ISALANTHISO: | 20180821-5467 12/2/13/6 |
 | IMIBUZO: | V Madasi | IFONI: | 021 467 2108 | IFEKSI: | 021 483 7658 |
INGCACISO EMFUTSHANE YOKUXHASA AMAZIKO NGEZIBONELELO: 0007/2018 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KWIKHARITYHULAM, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZIFUNDO NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NEZEZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA EZICHAPHAZELEKAYO |
| ISISTIM ESEBENZA NGEKHOMPYUTHA YEENCWADI ZOMSEBENZI ZAMABAKALA R UKUYA KU–9 UKULUNGISELELA U-2019 |
1. |
Iincwadi zomsebenzi (zamaBakala R ukuya ku-9) zesiqingatha sokuqala sonyaka ka-2019, zasiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente njengoko kwakuchaziwe kwiSetyhula 0027/2018. |
2. |
Ukwenzela ukuba izikolo zikwazi kwangethuba ukuziqaphela iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R ukuya ku-9 kwisiqingatha sokuqala sonyaka ka-2019, zonke izikolo zikarhulumente mazingene kwi-CEMIS phakathi kwe-22 ne-26 Oktobha 2018. Ngeli thuba izikolo maziwafake ekhompyutheni zize ziwasayinele amanani kanye ngqo eencwadi zomsebenzi ezifunyenweyo kwibakala ngalinye, ziwathelekisa namanani obhaliso lwabafundi aqikelelweyo angoJanuwari 2019. |
3. |
Xa zingena kwi-CEMIS, izikolo kufuneka zikhethe u-"Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, khetha u-"Workbooks" uze ukhethe u-"Welcome and guidelines" okanye iskrini i-"Capture" screen. |
5. |
Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, mayigqitywe inkqubo yokusayinelwa kwazo. |
6. |
Ingcaciso efunyenweyo malunga neencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ngokuqala kugqithwe kwi-EduInfoSearch, wona aya kuba noxanduva lokuququzelela nokulungiselela ukuziswa kweencwadi zomsebenzi apho kukho ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko. |
7. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:08:24
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |