Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180626-3769
12/17/9
IMIBUZO:   AW Africa    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 483 7658

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOKUXHASA AMAZIKO NGEZIBONELELO:  0006/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZIFUNDO, KUBASEBENZI BOKUNIKA INKXASO KUBAFUNDI NOOTITSHALA (SLES), KWIINQUNUNU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO LWEZIKOLO EZIZIIPRAYIMARI ZIKARHULUMENTE


 

IPHULO LOKUFUNDA UKUZE UKHOKELE (READ TO LEAD CAMPAIGN)


1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) lamisela iphulo loKufunda ukuze uKhokele ngo-2015 nelaligxile kakhulu ekuphuculeni izakhono zokufunda zabo bonke abantwana baseMzantsi Afrika.
2. I-Education Library and Information Services (EDULIS) yazibandakanya kwiprogram elilinge yeminyaka emibini ngo-2017 ukunceda ootitshala bamisele iikona zokufundela iincwadi kwiiklasi zamaBakala 3, 4 no-5. Ikwaceba nokuqalisa le nkqubo kwizikolo eziziiprayimari ezininzi eNtshona Koloni ngo-2019.
3. Emva kweminyaka emibini, ingqokelela yeencwadi eziseklasini mayilondolozwe ikwaphuculwa ngokusebenzisa ulwabiwo-mali lwemimiselo nemigangatho yesikolo (norms and standards) (N&S) (jonga iSetyhula 0042/2016, yowe-27 Septemba 2016).
4. Ootitshala abanqwenela ukuba yinxalenye yale projekthi ngo-2019–2020 banokuloga kwezi URL zilandelayo, https://docs.google.com/forms/d/1_QoVA-ehpUkeFSbFfE8z93j3-JzRQZ-W6T3Wf6GYNps/edit, ukuzalisa ikhweshine nokuyingenisa.
5. I-EDULIS ifuna ukumisela iikona zokufundela iincwadi eziklasini kwizikolo eziziiprayimari kuzo zonke izithili, kodwa ngenxa yokunqongophala kwezibonelelo zoncedo, kuphela ngootitshala abamalunga ne-20 kwisithili ngasinye abaya kuncedwa kumjikelo wokuqala (2019–2020).
6. Kucelwa kwakhona ufumane incwadana i-Love2Read ekufumaneka kuyo umbono kwakunye nemimiselo nemiqathango yale program.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:06:29


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Love2Read booklet"  (ubukhulu: 129 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe