Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20180711-4144
12/2/13/6
IMIBUZO:   A Henriques    IFONI:   021 467 2767  IFEKSI:   086 2415 424

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO:  0005/2018


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO, KUMASEKELA BALAWULI KWII-OFISI ZEZITHILI, KWIINQUNUNU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO AZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO EZINGEKHO PHANTSI KWESIQENDU 21


ISISHWANKATHELO
ESIFUTSHANE:      

Ithuba lokugqibela lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 loku-odola ngekhompyutha izinto zokubhala, ezokucoca, ezokusetyenziswa egadini kunye nezibonelelo ezingoomatshini eziya kusetyenziswa ngo-2019.


 

UKU-ODOLA NGEKHOMPYUTHA IZINTO ZOKUBHALA, EZOKUCOCA, EZOKUSETYENZISWA EGADINI KUNYE NEZIBONELELO EZINGOOMATSHINI KUNYAKA-MALI KA-2018/19 UKWENZELA ZONKE IZIKOLO EZINGEKHO PHANTSI KWESIQENDU 21


1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0017/2018, yowe-04 Apreli 2018.
2. Ukususela ngowe-30 Julayi ukuya kowe-08 Agasti 2018, zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 ziya kunikwa ithuba lokugqibela loku-odola izinto zokubhala, ezokucoca, ezokusetyenziswa egadini kunye nezibonelelo ezingoomatshini eziya kusetyenziswa ngo-2019.
3. Kuya kunikwa isikhokelo esimalunga nenkqubo yasekhompyutheni eyi-Central Education Management Information System (CEMIS) ukucacisa ngendlela yokufaka ekhompyutheni yaye kusayinelwe iimfuno zezinto zokubhala, ezokucoca, ezokusetyenziswa egadini kunye neemfuno zezibonelelo ezingoomatshini mazifakwe ekhompyutheni yaye zisayinelwe.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kufaka ii-odolo zezinto zokubhala, ezokucoca, ezokusetyenziswa egadini kunye nezibonelelo ezingoomatshini egameni lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kubathengisi abakwimvumelwano (contracted suppliers), njengoko kuchaziweyo kule setyhula ikhankanyiweyo ngentla.
5. Izikolo zingafaka kuphela ekhompyutheni ii-odolo zezo zinto zidweliswe kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezokucoca eziqhotyoshelwe apha.
6. Kucelwa uqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayenzi sibonelelo sokuthengwa nokusiwa kwamaphepha okufotokopa okanye eekhatriji zeprinta. Ezi zinto, kwakunye nezinye izinto ezingadweliswanga kwiikhathalogu, ziya kuthengwa ngokwahlukeneyo ngeekoteyishini ezicelwa ngokuqala kugqithwe kwisistim yasekhompyutheni eyi-Integrated Procurement Solution (IPS). Izikolo mazingenise iirikhwizishini zezinto ezingadweliswanga kwi-WCED 026 form (ekopi yayo iqhotyoshelwe apha) kwi-Ofisi ye-Learning and Teaching Support Material (LTSM) ungadlulanga umhla we-08 Agasti 2018 ukuqinisekisa ukusiwa kwazo ngexesha.
7. Kuya kucelwa izikolo zisebenzise iimali zezabelo zazo zemimiselo nemigangatho (Norms and Standards) (N&S) yee-local purchases ukuhlawulela zonke iimfuno zazo zezinto zokubhala, ezokucoca, ezokusetyenziswa egadini kunye neemfuno zezibonelelo zokungoomatshini. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo zizicwangcise ngobulumko izigqibo zazo ezingokulawulwa kweemali zezabelo zeN&S, ukuqinisekisa ubukho bemali eyanaleyo ejongene neemfuno zazo. Ukuncedisa izikolo malunga noko kungqinisiswa kwee-odolo namaxabiso azo aya kuthunyelwa ezikolweni lo gama ii-odolo zisasetyenzwayo (processed).
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2018:07:11


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Masiqhame Trading: cleaning material catalogue"  (ubukhulu: 110 KB)
"WCED 026"  (ubukhulu: 61 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe