUSEBENZA EGADINI NEZOMBANE (CONTRACT B/WCED 2382/16) UKULUNGISELELA ITHUBA ELISUSELA KWI-01 OKTOBHA 2018 UKUYA KWI-30 SEPTEMBA 2019


1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0017/2018, yomhla we-04 Apreli 2018.
2. Zazazisiwe izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kumhlathi 6 weSetyhula 0017/2018 ukuba iilisti zamaxabiso zonyaka wokuqala ziya kuphelelwa ngowe-30 Septemba 2018.
3. Kunikwa izikolo ke ngoku iilisti zamaxabiso amatsha ngokumalunga neemvumelwano ezikhoyo zokuthengwa nokusiwa kwezinto zokubhala nezokucoca, ezokusebenza egadini nezombane ezilawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
4. Ezi listi zamaxabiso zonyaka wesibini ziqhotyoshelwe apha ziya kuqala ukusebenza ukususela ngowe-01 Oktobha 2018 ukuya kowe-30 Septemba 2019. Kucelwa izikolo zisebenzise iilisti zamaxabiso ezifanelekileyo ngokwemimandla yazo.
5. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:09:10


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Addendum A - Stationery"  (ubukhulu: 76 KB)
"Addendum A - Cleaning"  (ubukhulu: 113 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe